Job (25/42)  

1. Wasusela uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,
2. Ulawulo nonkwantyiso lunaye; Wenza uxolo ezindaweni zakhe eziphezulu.
3. Inokubalwa na imikhosi yakhe? Ngubani na ongaphunyelwayo kukukhanya kwakhe?
4. Angathini na umntu ukuba lilungisa kuThixo? Angathini na ukuba ngoqaqambileyo ozelwe ngumfazi?
5. Yabona, nenyanga ayimhlophe, Neenkwenkwezi aziqaqambile, emehlweni akhe.
6. Ubeke phi na ke umntu, impethu le, Nonyana ka-Adam, umbungu lo?

  Job (25/42)