← Jeremiah (50/52) → |
1. | Ilizwi awalithethayo uYehova ngokusingisele kwiBhabheli, ngokusingisele kwilizwe lamaKaledi, ngoYeremiya umprofeti, lalisithi: |
2. | Xelani ezintlangeni, nivakalise, niphakamise ibhanile. Vakalisani, musani ukufihla; yithini, Ithinjiwe iBhabheli, uhlazekile uBhele, uqhiphuke umbilini uMerodaki, zihlazekile izithixo zabo, ziqhiphuke umbilini izigodo zabo. |
3. | Ngokuba kunyuke kweza kubo uhlanga lwasentla, oluya kwenza ilizwe labo kube senkangala, lingabi nammi, kuthabathele emntwini kuse ezinkomeni, kubalekwe kumkiwe. |
4. | Ngaloo mihla nangelo xesha, utsho uYehova, baya kuza oonyana bakaSirayeli kunye noonyana bakaYuda, behamba belila, baye bamquqele uYehova uThixo wabo. |
5. | Baya kubuza iZiyon, babheke khona, besithi, Yizani, nithelele kuYehova ngomnqophiso ongunaphakade ongayi kulityalwa. |
6. | Abantu bam baba ngumhlambi weegusha ezilahlekileyo; abalusi babo babandwendwisela ezintabeni eziphambanisayo, behamba besuka entabeni, baye endulini, bayilibale indawo yabo yokubutha kwabo. |
7. | Bonke ababafumanayo babadla; ababandezeli babo bathi, Asinatyala, ngethuba lokuba bonile kuYehova, ikriwa lobulungisa, ithemba loyise, uYehova. |
8. | Balekani, niphume phakathi kweBhabheli; mabaphume ezweni lamaKaledi, babe njengeenkunzi zeebhokhwe ezikhokela umhlambi. |
9. | Ngokuba, yabonani, ndixhoxha, ndinyuse, ndise eBhabheli isikhungu seentlanga ezinkulu, ziphuma ezweni lasentla, ziyakhele uluhlu. Iya kuthinjwa apho, iintolo zaso zibe njengezegorha eliligcisa, elingabuyi lilambatha. |
10. | Loba lixhoba elamaKaledi; bonke abalithimbayo baya kuhlutha; utsho uYehova. |
11. | Nakuba nivuya njalo, nakuba nidlamkile, baphangi belifa lam, nakuba nidloba njengethokazi elibhulayo, nilila njengeembalasane zamahashe: |
12. | uya kudana kakhulu unyoko; uya kuba neentloni onizalayo. Yabonani, olokugqibela ezintlangeni luya kuba yintlango, umqwebedu, inkqantosi. |
13. | Ngenxa yoburhalarhume bukaYehova ayisayi kumiwa; kuya kuba senkangala kuyo yonke iphela. Bonke abadlulayo eBhabheli baya kumangaliswa, benze umsondlo ngenxa yokubethwa kwayo konke. |
14. | Yakheleni uluhlu iBhabheli ngeenxa zonke, nonke batyedi besaphetha; tolani kuyo, ningashiyi lutolo; ngokuba yonile kuYehova. |
15. | Dumani ngayo ngeenxa zonke; izinikele; ziwile iingqoqo zayo, zidilikile iindonga zayo; ngokuba yimpindezelo kaYehova. Phindezelani kuyo; njengokwenza kwayo, yenzani kuyo. |
16. | Nqumlani umhlwayeli eBhabheli, nophethe irhengqa ngexesha lokuvuna. Ngenxa yekrele elidlavulayo elowo ubheka ebantwini bakowabo, elowo usabela ezweni lakowabo. |
17. | Uyigusha elusali uSirayeli; ubhejethwe ziingonyama. Ngukumkani waseAsiriya owaqala wamdla; ngoku, owokugqibela umqobi wamathambo akhe nguNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli. |
18. | Ngako oko, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiyamvelela ukumkani waseBhabheli nelizwe lakhe, njengoko ndamvelelayo ukumkani waseAsiriya. |
19. | Ndiya kumbuyisela uSirayeli ekriweni lakhe, adle eKarmele naseBhashan, uhluthe umphefumlo wakhe ezintabeni zakwaEfrayim nezaseGiliyadi. |
20. | Ngaloo mihla nangelo xesha, utsho uYehova, buya kufunwa ubugwenxa bukaSirayeli, bungabikho; nezono zikaYuda zingafumaneki; ngokuba ndiya kubaxolela endibasalisileyo. |
21. | Ilizwe lakwaNkani-ziphindwe-kabini, nyuka uye kulo kanye, kubemi belakwaKohlwaywa; bharhisa usingele phantsi emva kwabo, utsho uYehova; wenze ngako konke endakuwisela umthetho ngako. |
22. | Isithonga semfazwe siselizweni, nokwaphuka okukhulu. |
23. | Hayi, ukuxakaxwa, ukwaphulwa kwesando sehlabathi lonke! Hayi, ukwenziwa kweBhabheli ummangaliso phakathi kweentlanga! |
