← Job (13/42) → |
1. | Yabona, konke oko likubonile iliso lam, Yakuva indlebe yam, yakuqonda. |
2. | Njengoko nazi ngako, ndiyazi nam; Andiwi nganeno kwenu. |
3. | Kodwa mna ndinga ndingathetha kuSomandla, Ndifuna ukuzihlamba kuThixo. |
4. | Kodwa ke nina ningabadyobha ngobuxoki, Ningamagqirha angento nonke niphela. |
5. | Anaba benithe tu kanye; Nibe niya kuba nilumkile. |
6. | Khaniphulaphule ke ukuzihlamba kwam, Ukuphika komlomo wam nikubazele indlebe. |
7. | UThixo niya kumthethelela ngobugqwetha na, Nimthethelele ngenkohliso na? |
8. | Niya kumnonelela na, Niphikele uThixo na? |
9. | Kolunga na xa athe wanigocagoca? Ninokumgculela na, njengokuba enokugculelwa umntu? |
10. | Wonohlwaya inene, Ukuba nithe ngasese nanonelela umntu. |
11. | Ubungangamela bakhe abuyi kunidandathekisa na, Kuniwele ukunkwantyisa kwakhe? |
12. | Izikhumbuzo zenu yimizekeliso yothuthu; Iingqolo zenu zoba ziingqolo zodaka. |
13. | Yithini tu! Ndiyekeni, ukuze ndithethe, Kundihlele okundihlelayo. |
14. | Kungani na ukuba ndiyiphathe inyama yam ngamenyo am, Umphefumlo wam ndiwubeke ezandleni zam? |
15. | Yabona, nokuba uthe wandibulala, ndolindela kuye; Kodwa ndozihlamba iindlela zam ebusweni bakhe. |
16. | Kwaoko koba lusindiso kum: Okuba intshembenxa ingayi kuza ebusweni bakhe. |
17. | Yivani, nikuve ukuthetha kwam, Nengxelo yam, ngeendlebe zenu. |
18. | Khanibone, ndilicacisile ityala lam; Ndiyazi ukuba ndiya kugwetyelwa mna. |
19. | Ngubani na ke ongabambana nam? Kuba bendiya kuthi tu kaloku, ndiphume umphefumlo. |
20. | Kodwa izinto ezimbini musa ukuzenza kum, Ndize ndingazisithelisi ebusweni bakho: |
21. | Isandla sakho sise kude kum, Nesothuso sakho singandidandathekisi. |
22. | Biza ke, ndisabele mna; Mhlawumbi ndithethe, undiphendule. |
23. | Zingaphi na izenzo ezigwenxa, nezono zam? Ndazise isikreqo sam, nesono sam. |
24. | Yini na ukuba ubusithelise ubuso bakho, Ube ndilutshaba kuwe? |
25. | Uya kungcangcazelisa ugxothe igqabi eliphetshethwayo na, Usukele umququ owomileyo na? |
26. | Ngokuba uzibhalela kum izinto ezikrakra, Undidlisa ilifa lezenzo ezigwenxa zobutsha bam; |
27. | Uzifaka esitokisini iinyawo zam, Uwugqala wonke umendo wam; Uzikrwelela umda ojikelezayo izithende zeenyawo zam: |
28. | Mna lo, uhageleyo njengevithi, Njengengubo edliwe ngamanundu. |
← Job (13/42) → |