| ← Job (19/42) → |
| 1. | Waphendula uYobhi, wathi, |
| 2. | Kunini na nisenza isingqala kumphefumlo wam, Nindityumza ngokuthetha? |
| 3. | Ezi zihlandlo zilishumi nindihlazile; Anidanile, niyandikhwankqisa. |
| 4. | Khona ke ndithe okunene ndalahleka, Kuhleli nam ukulahleka kwam. |
| 5. | Ukuba okunene nithe nazikhulisa kum, Nandohlwaya ngengcikivo yam: |
| 6. | Yazini ngoko, ukuba nguThixo ondigobileyo, Wandirhawula ngomnatha wakhe. |
| 7. | Yabona, ndiyakhala, ndithi, Ndagonyamelwa! kungasatyelwa; Ndiyazibika, kungabikho kulungisa. |
| 8. | Uyibiyile indlela yam, akwabakho ukugqitha; Ezingqushwini zam wamisa ubumnyama. |
| 9. | Undihlube uzuko lwam, Wasusa isithsaba sentloko yam. |
| 10. | Undidilizile ngeenxa zonke, ndemka; Walincothula njengomthi ithemba lam. |
| 11. | Uwuvuthise ngakum umsindo wakhe, Wandibalela ekuthini ndingowababandezeli bakhe. |
| 12. | Zeza kunye izimpi zakhe, Zandifumbela indlela yazo, Zayizunguleza ngeenxa zonke intente yam. |
| 13. | Abazalwana bam ubase kude kum, Abandaziyo sebengabasemzini kanye kum. |
| 14. | Izalamane zam zindishiyile, Nabazana nam bandilibele. |
| 15. | Abahlala endlwini yam, nabakhonzazana bam, Bandibalele ekuthini ndingowasemzini, Ndingowolunye uhlanga emehlweni abo. |
| 16. | Ndibiza umkhonzi wam, angasabeli; Ndimbongoze ngomlomo wam. |
| 17. | Umoya wam umkruqule umkam; Ndiyanuka kubantwana besizalo esandizalayo. |
| 18. | Namakhwenkwe ayandicekisa; Ndakusuka, asuka athethe ngam. |
| 19. | Ndilisikizi kumakholwane am, Nabendibathanda bandiguqukele. |
| 20. | Amathambo am atshele eluswini lwam nasenyameni yam; Ndisinde macebetshu. |
| 21. | Tarhuni, tarhuni, zihlobo zam; Kuba isandla sikaThixo sindiphethe. |
| 22. | Yini na ukuba nindisukele njengoThixo, Ninganeli yinyama yam? |
| 23. | Akwaba ngoku ebebhalwa amazwi am! Akwaba ebekrolwe encwadini! |
| 24. | Ngentlabo yesinyithi, atyhidwe ngelothe, Axholelwe eweni nanini! |
| 25. | Ke mna ndiyazi ukuba umhlawuleli wam uhleli; Engowokuphela, uya kusuka eme phezu kothuli lwehlabathi. |
| 26. | Emveni kokuba ulusu lwam ludlavulwe lwanje, Ingasekho inyama yam, ndiya kumbona uThixo, |
| 27. | Endiya kuzibonela mna ngokwam; Amehlo am ambone, ingabi wumbi. Ziyaphelelwa izintso zam ngaphakathi kwam. |
| 28. | Ukuba nithi, Simsukela ngani na? Ingcambu yaloo nto ifunyenwe kum: |
| 29. | Nxunguphalani likrele; Kuba ubushushu, bubo ubugwenxa obufanele ikrele, Ukuze nazi ukuba kukho umgwebo. |
| ← Job (19/42) → |