| ← Jeremiah (7/52) → |
| 1. | Ilizwi elafikayo kuYeremiya lalisithi, |
| 2. | Yima esangweni lendlu kaYehova, umemeze khona eli lizwi, uthi, Liveni ilizwi likaYehova, nonke maYuda angenayo ngala masango, ukuba nimnqule uYehova. |
| 3. | Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Zilungiseni iindlela zenu nezenzo zenu, ukuze ndinibeke kule ndawo. |
| 4. | Musani ukukholosa ngamazwi obuxoki, okuthi, Yitempile kaYehova, yitempile kaYehova, yitempile kaYehova yona leyo. |
| 5. | Okanye ukuba nithe nazilungisa nizilungisa iindlela zenu nezenzo zenu; ukuba nithe nakwenza nikwenza okusesikweni phakathi komntu nommelwane wakhe; |
| 6. | anamcudisa owasemzini, nenkedama, nomhlolokazi, analiphalaza igazi elimsulwa kule ndawo, analandela thixo bambi, ukuba kube kubi kuni; |
| 7. | ndonibeka kule ndawo, ezweni endalinika ooyihlo, kwasephakadeni kuse ephakadeni. |
| 8. | Yabonani, nikholosa ngamazwi obuxoki angancediyo. |
| 9. | Yini? Niyeba, nincinithe, nikrexeze, nifunge ngobuxoki, niqhumisele kuBhahali, nilandele thixo bambi eningabaziyo; |
| 10. | nize ke nime phambi kwam kule ndlu, ibizwa ngegama lam, nithi, Sihlangulwe; ukuze nenze la masikizi onke? |
| 11. | Yaba ngumqolomba wezihange na emehlweni enu le ndlu ibizwa ngegama lam? Yabonani, mna lo ndibonile; utsho uYehova. |
| 12. | Ngokuba khaniye endaweni yam ebiseShilo, apho ndalibeka khona igama lam ekuqaleni, nibone endakwenzayo kuyo, ngenxa yezinto ezimbi zabantu bam amaSirayeli. |
| 13. | Kaloku ke, ngokokuba nizenzile ezi zenzo zonke, utsho uYehova, ndathetha kuni, ndithetha kwakusa ningeva, ndinibiza ningasabeli: |
| 14. | ndokwenza kule ndlu, ibizwa ngegama lam, nikholosa ngayo, nakule ndawo ndaninika yona nina nooyihlo, njengoko ndakwenzayo kwiShilo. |
| 15. | Ndiya kunigxotha nisuke ebusweni bam, njengoko ndabagxothayo abazalwana benu bonke, imbewu yonke yakwaEfrayim. |
| 16. | Wena ke, musa ukubathandazela aba bantu, ungaphimiseli kuhlahlamba nakuthandaza ngenxa yabo, ungandizami, ngokuba andiyi kukuphulaphula. |
| 17. | Akuboni na abakwenzayo emizini yakwaYuda, nasezitratweni zaseYerusalem? |
| 18. | Oonyana batheza iinkuni, ooyise baphemba umlilo, abafazi baxovula intlama, ukuba enzelwe izonkana ukumkanikazi wezulu; bathululele thixo bambi umnikelo othululwayo, ukuze bandiqumbise. |
| 19. | Baqumbisa mna na, utsho uYehova; abaziqumbisi bona na, ukuze budane ubuso babo? |
| 20. | Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, umsindo wam nobushushu bam buya kuphalazelwa phezu kwale ndawo, phezu kwabantu, naphezu kweenkomo, naphezu kwemithi yasendle, naphezu kweziqhamo zomhlaba, buvuthe bungacimi. |
| 21. | Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yongezani amadini enu anyukayo emibingelelweni yenu, nidle inyama. |
| 22. | Ngokuba andithethanga nooyihlo, andibawiselanga methetho ngeendawo zamadini anyukayo nemibingelelo, mini ndabakhuphayo ezweni lamaYiputa; |
| 23. | ke ndabamisela eli lizwi lokuthi, Phulaphulani ilizwi lam: ndoba nguThixo wenu, nibe ngabantu bam, nihambe ngendlela yonke endinimiselayo, ukuze kulunge kuni. |
| 24. | Ke abaphulaphulanga, abayithobanga indlebe yabo; bahamba ngamaqhinga, ngobungqola bentliziyo yabo embi, bandinikela umhlana, ayaba bubuso. |
| 25. | Kususela kwalaa mini baphuma ngayo ooyihlo ezweni lamaYiputa unanamhla, ndabathumela kuni bonke abakhonzi bam, abaprofeti, ndibathuma imihla ngemihla kwakusasa; |
| 26. | ke abaphulaphula kum, abayithoba indlebe yabo; bayenza lukhuni intamo yabo, benza okubi kunooyise. |
| 27. | Ke uya kuwathetha kubo la mazwi onke, abayi kukuphulaphula; umemeza kubo, abayi kusabela. |
| 28. | Ke yithi kubo, Lulo olu uhlanga olungaliphulaphuliyo ilizwi likaYehova uThixo walo, olungayivumiyo intethiso. Kuphelile ukuthembeka, kunqumkile emlonyeni wabo. |
| 29. | Nqumla isithsaba sakho, Yerusalem, usilahle, umise isimbonono eluqayini; ngokuba uYehova usicekisile, usincamile isizukulwana sokuphuphuma kwakhe umsindo. |
| 30. | Ngokuba oonyana bakaYuda benze into embi emehlweni am, utsho uYehova; babeke izinto zabo ezinezothe endlwini elibizelwa phezu kwayo igama lam, ukuze bayenze inqambi. |
| 31. | Bakhe iziganga zaseTofete, ezisemfuleni wakwaBhen-hinom, ukuze batshise oonyana babo neentombi zabo ngomlilo; into endingabawiselanga mthetho ngayo, engathanga qatha entliziyweni yam. |
| 32. | Ngako oko, yabona, iyeza imihla, utsho uYehova, abangasayi kuba sathi yiTofete, ngumfula wakwaBhen-hinom; baya kuthi nguMfula wokuBulala, bangcwabele eTofete ngenxa enokuba kungekho ndawo. |
| 33. | Izidumbu zaba bantu ziya kuba kukudla kweentaka zasendle nokwezilo zelizwe, kungabikho bani uziphekuzayo. |
| 34. | Ndiya kuliphezisa emizini yakwaYuda nasezitratweni zaseYerusalem izwi lemihlali nezwi lemivuyo, izwi lomyeni nezwi lomtshakazi; ngokuba liya kubharha ilizwe. |
| ← Jeremiah (7/52) → |