← Jeremiah (51/52) → |
1. | Utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndixhoxhela iBhabheli, nabahleli ngaphakathi kwabasukela phezulu kum, umoya womonakalisi. |
2. | Ndiya kuthumela eBhabheli abasemzini, abaya kuyela; balithi qongqololo ilizwe layo; ngokuba boyifikela ngeenxa zonke ngemini yobubi. |
3. | Umtyedi wesaphetha makagobele kogobayo, nakozinyusayo, enengubo yentsimbi, ningawayeki amadodana ayo; singelani phantsi wonke umkhosi wayo; |
4. | bawe ababuleweyo ezweni lamaKaledi, nabahlatywe amahlanza ezitratweni zayo. |
5. | Ngokuba uSirayeli, kwanoYuda, akashiywanga wangumhlolokazi nguThixo wakhe, nguYehova wemikhosi; kuba ilizwe labo lizele lityala koyiNgcwele kaSirayeli. |
6. | Sabani niphume eBhabheli, nisize elowo umphefumlo wakhe; maningadaki ngenxa yobugwenxa bayo; ngokuba eli lixesha lempindezelo kuYehova; uya kubuyekeza kuyo kwaimpatho yayo. |
7. | IBhabheli ibe iyindebe yegolide esandleni sikaYehova, ilinxilisa lonke ihlabathi; zasela iintlanga ewayinini yayo. Ngako oko ziyageza iintlanga. |
8. | Iwile iBhabheli ngesiquphe, yaphuka; bhombolozani ngenxa yayo; intlungu yayo yithabatheleni amafutha aqholiweyo, mhlawumbi ingapholiswa. |
9. | Bathi, Siba ngayinyanga iBhabheli, ayiphili; yishiyeni, sihambe siye elowo ezweni lakowabo; ngokuba ityala layo lifike emazulwini, liphakamele esibhakabhakeni. |
10. | UYehova ubuvelisile ubulungisa bethu; yizani sibalise eZiyon isenzo sikaYehova uThixo wethu. |
11. | Khazimlisani iintolo, qubulani amakhaka; uYehova uxhoxhe umoya wokumkani bamaKaledi. Ngokuba umnkqangiyelo wakhe ukwiBhabheli, ukuba ayonakalise: ngokuba yimpindezelo kaYehova, yimpindezelo yetempile yakhe. |
12. | Ziphakamiseleni ibhanile iindonga zaseBhabheli. Qinisani ukulinda, misani abalindi, lungisani imilalela; ngokuba njengoko uYehova wankqangiyelayo, ukwenzile awakuthethayo ngabemi baseBhabheli. |
13. | Wena uhleliyo phezu kwamanzi amaninzi, ubuncwane bakho buninzi; kufikile ukuphela kwakho, isilinganiselo senzuzo yakho embi. |
14. | UYehova wemikhosi ufunge umphefumlo wakhe, esithi, Noko ndikuzalisileyo ngabantu, banga ziinkumbi ezinqunquthayo, kuya kususelwa ngawe ukwenziwa amayeyeye. |
15. | Ngulowenza ihlabathi ngamandla akhe, ngulozinzisa elimiweyo ngobulumko bakhe, waneka izulu ngengqondo yakhe. |
16. | KwakubonÂ’ ukuba kukho isithonga sokwenza kwakhe ingxolo yamanzi ezulwini, unyusa amafu esiphelweni sehlabathi; imvula uyenzela imibane, arhole umoya koovimba bakhe. |
17. | Uba sisityhakala wonke umntu engenakwazi, udaniswa wonke umnyibilikisi wegolide, ngenxa yomfanekiso oqingqiweyo; ngokuba umfanekiso wakhe otyhidiweyo bubuxoki, awunamoya. |
18. | Zingamampunge ezo zinto, sisenzo sokugxekwa; ngexesha lokuvelelwa kwazo ziya kutshabalala. |
19. | Akanjalo yena uSahlulelo sikaYakobi; ngokuba nguMbumbi wezinto zonke yena, nowesizwe selifa lakhe yena; nguYehova wemikhosi, igama lakhe. |
20. | Wena usisixengxe sam, usisikrweqe sam sokulwa. Ndiya kuzihlekeza ngawe iintlanga, ndizonakalise ngawe izikumkani; |
21. | ndihlekeze ngawe ihashe nomkhweli walo; ndihlekeze inqwelo yokulwa nomkhweli wayo; |
22. | ndihlekeze ngawe indoda nomfazi, ndihlekeze ngawe indoda enkulu nomfana, ndihlekeze ngawe amadodana nomthinjana; |
