← Jeremiah (6/52) → |
1. | Sabani, nyana bakaBhenjamin, niphume phakathi kweYerusalem, naseTekowa, nivuthele isigodlo, niphakamise into iphakame phezu kweBhete-hakerem; ngokuba ububi buyalunguza, buvela entla, nembubhiso enkulu. |
2. | Umntwana omhle, umteketiswa, intombi enguZiyon, ndiyayitshabalalisa. |
3. | Beza kuyo abalusi nemihlambi yabo, bagxumeka kuyo iintente zabo ngeenxa zonke; badla elowo endaweni yakhe. |
4. | Yingcwaliseleni imfazwe; sukani nime, sinyuke emini enkulu. Athi ke thina! Imini iza kusangana, ngokuba amathunzi okuhlwa ayoluka. |
5. | Sukani nime, sinyuke ebusuku, sizitshabalalise iingxande zayo ezinde. |
6. | Ngokuba utshilo uYehova wemikhosi ukuthi, Yigawuleni imithi yayo, niyifumbele iYerusalem udonga lokungqinga; wona mzi wokuvelelwa, wonke uphela, unocudiso phakathi kwawo. |
7. | Njengoko iqula liwampompozisayo amanzi alo, yenjenjalo ukumpompozisa izinto zayo ezimbi. Ukugonyamela nokubhuqa kuvakala kuyo; kuhleli kukho phambi kobuso bam isifo nesibetho. |
8. | Yaleka, Yerusalem, hleze umphefumlo wam uziqhawule kuwe; hleze ndikwenze kube senkangala kuwe, ube lilizwe elingamiweyo. |
9. | Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Baya kuwabhikica bawabhikice amasalela amaSirayeli, njengomdiliya; sibuyisele isandla sakho emagatyeni, njengomvuni weediliya. |
10. | Ndiya kuthetha koobani na, ndiqononondise, beve? Yabona, ayaluswanga indlebe yabo, abanako ke ukubaza indlebe. Yabona, ilizwi likaYehova libe liyingcikivo kubo, abalinanzile. |
11. | Ndizele bubushushu bukaYehova; ndidiniwe kubububamba. Buphalazele phezu komntwana esitratweni, naphezu kwembutho yamadodana kunye; ngokuba indoda kwanomfazi baya kubanjwa, amadoda amakhulu kwanabazele yimihla. |
12. | Ziya kugqithela kubambi izindlu zabo, amasimi nabafazi kunye; ngokuba isandla sam ndisolula phezu kwabemi belizwe; utsho uYehova. |
13. | Kuthabathela kwabancinane kwesa kwabakhulu, bonke bephela babawa bebawile; kuthabathela kumprofeti kwesa kumbingeleli, bonke bephela benza ngobuxoki. |
14. | Bakuphilisa kalula ukwaphuka kwentombi yabantu bam, besithi, Luxolo, luxolo; kungekho luxolo. |
15. | Baya kudaniswa, ngokuba benze amasikizi; noko ke abadani nokudana, abakwazi ukuba neentloni; ngako oko baya kuwa phakathi kwabawayo; ngexesha lokubavelela kwam baya kukhubeka; utsho uYehova. |
16. | Utsho uYehova ukuthi, Yimani ezindleleni, nikhangele, nibuze umendo ongunaphakade, ukuba yiyiphi na indlela yokulungileyo, nihambe ngayo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu; bathi ke bona, Asiyi kuhamba ngayo. |
17. | Ndamisa phezu kwenu ababoniseli, ndisithi, Libazeleni indlebe ilizwi lesigodlo; bathi ke bona, Asiyi kulibazela ndlebe. |
18. | Ngako oko yivani, zintlanga; wazi, wena bandla, okubahlelayo. |
19. | Yiva, hlabathi; yabona, aba bantu ndibazisela ububi, isiqhamo seengcinga zabo; ngokuba amazwi am abawabazelanga ndlebe, nomyalelo wam bawucekisile. |
20. | Yeyani na ke le ntlaka imhlophe yakwaShebha iza kum, nekalamo evumba limnandi yasezweni elikude? Amadini enu anyukayo akakholekile kum, nemibingelelo yenu ayimnandi kum. |
21. | Ngako oko utshilo uYehova ukuthi, Yabona, ndibabekela izikhubekiso aba bantu, bakhubeke kuzo ooyise noonyana, ummelwane kunye nowabo, batshabalale. |
22. | Utsho uYehova ukuthi, Yabona, kuza abantu bevela ezweni lasentla, uhlanga olukhulu, luxhoxhwa, luvele esinqeni somhlaba. |
23. | Baqubule isaphetha nenkcula; bazizijorha, abanamfesane; ilizwi labo ligquma njengolwandle; bakhwela emahasheni, bexhobe njengendoda yokulwa, ukukufikela wena, ntombi enguZiyon. |
24. | Siluvile udaba lwaloo nto; ziwile izandla zethu; imbandezelo isibambile, ukuzibhijabhija njengozalayo. |
25. | Musani ukuya emasimini, ningahambi ngendlela: ngokuba utshaba lunekrele, kunxunguphala ngeenxa zonke. |
26. | Ntombi yabantu bam, bhinqa ezirhwexayo, uzigalele ngothuthu; menzele isijwili ozelwe wamnye, ukumbambazela okukrakra; ngokuba uya kusizela ngesiquphe umbhuqi. |
27. | Ndikwenze umcikidi phakathi kwabantu bam njengenqaba, ukuze uyazi uyicikide indlela yabo. |
28. | Bonke bephela baziinjubaqa zazo iinjubaqa, behamba behleba; balubhedu nesinyithi, bonke bephela bayonakalisa. |
29. | Itshe ngumlilo imfutho, isekupheleni ilothe; bafumana benyibilikisa banyibilikise; abenzi bobubi abahlengeki. |
30. | Bayisilivere ecekisiweyo, ukubizwa kwabo, ngokuba uYehova ebacekisile. |
← Jeremiah (6/52) → |