24. | Ndikuthiyele, wabanjiswa nokubanjiswa, Bhabheli, ungazi ke wena; ufunyenwe, wathinjwa nokuthinjwa, ngokuba ulwe noYehova. |
25. | UYehova uyivulile indlu yezixhobo zakhe, wazikhupha iimpahla zokubhavuma kwakhe; ngokuba inomsebenzi iNkosi, uYehova wemikhosi, ezweni lamaKaledi. |
26. | Yizani kulo, nivale ngeenxa zonke; vulani amaqonga alo; lifumbeni ngokwezidimbilili, nilisingele phantsi, kungasali nento kulo. |
27. | Hlabani zonke iinkunzi zalo ezintsha zeenkomo; mazithotyelwe ekuxhelweni, Yeha ke bona! Ngokuba iyeza imini yabo, ixesha lokuvelelwa kwabo. |
28. | Phulaphulani! Nabo abasabayo, abasindayo ezweni laseBhabheli, ukuba baxele eZiyon impindezelo kaYehova uThixo wethu, impindezelo yetempile yakhe. |
29. | Bahlabeleni umkhosi abatoli, beze eBhabheli, bonke abatyedi besaphetha; yingqingeni ngeenxa zonke. Makungabikho usindayo; yivuzeni ngokomsebenzi wayo; ngako konke eyakwenzayo, yenzani ngako kuyo; ngokuba ikhukhumele kuYehova, koyiNgcwele kaSirayeli. |
30. | Ngako oko aya kuwa ezitratweni zayo amadodana ayo, athi shwaka ngaloo mini onke amadoda ayo okulwa; utsho uYehova. |
31. | Yabona, ndikuchasile, wena ukhukhumeleyo, itsho iNkosi uYehova wemikhosi; ngokuba ifikile imini yakho, ixesha lokukuvelela kwam. |
32. | Wokhubeka okhukhumeleyo, awe, kungabikho umvusayo; ndiphembe umlilo emizini yakhe, utshe ngeenxa zonke kuye. |
33. | Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Babecudiswa oonyana bakaSirayeli noonyana bakaYuda kunye; bonke ababathimbayo bayagcinisa ukubabamba, abavumi ukubandulula. |
34. | UMkhululi wabo obamiselayo womelele, ugama lakhe linguYehova wemikhosi; uya kubambana abambane nobambana nabo, ukuze aliphumze ihlabathi, agungqise abemi baseBhabheli. |
35. | Ikrele maliwafikele amaKaledi, nabemi baseBhabheli, nabathetheli bayo, nezilumko zayo; utsho uYehova. |
36. | Ikrele malibafikele abaphololozi bento engeyiyo, babe zizimathane; ikrele maliwafikele amagorha, aqhiphuke umbilini. |
37. | Ikrele maliwafikele amahashe ayo, neenqwelo zayo zokulwa, nomxukuxela wonke ophakathi kwayo, babe ngabafazi; ikrele malibufikele ubuncwane bayo, ukuba buphangwe. |
38. | Ukubalela makuwafikele amanzi ayo, ukuba atshe. Ngokuba lilizwe lemifanekiso eqingqiweyo; bazigezise ngezinto ezothusayo. |
39. | Ngako oko kuya kuhlala khona amarhamncwa omqwebedu neempungutye, kuhlale iinciniba khona, lingabi samiwa naphakade, lingabi sahlalwa izizukulwana ngezizukulwana. |
40. | Njengoko wayibhukuqayo uThixo iSodom neGomora, nemimelwane yayo, utsho uYehova, akuyi kuhlala bani khona, akuyi kuphambukela nyana womntu khona. |
41. | Yabonani, kuza abantu, bevela entla, uhlanga ke olukhulu; nookumkani abaninzi bayaxhoxhwa, bevela eziphelweni zehlabathi. |
42. | Baphethe isaphetha nenkcula, bazizijorha, abanamfesane; ilizwi labo liguguma njengolwandle, bakhwele emahasheni, bekuxhobele njengendoda yokulwa, ntombi iyiBhabheli. |
43. | Uve iindaba zabo ukumkani waseBhabheli, zasuka zawa izandla zakhe; imbandezelo imbambile, uyazibhijabhija njengozalayo. |
44. | Yabonani, utshaba luya kunyuka njengengonyama, luphume ekweneni kweYordan, luye ekhayeni eliyingxondorha; ngokuba ndiya kumgxotha ngephanyazo kulo, osukuba enyulwe, ndimenzele umveleli walo; ngokuba ngubani na onjengam? ngubani na oya kundimema? ngubani na loo malusi uya kuma phambi kwam? |
45. | Ngako oko, liveni icebo likaYehova, alicebileyo ngeBhabheli, neengcinga zakhe, azicingileyo ngelizwe lamaKaledi; esithi, Inene, baya kuzikrwiqiliza ezincinane zomhlambi; inene, liya kumangaliswa zizo ikriwa lazo. |
46. | Ngenxa yelizwi elithi, Ibanjiwe iBhabheli, liyanyikima ihlabathi; kuvakala isikhalo ezintlangeni. |
← Jeremiah (50/52) → |