23. | ndihlekeze ngawe umalusi nomhlambi wakhe; ndihlekeze ngawe umlimi nesipani sakhe; ndihlekeze ngawe amabamba neerhuluneli. |
24. | Ndobuyekekeza kwiBhabheli, nakubeni bonke belamaKaledi, bonke ububi babo, ababenze kwiZiyon emehlweni enu; utsho uYehova. |
25. | Yabona, ndikuchasile, ntaba yokonakalisa, utsho uYehova, elonakalisileyo lonke ihlabathi; ndiya kolula isandla sam phezu kwakho, ndikuqengqe uhle ezingxondorheni, ndikwenze intaba etshisiweyo; |
26. | kungathatyathwa litye lambombo kuwe, nalitye laziseko; ke uya kwenziwa kube senkangala ngonaphakade; utsho uYehova. |
27. | Phakamisani ibhanile elizweni, vuthelani isigodlo ezintlangeni; zingcwaliseni iintlanga kuyo, zihlabeleni umkhosi, zize kuyo izikumkani zeArarati neMini neAshkenazi; yalelani kuyo abathetheli; nyusani amahashe, eze njengeenkumbi ezinqunquthayo, ezibetha ube namanwele. |
28. | Zingcwaliseni iintlanga kuyo, ookumkani bamaMedi, namabamba awo, neerhuluneli zawo zonke, nelizwe lonke lolawulo lwawo. |
29. | Ihlabathi liyanyikima, liyazibhijabhija; ngokuba zenzeka kwiBhabheli iingcinga zikaYehova, zokulenza ilizwe leBhabheli kube senkangala, lingamiwa. |
30. | Amagorha aseBhabheli ayekile ukulwa, ahleli ezimboniselweni; ubugorha bawo buthe qoko, asuka aba ngabafazi. Iminquba yayo ifakwe isikhuni, yaphukile imivalo yayo. |
31. | Isigidimi siyagidima, siqubisana nesigidimi; umbiki uqubisana nombiki, abike kukumkani waseBhabheli ukuba umzi wakhe uthinjwe kwaphela. |
32. | Amazibuko avingciwe, amadike atshe ngumlilo, amadoda okulwa akhwankqisiwe. |
33. | Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Intombi eyiBhabheli injengesanda ngexesha lokugangathwa kwaso; kusaya kuba ngumzuzwana, lifike ixesha lokuvuna kuyo. |
34. | Wasibhubhisa thina, wasincinitha uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, wasibeka saba sisitya esize; wasiginya njengengwenya, wahluthisa isisu sakhe ngokudla kwethu okumnandi, wasigxotha. |
35. | Ukugonyamelwa kwam nenyama yam makube phezu kweBhabheli, makatsho ummi waseZiyon; igazi lam malibe phezu kwabemi belamaKaledi, mayitsho iYerusalem. |
36. | Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyalithetha ityala lakho, ndiphindezele impindezelo yakho, ndilutshise ulwandle lwayo, ndilomise ithende layo; |
37. | iBhabheli iya kuba ngumwewe, isikhundla seempungutye, ummangaliso nomsondlo, ingabi nammi. |
38. | Bonke bephela bangabharhula njengeengonyama ezintsha, bangavungama njengamathole engonyamakazi. |
39. | Kanti ke ebushushwini babo ndiya kubenzela umgidi wabo, ndibanxilise, ukuze badlamke, balale ubuthongo obungunaphakade, bangavuki; utsho uYehova. |
40. | Ndiya kubathobela ekuxhelweni njengamatakane, njengeenkunzi zeegusha nezeebhokhwe. |
41. | Hayi, ukuthinjwa kweSheshaki, ukubanjwa kweqhayiya lehlabathi lonke! Hayi, ukwenziwa ummangaliso kweBhabheli phakathi kweentlanga! |
42. | Ulwandle lunyukile, lwayizela iBhabheli; igutyungelwe kukuguguma kwamaza alo. |
43. | Imizi yayo yaba ngamanxuwa, yaba lilizwe lomqwebedu nenkqantosi, lilizwe elingamiwe mntu, ekungadluli nyana womntu kulo. |
