← Job (2/42) → |
1. | Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakaThixo beza kuzimisa phambi koYehova; weza noSathana phakathi kwabo, ukuba azimise phambi koYehova. |
2. | Wathi uYehova kuSathana, Uvela phi na? USathana wamphendula uYehova, wathi, Ekutyhutyha-tyhutyheni ehlabathini, nasekuhamba-hambeni kulo. |
3. | Wathi uYehova kuSathana, Umgqalile na kodwa umkhonzi wam uYobhi, ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini: esabambeleleyo ekugqibeleleni kwayo, noko undixhokonxele kuyo ukubandiyiginyele ilize? |
4. | USathana wamphendula uYehova, wathi, Ulusu ngenxa yolusu; konke anako umntu wokunika ngenxa yomphefumlo wakhe. |
5. | Kodwa ke khawuse isandla sakho ngoku, uchukumise emathanjeni akhe nasenyameni yakhe, ukuba akayi kukulahla na nawe lo, akwenze oko ebusweni bakho. |
6. | Wathi uYehova kuSathana, Nanko esesandleni sakho; kuphela wogcina umphefumlo wakhe. |
7. | Waphuma ke uSathana, wemka ebusweni bukaYehova; wambetha uYobhi ngamathumba amabi, wathabathela entendeni yonyawo lwakhe, wesa elukakayini lwakhe. |
8. | Wathabatha ukhamba ukuba azikhuhle ngalo, ehleli eluthuthwini. |
9. | Wathi umkakhe kuye, Usabambelele na ekugqibeleleni kwakho? Mlahle uThixo, ufe. |
10. | Wathi yena kuye, Uthetha njengesidengekazi. Siya kwamkela okulungileyo kuThixo, singamkeli nokubi, yini na? Kuko konke oko akonanga uYobhi ngomlomo wakhe. |
11. | Ke kaloku izihlobo ezithathu zikaYobhi zabuva bonke obo bubi bumfikeleyo, zeza, saeso sivela endaweni yaso: uElifazi wakwaTeman, noBhiledadi wakwaShuwa, noTsofare waseNahama. Banqophisana ukuba beze, bamkhuze, bamthuthuzele. |
12. | Baphakamisa amehlo abo besekude, abamazi; baphakamisa izwi labo, balila; bakrazula elowo ingubo yakhe yokwaleka, bazigalela ngothuli entloko, beluphosa phezulu ezulwini. |
13. | Bahlala naye emhlabeni apho iimini zasixhenxe nobusuku bazo; kungekho namnye uthetha naye, kuba babebona ukuba umvandedwa wakhe mkhulu kakhulu. |
← Job (2/42) → |