| ← Job (25/42) → |
| 1. | Wasusela uBhiledadi wakwaShuwa, wathi, |
| 2. | Ulawulo nonkwantyiso lunaye; Wenza uxolo ezindaweni zakhe eziphezulu. |
| 3. | Inokubalwa na imikhosi yakhe? Ngubani na ongaphunyelwayo kukukhanya kwakhe? |
| 4. | Angathini na umntu ukuba lilungisa kuThixo? Angathini na ukuba ngoqaqambileyo ozelwe ngumfazi? |
| 5. | Yabona, nenyanga ayimhlophe, Neenkwenkwezi aziqaqambile, emehlweni akhe. |
| 6. | Ubeke phi na ke umntu, impethu le, Nonyana ka-Adam, umbungu lo? |
| ← Job (25/42) → |