← Job (19/42) → |
1. | Waphendula uYobhi, wathi, |
2. | Kunini na nisenza isingqala kumphefumlo wam, Nindityumza ngokuthetha? |
3. | Ezi zihlandlo zilishumi nindihlazile; Anidanile, niyandikhwankqisa. |
4. | Khona ke ndithe okunene ndalahleka, Kuhleli nam ukulahleka kwam. |
5. | Ukuba okunene nithe nazikhulisa kum, Nandohlwaya ngengcikivo yam: |
6. | Yazini ngoko, ukuba nguThixo ondigobileyo, Wandirhawula ngomnatha wakhe. |
7. | Yabona, ndiyakhala, ndithi, Ndagonyamelwa! kungasatyelwa; Ndiyazibika, kungabikho kulungisa. |
8. | Uyibiyile indlela yam, akwabakho ukugqitha; Ezingqushwini zam wamisa ubumnyama. |
9. | Undihlube uzuko lwam, Wasusa isithsaba sentloko yam. |
10. | Undidilizile ngeenxa zonke, ndemka; Walincothula njengomthi ithemba lam. |
11. | Uwuvuthise ngakum umsindo wakhe, Wandibalela ekuthini ndingowababandezeli bakhe. |
12. | Zeza kunye izimpi zakhe, Zandifumbela indlela yazo, Zayizunguleza ngeenxa zonke intente yam. |
13. | Abazalwana bam ubase kude kum, Abandaziyo sebengabasemzini kanye kum. |
14. | Izalamane zam zindishiyile, Nabazana nam bandilibele. |
15. | Abahlala endlwini yam, nabakhonzazana bam, Bandibalele ekuthini ndingowasemzini, Ndingowolunye uhlanga emehlweni abo. |
16. | Ndibiza umkhonzi wam, angasabeli; Ndimbongoze ngomlomo wam. |
17. | Umoya wam umkruqule umkam; Ndiyanuka kubantwana besizalo esandizalayo. |
18. | Namakhwenkwe ayandicekisa; Ndakusuka, asuka athethe ngam. |
19. | Ndilisikizi kumakholwane am, Nabendibathanda bandiguqukele. |
20. | Amathambo am atshele eluswini lwam nasenyameni yam; Ndisinde macebetshu. |
21. | Tarhuni, tarhuni, zihlobo zam; Kuba isandla sikaThixo sindiphethe. |
22. | Yini na ukuba nindisukele njengoThixo, Ninganeli yinyama yam? |
23. | Akwaba ngoku ebebhalwa amazwi am! Akwaba ebekrolwe encwadini! |
24. | Ngentlabo yesinyithi, atyhidwe ngelothe, Axholelwe eweni nanini! |
25. | Ke mna ndiyazi ukuba umhlawuleli wam uhleli; Engowokuphela, uya kusuka eme phezu kothuli lwehlabathi. |
26. | Emveni kokuba ulusu lwam ludlavulwe lwanje, Ingasekho inyama yam, ndiya kumbona uThixo, |
27. | Endiya kuzibonela mna ngokwam; Amehlo am ambone, ingabi wumbi. Ziyaphelelwa izintso zam ngaphakathi kwam. |
28. | Ukuba nithi, Simsukela ngani na? Ingcambu yaloo nto ifunyenwe kum: |
29. | Nxunguphalani likrele; Kuba ubushushu, bubo ubugwenxa obufanele ikrele, Ukuze nazi ukuba kukho umgwebo. |
← Job (19/42) → |