| ← Job (10/42) → |
| 1. | Umphefumlo wam udimele bubomi bam; Ngoko ndiya kuyivulela inkalazo yam phakathi kwam; Ndithethe, ukrakra umphefumlo wam; |
| 2. | Ndithi kuThixo, Musa ukundigweba; Ndazise ukuba ubambene nam ngani na? |
| 3. | Kulungile na kuwe ukuba ucudise, Ukuba ucekise ukuxelenga kwezandla zakho, Ulibengezelele iqhinga labangendawo? |
| 4. | Unamehlo enyama na? Ubona ngokubona komntu na? |
| 5. | Injengemihla yomntu na imihla yakho, Iminyaka yakho injengemihla yomfo na: |
| 6. | Ukuba nje ubufune ubugwenxa bam, Usingxoke isono sam, |
| 7. | Usazi nje ukuba andingongendawo, Nokuba akukho unokuhlangula esandleni sakho? |
| 8. | Izandla zakho zindiyilile, zandenza Ndonke, ngeenxa zonke; uyandiginya noko. |
| 9. | Khawukhumbule, ukuba undenze ngokodongwe; Ke undibuyisa undise eluthulini! |
| 10. | Akundithululanga na njengamasi, Wandivuthisa njengengqaka? |
| 11. | Wandambesa ngolusu nenyama, Wandiphingela ngamathambo nemisipha. |
| 12. | Undenzele ubomi nenceba, Nokuvelela kwakho kwawugcina umoya wam. |
| 13. | Ezi zinto ke wazigusha entliziyweni yakho; Ndiyazi ukuba ubunale ndawo yokuthi: |
| 14. | Ukuba ndithe ndona, wondibamba undilinde, Ungandenzi msulwa ebugwenxeni bam. |
| 15. | Ukuba ndithe ndabangongendawo, athi ke mna! Ukuba ndithe ndaba lilungisa, ndingayiphakamisi intloko yam: Ndihluthi kukucukucezwa, Nakukubona iintsizi zam. |
| 16. | Nokuba ithe yaziphakamisa intloko yam, wondizingela njengengonyama, Ubuye wenze ngokubalulekileyo kum; |
| 17. | Uhlaziye amangqina akho phambi kwam; Uyandise ingqumbo yakho kum, Ibe kukukhululana kwemikhosi eza kum. |
| 18. | Ibiyini na ke ukuba undikhuphe esizalweni? Ngendaphuma umphefumlo, andabonwa liso, |
| 19. | Ndanga andibangakho, Ngendasuswa esizalweni, ndasiwa engcwabeni. |
| 20. | Ayimbalwa na imihla yam? Makayeke, Adede kum, ndikhe ndincumeze kancinane, |
| 21. | Phambi kokuba ndihambe, ndingabi sabuya, Ndiye ezweni lobumnyama nelethunzi lokufa, |
| 22. | Ezweni elisongelwe bubumnyama njengesithokothoko, Lethunzi lokufa nelesidubedube, Elinkazimlo injengesithokothoko. |
| ← Job (10/42) → |