| ← Job (12/42) → |
| 1. | Waphendula uYobhi, wathi, |
| 2. | Kambe, nini abantu; Buya kufa nani ubulumko. |
| 3. | Nam ke ndinentliziyo njengani; Andiwi nganeno kwenu. Ngubani na ongazaziyo izinto ezinjalo? |
| 4. | Ndiyintlekisa kummelwane mna, Endibe ndingonqula uThixo, andiphendule; Uyintlekisa olilungisa, ogqibeleleyo. |
| 5. | Onelishwa yinto yokudelwa ngokwamabhongo abonwabileyo; Kulungiselwe abanyawo zikhubekayo. |
| 6. | Kukho ukuchulumacha ezintenteni zababhuqi; Bakholosile abamqumbisayo uThixo, Abafumbatha uThixo esandleni sabo. |
| 7. | Kodwa khawubuze ezinkomeni, zokuyala; Nasezintakeni zezulu, zokuxelela; |
| 8. | Thetha nomhlaba, wokuyala; Zokubalisela neentlanzi zolwandle. |
| 9. | Ngubani na ongaziyo ngezo zinto zonke, Ukuba sisandla sikaYehova esikwenzileyo oko? |
| 10. | Usesandleni sakhe umphefumlo wezinto zonke eziphilileyo, Nomoya wenyama yonke eyiyeyomntu. |
| 11. | Indlebe ayiyi kukucikida na ukuthetha, Nekhuhlangubo likuve ukudla? |
| 12. | Emaxhegweni kusebulumkweni, Ebudeni bemihla kusengqondweni, |
| 13. | Bukuye ubulumko nobugorha, Lelakhe icebo nengqondo. |
| 14. | Yabona, ugungxula, kungakhiwa. Uyamvalela umntu, kungavulwa, |
| 15. | Yabona, uyawavala amanzi, atshe; Uyawavulela, aliphethule ilizwe. |
| 16. | Anaye amandla nozimaso; Ngowakhe odungudelayo nodungudelisayo. |
| 17. | Umkisa amaphakathi ebhunyulwe, Abagezise nabagwebi. |
| 18. | Ukhulula imbophelelo yookumkani, Abophe umbhinqo emanqeni abo. |
| 19. | Umkisa ababingeleli bebhunyulwe, Abazizimakade abaphenule. |
| 20. | Ususa intetho kwabanyanisekileyo, Ayithabathe imvo kumadoda amakhulu. |
| 21. | Uphalazela amanene ngendelo, Acombulule uqhwemesha lwabaziingqwemla. |
| 22. | Utyhila iinzulu zasebumnyameni, Alikhuphele emhlotsheni ithunzi lokufa. |
| 23. | Ukhulisa iintlanga, azitshabalalise; Uziphangalalisa iintlanga azifuduse. |
| 24. | Ususa ingqondo kwiintloko zabantu balo ilizwe, Azibhadulise enyanyeni engenandlela. |
| 25. | Ziphamza emnyameni kungekho kukhanya, Azibhadulise njengamanxila. |
| ← Job (12/42) → |