| ← Job (17/42) → |
| 1. | Umoya wam wonakele, imihla yam icinyiwe, Into yam ngamangcwaba. |
| 2. | Inene ndiyinto abadlala ngayo, Neliso lam lilibele ziinkani zabo. |
| 3. | Khawubeke into, undimele; Ngubani na yena oya kubambana nam ngesandla? |
| 4. | Ngokuba intliziyo yabo uyifihlele ukuqiqa; Ngenxa yoko akuyi kubaphakamisa. |
| 5. | Unikela abahlobo ukuba babe ngamaxhoba, Amehlo abantwana bakhe aze aphelelwe. |
| 6. | Undimise ndaba ngumzekeliso ezizweni; Ndaba ngotshicelwa ebusweni. |
| 7. | Laza lanorhatyazo iliso lam kukukhathazeka; Amalungu am aba njengesithunzi onke ephela. |
| 8. | Bamangaliswa abathe tye yile nto; Omsulwa uyazixhokonxa ngenxa yentshembenxa. |
| 9. | Ke olilungisa ubambe indlela yakhe, Ozandla zihlambulukileyo uya ekhalipha. |
| 10. | Kodwa nina nonke, buyani, khanize; Andiyi kufumana silumko phakathi kwenu. |
| 11. | Imihla yam idlule, zijaciwe izigqibo zam, Amafa entliziyo yam. |
| 12. | Bathi ubusuku yimini; Ukukhanya kusondele, xa kuza kuba mnyama. |
| 13. | Ukuba ndithe ndathemba, ndithembe elabafileyo, indlu yam; Ndandlala umandlalo wam emnyameni; |
| 14. | Ukuba ndithe kukubola, Ungubawo; Ndathi kwimpethu, Unguma, ungudade wethu: |
| 15. | Liphi na ke ngoku ithemba lam? Ithemba lam, ngubani na owolibona? |
| 16. | Liya kuhla liye emivalweni yelabafileyo, Xa siphumla kunye eluthulini. |
| ← Job (17/42) → |