← Job (23/42) → |
1. | Waphendula uYobhi, wathi, |
2. | Nanamhlanje inkalazo yam ineenkani, Isandla sam sinzima phezu kokugcuma kwam. |
3. | Yoo! Andaba bendisazi apho ndingamfumana khona, Ndize esihlalweni sakhe! |
4. | Bendiya kulicacisa phambi kwakhe ityala lam, Ndiwuzalise umlomo wam ngeziganeko. |
5. | Andaba bendikwazi ukuthetha abeya kundiphendula ngako, Ndiyiqonde into abeya kuyithetha kum. |
6. | Wobambana nam ngamandla amakhulu na? Hayi! Kodwa ke wondigqala. |
7. | Oko othe tye ubeya kubonisana naye, Ndisinde kumgwebi wam, kuphele. |
8. | Yabona, ndisinga phambili, angabikho; Nangasemva, ndingamnakani; |
9. | Ngasekhohlo, ekusebenzeni kwakhe, ndingamalami; Xa atyekela ngasekunene, ndingamboni. |
10. | Kuba uyayazi indlela enam; Endicikidile, bendiya kuphuma njengegolide. |
11. | Unyawo lwam lubambe umkhondo wakhe, Ndayigcina indlela yakhe, andathi gu bucala. |
12. | Emthethweni wemilebe yomlomo wakhe andisukanga; Ndiwabekile amazwi omlomo wakhe kunowam ummiselo. |
13. | Ke yena umi ndaweni-nye, ngubani na ongambuyisayo? Umphefumlo wakhe ukhanukile, uya kwenza oko. |
14. | Kuba uya kukufeza oko ndikumiselweyo; Zininzi ke izinto ezinje kuye. |
15. | Ngenxa yoko ndikhwankqiswe ebusweni bakhe. Ndakukugqala, ndisuka ndinkwantye nguye. |
16. | UThixo uyiqobisile intliziyo yam. USomandla undikhwankqisile. |
17. | Kuba andibhangiswanga ngenxa yobumnyama, Nangenxa yobuso bam obugutyungelwe sisithokothoko. |
← Job (23/42) → |