Job (11/42)  

1. Wasusela uTsofare waseNahama, wathi,
2. Le nto ininzi yamazwi ayikuphendulwa na, Indoda elipholopholo igwetyelwe na?
3. Ukuphololoza kwakho kuya kubetha athi tu na amadoda, Ukuba ugculele, kungabikho ukuhlazayo?
4. Uthi, Iqaqambile imfundiso yam, Ndinyulu emehlweni akho.
5. Kodwa akaba uThixo ubethetha, Avule umlomo wakhe kuwe;
6. Akuxelele iimfihlakalo zobulumko, Ukuba buphindeke kabini, bayinto ezimasekileyo; Ubuya kwazi ke ukuba uThixo wenze ukuba ubulibale ubugwenxa bakho.
7. Unokufikelela na ezingontsingontsini zikaThixo? Unokufikelela na ekufezekeni kukaSomandla?
8. Kuphakame ngokwamazulu; unokwenza ntoni na? Kunzulu kunelabafileyo; unokwazi ntoni na?
9. Kukude kunehlabathi ukulinganiswa kwako, Kubanzi kunolwandle.
10. Ukuba uthe phe yena, wavingcela, Wamemela ematyaleni, ngubani na onokumnqanda?
11. Kuba yena uyabazi abantu abakhohlakeleyo, Uyabubona ubutshinga engaqondelanga.
12. Nomntu onjengesidenge angaba nokuqonda, Nethole le-esile lasendle lingaba nokuzalwa lingumntu.
13. Ukuba uthe wena wabhekisa intliziyo yakho kuye, Wazolulela izandla zakho kuye:
14. Ukuba kuthe kwakho inkohlakalo esandleni sakho, yise kude, Ungabuhlalisi ubugqwetha ezintenteni zakho;
15. Okunene, uya kwandula ukubuphakamisa ubuso bakho bungenasisihla, Uthi bhuxe, ungoyiki.
16. Kuba wokulibala ukwaphuka kwakho, Ukukhumbule njengamanzi adluleyo;
17. Ukudla kwakho ubomi kuvuke, kuqaqambe ngaphezu kwemini enkulu; Nakuba kusongelwe emnyameni, kokhanya njengokusa.
18. Wokholosa, ngokuba sekukho ithemba, Uhlole, ulale phantsi enkolosekweni;
19. Ubuthume, kungekho wothusayo, Bakuncekelele abaninzi.
20. Ke wona amehlo abangendawo ophelelwa; Idake kubo indawo yokusabela, Ithemba labo libe kukuphuma umphefumlo.

  Job (11/42)