| ← Jeremiah (5/52) → |
| 1. | Zityhutyheni izitrato zaseYerusalem; khanikhangele, nazi, nifune ezindaweni zayo zembutho, ukuba nomfumana na umntu, ukuba ukho na umntu owenza ngokusesikweni, ofuna ukunyanisa: ndoyixolela. |
| 2. | Nokuba bathi, Ehleli nje uYehova, boba bafunga bexoka. |
| 3. | Yehova, amehlo akho akajonge ekunyaniseni, yini na? Uyababetha, abevi ntlungu; uyabagqibela kuphele, abavumi ukuthethiswa; babenza ngwanyalala ubuso babo ngaphezu kwengxondorha, abavumi ukubuya. |
| 4. | Ndathi mna, Zizisweli zodwa zona, zimathile; ngokuba abayazi indlela kaYehova, nesiko loThixo wabo. |
| 5. | Ndokha ndiye kwabakhulu, ndithethe nabo; ngokuba bayayazi bona indlela kaYehova, isiko loThixo wabo; ke bona bayaphule kunye idyokhwe, baziqhawula izitropu. |
| 6. | Ngenxa yoko iyababulala ingonyama yasehlathini, iyabadlavula ingcuka yasezinkqantosini, ingwe ilalela imizi yabo; bonke abo baphuma kuyo bayaqwengwa; ngokuba luninzi ukreqo lwabo, kuninzi ukuphamba kwabo. |
| 7. | Ndothini na ukukuxolela? Oonyana bakho bandishiyile, bafunga abangethixo; ndabafungisa, ke bakrexeza, bathi ngunga endlwini yamahenyukazi. |
| 8. | Bayazibela njengeenkunzi zamahashe ezityetyisiweyo, elowo ukhonyela umfazi wommelwane wakhe. |
| 9. | Mandingaveleli na ke ngenxa yezo zinto? utsho uYehova; ungaphindezeli na ke umphefumlo wam, kuhlanga olunje? |
| 10. | Nyukani ezindongeni zayo, nonakalise; kodwa ningagqibeli kuphele; susani amasebe ayo, ngokuba engengakaYehova. |
| 11. | Ngokuba itshinizile kakhulu kum indlu kaSirayeli nendlu kaYuda, utsho uYehova. |
| 12. | Bayamkhanyela uYehova; bathi, Asinguye, abuyi kusifikela ububi, asiyi kubona krele nandlala; |
| 13. | abaprofeti baya kuba ngumoya; othethayo akakho kubo; makwenjiwe njalo kubo. |
| 14. | Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, ukuthi, Ngenxa enokuba nilithetha elo lizwi, yabona, ndiwenza umlilo amazwi am emlonyeni wakho, naba bantu babe ziinkuni, ubadle. |
| 15. | Yabona, ndifikisa phezu kwenu, ndlu kaSirayeli, uhlanga lwakude, utsho uYehova; luhlanga oluqinileyo, luhlanga oludala, luhlanga oluntetho ungayaziyo, ongayivayo into oluyithethayo. |
| 16. | Umphongolo walo unjengengcwaba elivulekileyo; bonke bephela bangamagorha. |
| 17. | Luya kukudla ukuvuna kwakho nesonka sakho; luya kubadla oonyana bakho neentombi zakho; luya kuyidla impahla yakho emfutshane neenkomo zakho; luya kuwudla umdiliya wakho nomkhiwane wakho; luya kuyiviva ngekrele imizi yakho enqatyisiweyo, okholose ngayo. |
| 18. | Noko ke ngaloo mihla, utsho uYehova, andiyi kunigqibela kuphele. |
| 19. | Kuthi, xa nithi, UYehova uThixo wethu uzenzeleni na ezo zinto zonke kuthi? uze uthi kubo, Njengokuba nindishiyile mna, nakhonza oothixo bolunye uhlanga ezweni lenu, kwangokunjalo niya kukhonza abasemzini ezweni elingelenu. |
| 20. | Kuxeleni oku endlwini kaYakobi, nikuvakalise kwaYuda, nithi, |
| 21. | Khanive oku, bantu bazizidenge, bangenantliziyo; banamehlo, bengaboni; baneendlebe, bengeva. |
| 22. | Mna anindoyiki na? utsho uYehova; anizibhijabhiji na ebusweni bam, mna ndiyibekileyo intlabathi yangumda wolwandle, yangummiselo ongunaphakade olungawugqithiyo? Ayalatyuza amaza alo, angabi nakwenza nto; agqume, angawugqithi. |
| 23. | Ke aba bantu banentliziyo eyinjubaqa, eneenkani; bakreqile bemka. |
| 24. | Abatsho nokuthi ezintliziyweni zabo, Makhe soyike uYehova uThixo wethu, osinika imvula ethambisayo nevuthisayo ngexesha elililo; osigcinela iiveki ezimisiweyo zasekwindla. |
| 25. | Izenzo zenu ezigwenxa zizisunduzile ezo zinto, izono zenu zikuthintele kuni okulungileyo. |
| 26. | Ngokuba kufunyanwa abangendawo phakathi kwabantu bam; bayalalela ngokuncathama kwabathiyeli, benza isihogo, babambisa abantu. |
| 27. | Njengendlwane izele ziintaka, zinjalo izindlu zabo ukuzala yinkohliso; ngenxa yoko bakhulile baba zizityebi. |
| 28. | Batyebile, bagudile; kananjalo bagqithisele ngezinto ezimbi; ityala abalilungisa, ityala leenkedama, ukuze zibe nempumelelo; abaligwebi ityala lamahlwempu. |
| 29. | Ndingaveleli na ke ngenxa yezo nto? utsho uYehova; ungaphindezeli na umphefumlo wam kuhlanga olunje? |
| 30. | Kwenziwa into emangalisayo, ebanga amanwele ezweni: |
| 31. | abaprofeti baprofeta ngobuxoki, nababingeleli banobukhosi ngezandla zabo; abantu bam ke bathanda ukuba kube njalo. Niya kuthini na ke ekupheleni kwako oko? |
| ← Jeremiah (5/52) → |