| ← Job (11/42) → |
| 1. | Wasusela uTsofare waseNahama, wathi, |
| 2. | Le nto ininzi yamazwi ayikuphendulwa na, Indoda elipholopholo igwetyelwe na? |
| 3. | Ukuphololoza kwakho kuya kubetha athi tu na amadoda, Ukuba ugculele, kungabikho ukuhlazayo? |
| 4. | Uthi, Iqaqambile imfundiso yam, Ndinyulu emehlweni akho. |
| 5. | Kodwa akaba uThixo ubethetha, Avule umlomo wakhe kuwe; |
| 6. | Akuxelele iimfihlakalo zobulumko, Ukuba buphindeke kabini, bayinto ezimasekileyo; Ubuya kwazi ke ukuba uThixo wenze ukuba ubulibale ubugwenxa bakho. |
| 7. | Unokufikelela na ezingontsingontsini zikaThixo? Unokufikelela na ekufezekeni kukaSomandla? |
| 8. | Kuphakame ngokwamazulu; unokwenza ntoni na? Kunzulu kunelabafileyo; unokwazi ntoni na? |
| 9. | Kukude kunehlabathi ukulinganiswa kwako, Kubanzi kunolwandle. |
| 10. | Ukuba uthe phe yena, wavingcela, Wamemela ematyaleni, ngubani na onokumnqanda? |
| 11. | Kuba yena uyabazi abantu abakhohlakeleyo, Uyabubona ubutshinga engaqondelanga. |
| 12. | Nomntu onjengesidenge angaba nokuqonda, Nethole le-esile lasendle lingaba nokuzalwa lingumntu. |
| 13. | Ukuba uthe wena wabhekisa intliziyo yakho kuye, Wazolulela izandla zakho kuye: |
| 14. | Ukuba kuthe kwakho inkohlakalo esandleni sakho, yise kude, Ungabuhlalisi ubugqwetha ezintenteni zakho; |
| 15. | Okunene, uya kwandula ukubuphakamisa ubuso bakho bungenasisihla, Uthi bhuxe, ungoyiki. |
| 16. | Kuba wokulibala ukwaphuka kwakho, Ukukhumbule njengamanzi adluleyo; |
| 17. | Ukudla kwakho ubomi kuvuke, kuqaqambe ngaphezu kwemini enkulu; Nakuba kusongelwe emnyameni, kokhanya njengokusa. |
| 18. | Wokholosa, ngokuba sekukho ithemba, Uhlole, ulale phantsi enkolosekweni; |
| 19. | Ubuthume, kungekho wothusayo, Bakuncekelele abaninzi. |
| 20. | Ke wona amehlo abangendawo ophelelwa; Idake kubo indawo yokusabela, Ithemba labo libe kukuphuma umphefumlo. |
| ← Job (11/42) → |