| ← Job (20/42) → |
| 1. | Wasusela uTsofare waseNahama, wathi, |
| 2. | Ngako oko iingcingangcinga zam ezi ziyandiphendula, Ngenxa yokuthabatheka kwam ngaphakathi kwam. |
| 3. | Ukuthethisa okundihlazayo ndiyakuva, Ke umoya uyandiphendula engqondweni yam. |
| 4. | Oku uyakwazi na kambe kwanini, Kususela koko lwabekwayo uluntu ehlabathini: |
| 5. | Ukuba ukumemelela kwabangendawo kufutshane, Ukuvuya kweentshembenxa kokwephanyazo? |
| 6. | Nokuba kuthe kwenyuka kwaya ezulwini ukuphakama kwakhe, Intloko yakhe wayifikisa emafini: |
| 7. | Njengelindle lakhe uya kudaka kuphele, Abambonayo bathi, Uphi na? |
| 8. | Uya kuphaphazela emke njengephupha, angafunyanwa, Aphekuzwe njengombono wobusuku. |
| 9. | Iliso elikhe lambona, aliyi kuphinda; Indawo yakhe ayisayi kumalama. |
| 10. | Abantwana bakhe baya kungxengxezela abasweleyo, Izandla zakhe zibuyise imfuyo yakhe. |
| 11. | Amathambo akhe ebezele bubutsha; Bolaliswa phantsi naye eluthulini. |
| 12. | Nokuba ububi bebunencasa emlonyeni wakhe, Wabugusha phantsi kolwimi lwakhe, |
| 13. | Wabuconga akabuyeka, Wabuthintela ekhuhlangubeni lakhe; |
| 14. | Isonka sakhe sibhuqukile emathunjini akhe, Yinyongo yamaphimpi embilinini wakhe. |
| 15. | Uginye ubutyebi, wabuhlanza; Uyabukhupha esiswini sakhe uThixo. |
| 16. | Womungunya ubuhlungu bamaphimpi, Lumbulale ulwimi lwenyushu. |
| 17. | Akayi kubona mijelo, Milambo, zihlambo zobusi namasi. |
| 18. | Ebuyisa awakuxelengayo, akakuginyi; Angavuyi ngangobutyebi aburhwebileyo. |
| 19. | Kuba wabathi viki, wabalahla, abasweleyo; Waxhakamfula indlu, angayakhanga. |
| 20. | Kuba engalwazanga uxolo esiswini sakhe, Akayi kusinda nezinto zakhe ezinqwenelekayo. |
| 21. | Bekungekho nto isindayo emqaleni wakhe; Ngenxa yoku, aziyi kuhlala izinto zakhe ezilungileyo. |
| 22. | Ekuzalisekeni kokumaneleyo ubandezelekile, Izandla zonke zabangento ziyamfikela. |
| 23. | Kothi, ukuze sizaliswe isisu sakhe, UThixo athumele kuye ukuvutha komsindo wakhe, Awunise phezu kwakhe enyameni yakhe. |
| 24. | Ebaleka isikrweqe sesinyithi, Lomphumela utolo lwesaphetha sobhedu. |
| 25. | Lurholiwe, lwaphuma emzimbeni, Nenyembe ebengezelayo enyongweni yakhe; Uyemka, izothuso ziphezu kwakhe. |
| 26. | Ubumnyama bonke bubekelwe iingqwebo zakhe; Udliwa ngumlilo ongavuthelwanga; Ugqibe okusindileyo ententeni yakhe. |
| 27. | Izulu lobutyhila ubugwenxa bakhe, Nehlabathi lisukele phezulu kuye. |
| 28. | Iya kufuduswa indyebo yendlu yakhe, Ikhukuliswe ngomhla womsindo wakhe. |
| 29. | Siso eso isabelo somntu ongendawo, sivela kuThixo, Nelifa alimiselweyo yena nguThixo. |
| ← Job (20/42) → |