Jeremiah (51/52)  

1. Utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndixhoxhela iBhabheli, nabahleli ngaphakathi kwabasukela phezulu kum, umoya womonakalisi.
2. Ndiya kuthumela eBhabheli abasemzini, abaya kuyela; balithi qongqololo ilizwe layo; ngokuba boyifikela ngeenxa zonke ngemini yobubi.
3. Umtyedi wesaphetha makagobele kogobayo, nakozinyusayo, enengubo yentsimbi, ningawayeki amadodana ayo; singelani phantsi wonke umkhosi wayo;
4. bawe ababuleweyo ezweni lamaKaledi, nabahlatywe amahlanza ezitratweni zayo.
5. Ngokuba uSirayeli, kwanoYuda, akashiywanga wangumhlolokazi nguThixo wakhe, nguYehova wemikhosi; kuba ilizwe labo lizele lityala koyiNgcwele kaSirayeli.
6. Sabani niphume eBhabheli, nisize elowo umphefumlo wakhe; maningadaki ngenxa yobugwenxa bayo; ngokuba eli lixesha lempindezelo kuYehova; uya kubuyekeza kuyo kwaimpatho yayo.
7. IBhabheli ibe iyindebe yegolide esandleni sikaYehova, ilinxilisa lonke ihlabathi; zasela iintlanga ewayinini yayo. Ngako oko ziyageza iintlanga.
8. Iwile iBhabheli ngesiquphe, yaphuka; bhombolozani ngenxa yayo; intlungu yayo yithabatheleni amafutha aqholiweyo, mhlawumbi ingapholiswa.
9. Bathi, Siba ngayinyanga iBhabheli, ayiphili; yishiyeni, sihambe siye elowo ezweni lakowabo; ngokuba ityala layo lifike emazulwini, liphakamele esibhakabhakeni.
10. UYehova ubuvelisile ubulungisa bethu; yizani sibalise eZiyon isenzo sikaYehova uThixo wethu.
11. Khazimlisani iintolo, qubulani amakhaka; uYehova uxhoxhe umoya wokumkani bamaKaledi. Ngokuba umnkqangiyelo wakhe ukwiBhabheli, ukuba ayonakalise: ngokuba yimpindezelo kaYehova, yimpindezelo yetempile yakhe.
12. Ziphakamiseleni ibhanile iindonga zaseBhabheli. Qinisani ukulinda, misani abalindi, lungisani imilalela; ngokuba njengoko uYehova wankqangiyelayo, ukwenzile awakuthethayo ngabemi baseBhabheli.
13. Wena uhleliyo phezu kwamanzi amaninzi, ubuncwane bakho buninzi; kufikile ukuphela kwakho, isilinganiselo senzuzo yakho embi.
14. UYehova wemikhosi ufunge umphefumlo wakhe, esithi, Noko ndikuzalisileyo ngabantu, banga ziinkumbi ezinqunquthayo, kuya kususelwa ngawe ukwenziwa amayeyeye.
15. Ngulowenza ihlabathi ngamandla akhe, ngulozinzisa elimiweyo ngobulumko bakhe, waneka izulu ngengqondo yakhe.
16. KwakubonÂ’ ukuba kukho isithonga sokwenza kwakhe ingxolo yamanzi ezulwini, unyusa amafu esiphelweni sehlabathi; imvula uyenzela imibane, arhole umoya koovimba bakhe.
17. Uba sisityhakala wonke umntu engenakwazi, udaniswa wonke umnyibilikisi wegolide, ngenxa yomfanekiso oqingqiweyo; ngokuba umfanekiso wakhe otyhidiweyo bubuxoki, awunamoya.
18. Zingamampunge ezo zinto, sisenzo sokugxekwa; ngexesha lokuvelelwa kwazo ziya kutshabalala.
19. Akanjalo yena uSahlulelo sikaYakobi; ngokuba nguMbumbi wezinto zonke yena, nowesizwe selifa lakhe yena; nguYehova wemikhosi, igama lakhe.