44. | Ndiya kumvelela uBhele eBhabheli, ndikurhole emlonyeni wakhe akuginyileyo; zingabi sasinga kuye iintlanga; nodonga lweBhabheli luya kuwa. |
45. | Phumani phakathi kwayo, bantu bam; sizani elowo umphefumlo wakhe, ngenxa yokuvutha komsindo kaYehova; |
46. | hleze ithambe intliziyo yenu, noyike iindaba ezivakalayo ezweni. Ziya kuza nomnyaka iindaba ezo, emveni koko ngomnye umnyaka kuze iindaba ezo, kuze ugonyamelo ezweni, umlawuli ebambene nomlawuli. |
47. | Ngako oko, uyabona, kuza imihla endiya kuyivelela imifanekiso eqingqiweyo yaseBhabheli, libharhe ilizwe layo lonke, bawe phakathi kwayo ababuleweyo kuyo. |
48. | Liya kumemelela ngenxa yeBhabheli izulu nomhlaba, nento yonke ekhona; ngokuba ababhuqi baphume entla, beza kuyo; utsho uYehova. |
49. | Njengokuba iBhabheli yaphikela ukuwisa ababuleweyo bakwaSirayeli, ngokunjalo baya kuwa ngenxa yeBhabheli ababuleweyo behlabathi lonke. |
50. | Nina nisindileyo ekreleni, bambani, musani ukuma. Mkhumbuleni uYehova nisekude, ithi qatha ezintliziyweni zenu iYerusalem. |
51. | Sidanile, ngokuba sive isingcikivo; ihlazo lagubungela ubuso bethu; ngokuba abasemzini bazingene iingcwele zendlu kaYehova. |
52. | Ngako oko, yabonani, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kuyivelela imifanekiso eqingqiweyo elizweni layo, bancwine abahlatyiweyo. |
53. | Nokuba iBhabheli ithe yenyuka yaya ezulwini, nokuba ithe yayinqabisa indawo ephezulu, inqaba yayo, ababhuqi bayo baya kuphuma kum; utsho uYehova. |
54. | Phulaphulani! Nako ukukhala kuphuma eBhabheli, nomaphulo omkhulu uphuma ezweni lamaKaledi. |
55. | Ngokuba uYehova uyayibhuqa iBhabheli, alitshabalalise kuyo izwi elikhulu; aguguma amaza ayo njengamanzi amaninzi, kuvakala ingxolo yesandi sawo. |
56. | Ngokuba umbhuqi uya kuyifikela iBhabheli, athinjwe amagorha ayo, ziqhawuke izaphetha zayo; ngokuba nguThixo wembuyekezo uYehova, uya kuvuza evuzile. |
57. | Ndiyabanxilisa abathetheli bayo nezilumko zayo, amabamba ayo neerhuluneli zayo, namagorha ayo; aya kulala ubuthongo obungunaphakade, angavuki: utsho uKumkani, ogama lakhe linguYehova wemikhosi. |
58. | Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Iindonga ezibanzi zeBhabheli ziya kunqikwa kube kanye, amasango ayo aphakamileyo atshiswe ngomlilo; izizwe zizixhamlele okulambathayo, neentlanga zizixhamlele umlilo, zityhafe ke. |
59. | Ilizwi awathi uYeremiya umprofeti wamwisela umthetho ngalo uSeraya, unyana kaNeriya, unyana kaMaseya, ekuyeni kwakhe noZedekiya ukumkani wakwaYuda eBhabheli, ngomnyaka wesine wobukumkani bakhe; uSeraya lo engumtshayeleli. |
60. | UYeremiya wabubhala encwadini bonke ububi obuya kuyifikela iBhabheli, onke la mazwi abhaliweyo ngeBhabheli. |
61. | Wathi ke uYeremiya kuSeraya, Wakufika eBhabheli, khangela onke lamazwi, uwalese. |
62. | Uze uthi, Yehova, wena uthethile ngale ndawo ukuyinqumla, ingamiwa, kuthabathele kumntu kuse nakwinkomo; ke yona iya kuba ngamanxuwa angunaphakade. |
63. | Kothi, wakugqiba ukuyilesa le ncwadi, ubophe ilitye kuyo, uyinzulumbele esazulwini somEfrati; |
64. | uthi, Iya kwenjenje iBhabheli ukuthi xumbu kwayo, ingaphumi, ngenxa yobubi endiya kuyizisela bona, batyhafe. Aze ema apha amazwi kaYeremiya. |
← Jeremiah (51/52) → |