← Jeremiah (48/52) → |
1. | Ngokusingisele kwelakwaMowabhi, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi: Yeha iNebho, ngokuba ibhuqiwe. Ihlazisiwe, ithinjiwe iKiriyatayim; ihlazekile, iqhiphuke umbilini ingxonde leyo. |
2. | Iqhayiya lakwaMowabhi alisekho; eHeshbhon bacebe ububi ngaye, bathi, Yizani simnqumle, angabi luhlanga. Nawe, Mademena, uya kudaka; ikrele liya kukulandela. |
3. | Phulaphulani ukukhala eHoronayim! Yimbuqo nokwaphuka okukhulu! |
4. | UMowabhi waphukile, iimbedlenge zakhe zivakala zikhala. |
5. | Ngokuba ekunyukeni eqhineni laseLuhoti, baya kulila, balile; ngokuba ekuhleni eHoronayim ababandezelwa baya kuvakala bekhaliswa kukwaphulwa. |
6. | Sabani, sizani imiphefumlo yenu, yibani njengoze entlango. |
7. | Ngenxa enokuba ukholose ngezenzo zakho nangobuncwane bakho, nawe uya kuthinjwa, aphume afuduswe uKemoshe, ababingeleli bakhe nabathetheli bakhe kunye. |
8. | Uya kufika umbhuqi emizini yonke, kungasindi mzi, idake intili, litshabalale ihewu, njengoko watshoyo uYehova. |
9. | Mnikeni amaphiko uMowabhi; ngokuba wophuma ebaleka, imizi yakhe ibe ngamanxuwa, ingemiwa. |
10. | Makaqalekiswe owenza umsebenzi kaYehova ngokudangala, aqalekiswe onqanda ikrele lakhe egazini. |
11. | Wonwaba uMowabhi kwasebuncinaneni bakhe, wee tywa phezu kweentsipho zakhe; akakhutshelwanga kwesinye isitya, akahambanga efuduswa; ngenxa yoko isongo sakhe sihleli kuye, nevumba lakhe aliguqukanga. |
12. | Ngako oko, yabonani, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kuthumela abathululi kuye, bamthulule, bazikhuphele izitya zakhe, bayiqhekeze imiphanda yakhe. |
13. | Uya kudana uMowabhi nguKemoshe, njengoko yadanayo indlu kaSirayeli yiBheteli, inkoloseko yayo. |
14. | Ningathini na ukuthi, Singamagorha, singamadoda anobukroti emfazweni? |
15. | Uyabhuqwa uMowabhi, imizi yakhe iyenyukwa, amadodana akhe anyuliweyo athobela ekusikweni; utsho uKumkani ogama lakhe linguYehova wemikhosi. |
16. | Kusondele, kuza kufika, ukusindeka kukaMowabhi; ububi bakhe buyangxama kakhulu. |
17. | Hlunguzelani iintloko ngaye, nonke nina ningeenxa zonke kuye, nonke nina nilaziyo igama lakhe. Yithini, Yoo! Itheni na ukwaphuka intonga yonamandla, uluthi lokuhomba. |
18. | Yihla eluzukweni, uhlale phantsi kwelinenxano, mmi, ntombi yaseDibhon; ngokuba umbhuqi kaMowabhi unyuke weza kuwe, uzonakalisile iinqaba zakho. |
19. | Yima ngasendleleni, ubonisele, mmi waseArohere; buza kwindoda esabileyo nakwintokazi esindileyo; yithi, Kukho ntoni na? |
20. | UMowabhi uhlazekile, ngokuba uqhiphuke umbilini; bhombolozani nikhale; xelani eArnon, nithi, Ubhuqiwe uMowabhi. |
21. | Umgwebo ulifikele ilizwe lehewu, iHolon neYatsa neMefahati; |
22. | neDibhon, neNebho, neBhete-dibhelatayim; |
23. | neKiriyatayim, neBhete-gamuli, neBhete-mehon; |
24. | neKeriyoti, neBhotsera, nemizi yonke yelizwe lakwaMowabhi, ekude kwanekufuphi. |