20. Wena usisixengxe sam, usisikrweqe sam sokulwa. Ndiya kuzihlekeza ngawe iintlanga, ndizonakalise ngawe izikumkani;
21. ndihlekeze ngawe ihashe nomkhweli walo; ndihlekeze inqwelo yokulwa nomkhweli wayo;
22. ndihlekeze ngawe indoda nomfazi, ndihlekeze ngawe indoda enkulu nomfana, ndihlekeze ngawe amadodana nomthinjana;
23. ndihlekeze ngawe umalusi nomhlambi wakhe; ndihlekeze ngawe umlimi nesipani sakhe; ndihlekeze ngawe amabamba neerhuluneli.
24. Ndobuyekekeza kwiBhabheli, nakubeni bonke belamaKaledi, bonke ububi babo, ababenze kwiZiyon emehlweni enu; utsho uYehova.
25. Yabona, ndikuchasile, ntaba yokonakalisa, utsho uYehova, elonakalisileyo lonke ihlabathi; ndiya kolula isandla sam phezu kwakho, ndikuqengqe uhle ezingxondorheni, ndikwenze intaba etshisiweyo;
26. kungathatyathwa litye lambombo kuwe, nalitye laziseko; ke uya kwenziwa kube senkangala ngonaphakade; utsho uYehova.
27. Phakamisani ibhanile elizweni, vuthelani isigodlo ezintlangeni; zingcwaliseni iintlanga kuyo, zihlabeleni umkhosi, zize kuyo izikumkani zeArarati neMini neAshkenazi; yalelani kuyo abathetheli; nyusani amahashe, eze njengeenkumbi ezinqunquthayo, ezibetha ube namanwele.
28. Zingcwaliseni iintlanga kuyo, ookumkani bamaMedi, namabamba awo, neerhuluneli zawo zonke, nelizwe lonke lolawulo lwawo.
29. Ihlabathi liyanyikima, liyazibhijabhija; ngokuba zenzeka kwiBhabheli iingcinga zikaYehova, zokulenza ilizwe leBhabheli kube senkangala, lingamiwa.
30. Amagorha aseBhabheli ayekile ukulwa, ahleli ezimboniselweni; ubugorha bawo buthe qoko, asuka aba ngabafazi. Iminquba yayo ifakwe isikhuni, yaphukile imivalo yayo.
31. Isigidimi siyagidima, siqubisana nesigidimi; umbiki uqubisana nombiki, abike kukumkani waseBhabheli ukuba umzi wakhe uthinjwe kwaphela.
32. Amazibuko avingciwe, amadike atshe ngumlilo, amadoda okulwa akhwankqisiwe.
33. Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Intombi eyiBhabheli injengesanda ngexesha lokugangathwa kwaso; kusaya kuba ngumzuzwana, lifike ixesha lokuvuna kuyo.
34. Wasibhubhisa thina, wasincinitha uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, wasibeka saba sisitya esize; wasiginya njengengwenya, wahluthisa isisu sakhe ngokudla kwethu okumnandi, wasigxotha.
35. Ukugonyamelwa kwam nenyama yam makube phezu kweBhabheli, makatsho ummi waseZiyon; igazi lam malibe phezu kwabemi belamaKaledi, mayitsho iYerusalem.
36. Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyalithetha ityala lakho, ndiphindezele impindezelo yakho, ndilutshise ulwandle lwayo, ndilomise ithende layo;
37. iBhabheli iya kuba ngumwewe, isikhundla seempungutye, ummangaliso nomsondlo, ingabi nammi.
38. Bonke bephela bangabharhula njengeengonyama ezintsha, bangavungama njengamathole engonyamakazi.
39. Kanti ke ebushushwini babo ndiya kubenzela umgidi wabo, ndibanxilise, ukuze badlamke, balale ubuthongo obungunaphakade, bangavuki; utsho uYehova.
40. Ndiya kubathobela ekuxhelweni njengamatakane, njengeenkunzi zeegusha nezeebhokhwe.
41. Hayi, ukuthinjwa kweSheshaki, ukubanjwa kweqhayiya lehlabathi lonke! Hayi, ukwenziwa ummangaliso kweBhabheli phakathi kweentlanga!
42. Ulwandle lunyukile, lwayizela iBhabheli; igutyungelwe kukuguguma kwamaza alo.
43. Imizi yayo yaba ngamanxuwa, yaba lilizwe lomqwebedu nenkqantosi, lilizwe elingamiwe mntu, ekungadluli nyana womntu kulo.
