| ← Job (22/42) → |
| 1. | Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi, |
| 2. | Umfo unokumnceda na uThixo? Hayi bo! Uzinceda ngokwakhe oqiqayo. |
| 3. | Kumnandi na kuSomandla, xa ulilungisa? Kuyinzuzo na kuye, ukuba uyazigqibelelisa iindlela zakho? |
| 4. | Uya kukohlwaya na ngenxa yokoyika kwakho uThixo, Aye nawe ematyaleni? |
| 5. | Ububi bakho abubukhulu na? Ubugwenxa bakho asibobungaphele ndawo na? |
| 6. | Kuba ububambise umzalwana wakho ngelize, Ububahluba abaze iingubo. |
| 7. | Ubungamsezi manzi otyhafileyo, Olambileyo ubumwimba ukutya. |
| 8. | Ke indoda enengalo, belilelayo ilizwe; Obekekileyo ubehlala kulo. |
| 9. | Abahlolokazi ububandulula belambatha, Neengalo zeenkedama ubuzityumza. |
| 10. | Ngenxa yoko imigibe ikujikelezile, Ukhwankqiswe ngesiquphe kukunkwantyiswa. |
| 11. | Khona akububoni na ubumnyama, Nobuninzi bamanzi akugubungelayo? |
| 12. | UThixo ukuphakama kwakhe asikokwamazulu yini na? Bona ke intloko yazo iinkwenkwezi, ukuba phezulu kwayo! |
| 13. | Uthi ke wena, Wazi ntoni na uThixo? Unokugweba na, engaphaya kobumnyama bamafu? |
| 14. | Amafu amsithile, akaboni; Uzihambela okwakhe esazingeni samazulu. |
| 15. | Umendo wasephakadeni uya kuwugcina na, Abawunyatheleyo abantu abanobutshinga? |
| 16. | Abashwabene lingekabi lixesha; Lwanyibilika, lwangumsinga useko lwabo, |
| 17. | Ababesithi kuThixo, Suka kuthi; Angabenza ntoni na uSomandla? |
| 18. | Kanti ebenguye ozalisa izindlu zabo ngezinto ezilungileyo. Iqhinga labangendawo malibe lee kum. |
| 19. | Aya kubona oko amalungisa, avuye; Omsulwa uyabagculela, esithi, |
| 20. | Inene, abasukele phezulu kum bathe shwaka, Wakudla umlilo ukuphuphuma kwabo. |
| 21. | Khawenze ubuhlobo naye, ube noxolo; Ngaloo nto wozelwa kokulungileyo. |
| 22. | Khawamkele umyalelo emlonyeni wakhe, Ubeke iintetho zakhe entliziyweni yakho. |
| 23. | Ukuba uthe wabuyela kuSomandla, uya kwakhiwa. Ukuba uthe wabubeka kude ubugqwetha ezintenteni zakho, |
| 24. | Walibeka eluthulini ilitye legolide, Wayibeka eluhlalwini lwemilanjana neyakwaOfire: |
| 25. | USomandla woba lilitye legolide kuwe, Nesilivere ebengezelayo kakhulu. |
| 26. | Ngokuba uya kwandula ukuziyolisa ngoSomandla, Ubuphakamisele kuThixo ubuso bakho. |
| 27. | Wothandaza kuye, eve, Uzizalise izibhambathiso zakho; |
| 28. | Usongele into, ifezeke kuwe; Ezindleleni zakho kukhanye, kube mhlophe. |
| 29. | Xa zithe zehla, wothi, Phezulu! Amsindise omehlo aqondele phantsi. |
| 30. | Uya kusindisa nongemsulwa, Asizwe bubunyulu bezandla zakho. |
| ← Job (22/42) → |