| ← Job (18/42) → |
| 1. | Waphendula uBhiledadi wakwaShuwa, wathi, |
| 2. | Kunini na nikuzingela ukuthetha? Qondani, sothetha emveni koku. |
| 3. | Yini na ukuba kuthiwe sinjengeenkomo, Sibe ziinqambi emehlweni akho? |
| 4. | Wena uziqwengayo ngomsindo wakho, Liya kushiywa ihlabathi ngenxa yakho, lingamiwa na? Likhwelele iliwa endaweni yalo? |
| 5. | Noko nokukhanya oku kongendawo kuya kucinywa, Lingabi mhlophe ilangatye lomlilo wakhe. |
| 6. | Ukukhanya kuya kwenziwa mnyama ententeni yakhe, Nesibane sakhe sicinywe phezu kwakhe. |
| 7. | Ukunyantsula kwakhe kuya kuxinwa, Limphose phantsi kwaelakhe iqhinga. |
| 8. | Kuba uqhutyelwe emnatheni ziinyawo zakhe, Uhamba phezu kwesibatha. |
| 9. | Umgibe umbambisa ngesithende, Limbambise isango. |
| 10. | Lufihliwe emhlabeni ulutya lwakhe, Ukuthiwa hlasi kwakhe kusengqushwini. |
| 11. | Uyadandathekiswa ngeenxa zonke kukukhwankqisa, Kumbhebhethe, kuthane mbende naye. |
| 12. | Amandla akhe aya kuphela kukulamba, Ukusindeka kulungiselwe ukujingxela kwakhe. |
| 13. | Kudla iziqendu zolusu lwakhe; Udla iziqendu zakhe owamazibulo wokufa. |
| 14. | Iyancothuka ententeni yakhe inkoloseko yakhe, Ahanjiselwe kukumkani wokukhwankqisa. |
| 15. | Kuhleli ententeni yakhe izinto zasemzini; Kugcwayelwa isulfure ekhayeni lakhe. |
| 16. | Ngaphantsi ziya koma iingcambu zakhe, Ngaphezulu abune amasebe akhe. |
| 17. | Isikhumbuzo sakhe siya kudaka ehlabathini, Angabi nagama nasemaphandleni. |
| 18. | Baya kumtyhala ekukhanyeni, aye ebumnyameni, Aphekuzwe kwelimiweyo. |
| 19. | Akayi kuba nanyana nanzala ebantwini bakowabo, Kungabikho usindileyo emizini yakhe. |
| 20. | Bomangaliswa yimini yakhe abahleli entshonalanga, Nabasempumalanga babanjwe kukuba namanwele. |
| 21. | Inene, injalo iminquba yabanobugqwetha, Injalo indawo yongamaziyo uThixo. |
| ← Job (18/42) → |