| ← Job (15/42) → |
| 1. | Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi, |
| 2. | Isilumko siphendula ngokwazi okungumoya na, Sizalise umbilini waso ngolophu lwasempumalanga na? |
| 3. | Khe sohlwaye ngentetho engancediyo na, Nangokukhuluma okungasizi lutho na? |
| 4. | Phezu koko wena utshitshise ukoyika uThixo, Wanciphisa ukuthelekelela phambi koThixo; |
| 5. | Ngokuba ubugwenxa bakho bufundisa umlomo wakho, Unyule ulwimi lwabanobuqhophololo. |
| 6. | Ngumlomo wakho okugwebayo, asindim; Ngumlomo wakho okuphendulayo. |
| 7. | Nguwe na owazalwa kuqala, waba ngumntu? Waveliswa ngenimba ngaphambi kweenduli? |
| 8. | Wawukho na egquguleni likaThixo? Wabutsalela kuwe na ubulumko obo? |
| 9. | Wazi ntoni na, esingayaziyo thina? Uqonde ntoni na, engekhoyo nathi kuthi? |
| 10. | Kunje thina siziingwevu namaxhego, Amadala nakuyihlo ngokuzalwa. |
| 11. | Zincinane na kuwe iintuthuzelo zikaThixo, Nelizwi elithethe kuhle nawe? |
| 12. | Imka nantoni na intliziyo yakho? Aphanyazela ntoni na emehlo akho, |
| 13. | Le nto ukuguqulela kuThixo ukufutha kwakho, Ukhuphe ukuthetha emlonyeni wakho? |
| 14. | Uyintoni na umntu, ukuba aqaqambe? Abe lilungisa ozelwe ngumfazi? |
| 15. | Yabona, nabangcwele bakhe akakholwa ngabo, Nezulu aliqaqambile emehlweni akhe. |
| 16. | Ubeke phi na olisikizi, oyimbozisa; Umntu lo, usela ubugqwetha njengamanzi? |
| 17. | Ndokuxelela, ndiphulaphule; Endikubonileyo ndikubalisele; |
| 18. | Okwaxelwa zizilumko, Kuvela kooyise, zaza azakufihla. |
| 19. | Lanikwa zona zodwa ilizwe, Akwangena wasemzini phakathi kwazo. |
| 20. | Yonke imihla yakhe, ongendawo uyazibhijabhija; Inani leminyaka liqwetyelwe ingqwangangqwili. |
| 21. | Kumi ilizwi lokunkwantyisa ezindlebeni zakhe, Eluxolweni uyamfikela umbhuqi. |
| 22. | Akakholwa ukuba uya kubuya emnyameni; Ke yena uqwetyelwe ikrele. |
| 23. | Uphalaphalela ukutya, esithi, Kuphi na? Uyazi ukuba ulungiselwe imini yobumnyama ecaleni kwakhe. |
| 24. | Udandathekiswa yimbandezelo nayingcutheko; Ithi gaga phezu kwakhe, njengokumkani olungiselwe isiphendu sokulwa. |
| 25. | Ngokuba esolulele kuThixo isandla sakhe, Wazenza igorha kuSomandla: |
| 26. | Wamgila, eyolule intamo, Ngamaqhubu angqingqwa eengweletshetshe zakhe; |
| 27. | Ngokuba egubungele ubuso bakhe ngamanqatha akhe, Watyeba wanamanqatha emihlubulweni yakhe. |
| 28. | Wema imizi engamanxuwa, Nezindlu ezingezakuhlalwa, Ezamiselwa ukuba zibe yimiwewe. |
| 29. | Akayi kuba sisityebi, abuyi kuma ubutyebi bakhe; Inzuzo yakhe ayiyi kunaba emhlabeni. |
| 30. | Akayi kusinda ebumnyameni; Igatya lakhe liya komiswa ngedangatye; Emke ngokufutha komlomo wakhe. |
| 31. | Okhohliswayo makangathembeli kumampunge; Kuba inkohlakalo iya kuba lulwanano lwakhe. |
| 32. | Kozaliseka oko ingekabi yimini yakhe, Isebe lakhe lesundu lingabi luhlaza. |
| 33. | Wowisa njengomdiliya uwisa iidiliya zawo ezikrwada; Avuthulule njengomnquma intyantyambo yawo. |
| 34. | Kuba ibandla leentshembenxa liya kuba njengento embatshileyo, Umlilo uzitshise iintente zokucenga. |
| 35. | Bakhawula ububi, bazale ubutshinga, Umbilini wabo usebenze inkohliso. |
| ← Job (15/42) → |