| ← Job (14/42) → |
| 1. | Umntu, into ezelwe ngumfazi, Imihla yakhe mifutshane, izele ziinkathazo. |
| 2. | Uphuma njengentyantyambo, abune; Ubaleka njengethunzi, angemi. |
| 3. | Onjalo umvelela ngeliso lakho, Undimise mna ematyaleni phambi kwakho? |
| 4. | Akwaba bekukho ohlambulukileyo ophume koyinqambi! Akukho nokuba abe mnye. |
| 5. | Imisiwe nje imihla yakhe, Liyaziwa nguwe inani leenyanga zakhe; Umenzele ke umda wakhe ongenakugqithwa. |
| 6. | Susa amehlo akho kuye, aphumle, Ade akholiswe njengomqeshwa yimini yakhe. |
| 7. | Kuba kukho ithemba emthini; Ukuba uthe wagawulwa, wobuya uhlume, Igatya lawo lingapheli. |
| 8. | Ukuba ithe yaba ndala ingcambu yawo emhlabeni, Safa isibili sawo eluthulini: |
| 9. | Ngevumba lamanzi wodubula, Wenze amasebe njengesithodlana. |
| 10. | Ke yena umfo ufa angquleke; Umntu uphuma umphefumlo; abe phi na ke? |
| 11. | Amanzi aselwandle ayemka; Umlambo uyatsha, wome: |
| 12. | Umntu ulala phantsi ke, angavuki; Lide izulu lingabikho, bangaqabuki, Bangavuswa ebuthongweni babo. |
| 13. | Akwaba ubungandigushayo kwelabafileyo, Undisithelise ude ubuye umsindo wakho; Undimisele umda, undikhumbule ke! |
| 14. | Ukuba uthe umfo wafa, wophila na? Yonke imihla yokuphuma kwam umkhosi, bendinga ndingalinda, Kude kufike ukukhululwa kwam. |
| 15. | Ubungabizayo ke, ndisabele mna, Uwulangazele umsebenzi wezandla zakho. |
| 16. | Kuba ngoku uyawabala amabanga am, Akuzigcinile ngenxa yesono sam. |
| 17. | Sitywiniwe savingcelwa engxoweni isikreqo sam; Wahlomela ebugwenxeni bam. |
| 18. | Kodwa intaba, isiwa, iyagubeka; Iliwa liyashenxa endaweni yalo; |
| 19. | Amanzi ayawadla amatye; Iziphango zawo ziyalukhukulisa uthuli lomhlaba; Ithemba lomntu uyalidakisa ke. |
| 20. | Uthi gaga phezu kwakhe kuphele, emke; Uguqula ubuso bakhe, umgxothe. |
| 21. | Bayazuka abantwana bakhe, angazi yena; Baba ziimbedlenge, angagqali yena. |
| 22. | Kuye yedwa ibuhlungu inyama yakhe, Umphefumlo wakhe uyalila ngaphakathi. |
| ← Job (14/42) → |