44. Ndiya kumvelela uBhele eBhabheli, ndikurhole emlonyeni wakhe akuginyileyo; zingabi sasinga kuye iintlanga; nodonga lweBhabheli luya kuwa.
45. Phumani phakathi kwayo, bantu bam; sizani elowo umphefumlo wakhe, ngenxa yokuvutha komsindo kaYehova;
46. hleze ithambe intliziyo yenu, noyike iindaba ezivakalayo ezweni. Ziya kuza nomnyaka iindaba ezo, emveni koko ngomnye umnyaka kuze iindaba ezo, kuze ugonyamelo ezweni, umlawuli ebambene nomlawuli.
47. Ngako oko, uyabona, kuza imihla endiya kuyivelela imifanekiso eqingqiweyo yaseBhabheli, libharhe ilizwe layo lonke, bawe phakathi kwayo ababuleweyo kuyo.
48. Liya kumemelela ngenxa yeBhabheli izulu nomhlaba, nento yonke ekhona; ngokuba ababhuqi baphume entla, beza kuyo; utsho uYehova.
49. Njengokuba iBhabheli yaphikela ukuwisa ababuleweyo bakwaSirayeli, ngokunjalo baya kuwa ngenxa yeBhabheli ababuleweyo behlabathi lonke.
50. Nina nisindileyo ekreleni, bambani, musani ukuma. Mkhumbuleni uYehova nisekude, ithi qatha ezintliziyweni zenu iYerusalem.
51. Sidanile, ngokuba sive isingcikivo; ihlazo lagubungela ubuso bethu; ngokuba abasemzini bazingene iingcwele zendlu kaYehova.
52. Ngako oko, yabonani, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kuyivelela imifanekiso eqingqiweyo elizweni layo, bancwine abahlatyiweyo.
53. Nokuba iBhabheli ithe yenyuka yaya ezulwini, nokuba ithe yayinqabisa indawo ephezulu, inqaba yayo, ababhuqi bayo baya kuphuma kum; utsho uYehova.
54. Phulaphulani! Nako ukukhala kuphuma eBhabheli, nomaphulo omkhulu uphuma ezweni lamaKaledi.
55. Ngokuba uYehova uyayibhuqa iBhabheli, alitshabalalise kuyo izwi elikhulu; aguguma amaza ayo njengamanzi amaninzi, kuvakala ingxolo yesandi sawo.
56. Ngokuba umbhuqi uya kuyifikela iBhabheli, athinjwe amagorha ayo, ziqhawuke izaphetha zayo; ngokuba nguThixo wembuyekezo uYehova, uya kuvuza evuzile.
57. Ndiyabanxilisa abathetheli bayo nezilumko zayo, amabamba ayo neerhuluneli zayo, namagorha ayo; aya kulala ubuthongo obungunaphakade, angavuki: utsho uKumkani, ogama lakhe linguYehova wemikhosi.
58. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Iindonga ezibanzi zeBhabheli ziya kunqikwa kube kanye, amasango ayo aphakamileyo atshiswe ngomlilo; izizwe zizixhamlele okulambathayo, neentlanga zizixhamlele umlilo, zityhafe ke.
59. Ilizwi awathi uYeremiya umprofeti wamwisela umthetho ngalo uSeraya, unyana kaNeriya, unyana kaMaseya, ekuyeni kwakhe noZedekiya ukumkani wakwaYuda eBhabheli, ngomnyaka wesine wobukumkani bakhe; uSeraya lo engumtshayeleli.
60. UYeremiya wabubhala encwadini bonke ububi obuya kuyifikela iBhabheli, onke la mazwi abhaliweyo ngeBhabheli.
61. Wathi ke uYeremiya kuSeraya, Wakufika eBhabheli, khangela onke lamazwi, uwalese.
62. Uze uthi, Yehova, wena uthethile ngale ndawo ukuyinqumla, ingamiwa, kuthabathele kumntu kuse nakwinkomo; ke yona iya kuba ngamanxuwa angunaphakade.
63. Kothi, wakugqiba ukuyilesa le ncwadi, ubophe ilitye kuyo, uyinzulumbele esazulwini somEfrati;
64. uthi, Iya kwenjenje iBhabheli ukuthi xumbu kwayo, ingaphumi, ngenxa yobubi endiya kuyizisela bona, batyhafe. Aze ema apha amazwi kaYeremiya.

  Jeremiah (51/52)