| ← Job (21/42) → |
| 1. | Waphendula uYobhi, wathi, |
| 2. | Yivani, nikuve ukuthetha kwam; Kube ziintuthuzelo zenu oku. |
| 3. | Ndithwaleni, ndithethe nam; Nigculele emva kwamazwi am. |
| 4. | Mna, inkalazo yam isemntwini yini na? Khona bekungani ukuba ungazekaneki umoya wam? |
| 5. | Bhekani kum, nimangaliswe; Bekani isandla emlonyeni. |
| 6. | Okunene, ndakukhumbula, ndisuka ndikhwankqiswe, Nenyama yam ibanjwe kukududuzela. |
| 7. | Yini na ukuba abangendawo badle ubomi, Babe badala, kananjalo bomelele, babe namandla? |
| 8. | Imbewu yabo iqinile phambi kwabo, inabo; Nabaphume embilinini wabo basemehlweni abo. |
| 9. | Izindlu zabo zinoxolo, kungekho kunkwantya, Nentonga kaThixo ayibafikeli. |
| 10. | Inkunzi yabo iyazeka ingahlohleli; Imazi yabo iyazala ingaphunzi. |
| 11. | Bayawakhuphela njengomhlambi amakhwenkwe abo, Nabantwana babo bayadloba. |
| 12. | Baphakamisa ilizwi benengqongqo nohadi, Bavuye lilizwi logwali. |
| 13. | Bayayigqiba imihla yabo ngokuchwayitha, Behle ngephanyazo ukuya kwelabafileyo. |
| 14. | Bathi kuThixo, Suka kuthi, Asikunanzile ukuzazi iindlela zakho. |
| 15. | Uyini na uSomandla, ukuba simkhonze? Kusinceda ntoni na ukumjoka? |
| 16. | Yabona, azisesandleni sabo izinto zabo ezilungileyo; Iqhinga labangendawo malibe lee kum. |
| 17. | Kukangaphi na ke isibane sabangendawo sicinywa? Kubafikela ukusindeka kwabo? Ababele uThixo izintya ngomsindo wakhe? |
| 18. | Babe njengengca enqunqiweyo phambi komoya, Njengomququ ohlaselwa sisaqhwithi? |
| 19. | Nithi, UThixo ububekela abantwana babo ubutshinga babo. Makabuphindezele kubo ngokwabo, bazi bona; |
| 20. | Makayibone inkxwaleko yabo amehlo abo, Babusele ubushushu boSomandla. |
| 21. | Ngokuba bayinanze ngani bona indlu yabo emva kwabo, Lakuqhitshulwa inani leenyanga zabo? |
| 22. | Uya kufundiswa ukwazi uThixo na, Lowo ugweba abaphezulu? |
| 23. | Omnye ufa emandleni okwakhe ukuphila, Onwabile kanye, echulumachile. |
| 24. | Iimvaba zakhe zizele ngamasi, Nomongo wamathambo akhe utyebile. |
| 25. | Omnye ufa ukrakra umphefumlo wakhe, Engadlanga zinto zilungileyo. |
| 26. | Balala ndawonye eluthulini, Iimpethu ziyabagubungela bobabini. |
| 27. | Yabona, ndiyazazi iingcinga zenu, Namayelenqe enindigonyamela ngawo. |
| 28. | Xa nithi, Iphi na indlu yesibhovubhovu? Iphi na intente ebalulekileyo yabangendawo? |
| 29. | Anibuzanga na kwabadlula ngendlela? Imiqondiso yabo ninako na ukuyikhanyela? |
| 30. | Ukuba ngemini yokusindeka wanqandwa ongendawo, Ngemini yokuphuphuma umsindo wemkiswa? |
| 31. | Ngubani na ongaxela ebusweni bakhe indlela yakhe? Enze into yena, ngubani na oya kuphindezela kuye? |
| 32. | Usiwa emangcwabeni yena, Alinde esigangeni. |
| 33. | Anencasa kuye amagada esihlambo; Emva kwakhe kulandela lonke uluntu, Nangaphambi kwakhe belungenakubalwa. |
| 34. | Ningathini na ke ukundithuthuzela ngeento ezingento, limpendulo zenu zisele zibubumenemene nje? |
| ← Job (21/42) → |