Job (17/42)  

1. Umoya wam wonakele, imihla yam icinyiwe, Into yam ngamangcwaba.
2. Inene ndiyinto abadlala ngayo, Neliso lam lilibele ziinkani zabo.
3. Khawubeke into, undimele; Ngubani na yena oya kubambana nam ngesandla?
4. Ngokuba intliziyo yabo uyifihlele ukuqiqa; Ngenxa yoko akuyi kubaphakamisa.
5. Unikela abahlobo ukuba babe ngamaxhoba, Amehlo abantwana bakhe aze aphelelwe.
6. Undimise ndaba ngumzekeliso ezizweni; Ndaba ngotshicelwa ebusweni.
7. Laza lanorhatyazo iliso lam kukukhathazeka; Amalungu am aba njengesithunzi onke ephela.
8. Bamangaliswa abathe tye yile nto; Omsulwa uyazixhokonxa ngenxa yentshembenxa.
9. Ke olilungisa ubambe indlela yakhe, Ozandla zihlambulukileyo uya ekhalipha.
10. Kodwa nina nonke, buyani, khanize; Andiyi kufumana silumko phakathi kwenu.
11. Imihla yam idlule, zijaciwe izigqibo zam, Amafa entliziyo yam.
12. Bathi ubusuku yimini; Ukukhanya kusondele, xa kuza kuba mnyama.
13. Ukuba ndithe ndathemba, ndithembe elabafileyo, indlu yam; Ndandlala umandlalo wam emnyameni;
14. Ukuba ndithe kukubola, Ungubawo; Ndathi kwimpethu, Unguma, ungudade wethu:
15. Liphi na ke ngoku ithemba lam? Ithemba lam, ngubani na owolibona?
16. Liya kuhla liye emivalweni yelabafileyo, Xa siphumla kunye eluthulini.

  Job (17/42)