25. | Luxakaxiwe uphondo lukaMowabhi, ingalo yakhe yaphulwe; utsho uYehova. |
26. | Mnxiliseni, ngokuba ezikhulisile kuYehova; akhahleleke uMowabhi emhlanzweni wakhe, abe yintlekisa naye. |
27. | Wayengeyintlekisa na kuwe uSirayeli? Wayefunyenwe phakathi kwamasela, kusini na, ukuba uhlunguzele intloko, xa sukuba ubuthetha ngaye? |
28. | Shiyani imizi, nihlale ezingxondorheni, bemi bakwaMowabhi, nibe njengevukuthu elakhela phesheya, eludinini lomwonyo. |
29. | Silivile ikratshi likaMowabhi. Asikuko nokuba likratshi: ukuzidla kwakhe, ikratshi lakhe, ukukratsha kwakhe, nokuphakama kwentliziyo yakhe. |
30. | Mna ndiyakwazi ukuphuphuma komsindo wakhe, nokuphololoza kwakhe into engeyiyo; utsho uYehova; benza into engekhoyo. |
31. | Ngako oko ndiyabhomboloza ngenxa kaMowabhi, ndikhale ngenxa kaMowabhi wonke ephela; bayancwina ngenxa yamadoda aseKir-heres. |
32. | Ngaphezu kokulila kweYazere ndiya kulilela wena, mdiliya waseSibhema, omasebe awela ulwandle, ada aya kufika elwandle lwaseYazere; ekuvunweni kweziqhamo nasekuvunweni kweediliya zakho kugaleleke umbhuqi. |
33. | Isukile imivuyo nemigcobo entsimini echumayo, naselizweni lakwaMowabhi; ndiyiphelisile iwayini emkhombeni; abayi kuxovula benamayeyeye; amayeyeye abo aya kuba ngamayeyeye angelutho. |
34. | Ukukhala eHeshbhon kuse e-Elale, kuse eYahazi; balikhuphile izwi labo, kuthabathele eTsohare kwesa eHoronayim, nase-Egelati yesithathu; ngokuba kwanamanzi aseNimrim aya kuthi qoko. |
35. | Ndiya kumphelisa kwaMowabhi, utsho uYehova, onyuka isiganga ukuba aqhumisele koothixo bakhe. |
36. | Ngako oko intliziyo yam iyalila njengogwali ngenxa kaMowabhi; intliziyo yam iyalila njengogwali ngenxa yamadoda aseKir-heres; ngako oko indyebo ababeyizuzile itshabalele. |
37. | Kuba zonke iintloko zigugulwe, zonke iindevu zichetyiwe; ezandleni zonke ziintlanga, ezinqeni ziingubo ezirhwexayo. |
38. | Phezu kwezindlu zonke zakwaMowabhi nasezitratweni zakhe kukumbambazela kodwa; ngokuba ndimaphule uMowabhi njengesitya esingananziweyo; utsho uYehova. |
39. | Bayabhomboloza; hayi, ukuqhiphuka kwakhe umbilini! Hayi, ukunikela kukaMowabhi ikhosi kukudana! Uyintlekisa, uyoyikwa ngabo bonke abangeenxa zonke kuye. |
40. | Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Uyabona, utshaba luyatshwebeleza njengexhalanga, lolule amaphiko alo phezu koMowabhi. |
41. | Ithinjiwe iKeriyoti, zihluthiwe iimboniselo. Ngaloo mini intliziyo yamagorha akwaMowabhi iya kuba njengentliziyo yomfazi onenimba; |
42. | atshabalale uMowabhi, angabi ngaba ntu, ngokuba ebezikhulisile kuYehova. |
43. | Ufikelwe lunkwantyo, nomgongxo, nesibatha, mmi wakwaMowabhi; utsho uYehova. |
44. | Osaba unkwantyo uya kweyela emgongxweni; ophuma emgongxweni uya kubanjiswa sisibatha; ngokuba ndiya kumzisela yena uMowabhi umnyaka wokuvelelwa kwakhe; utsho uYehova. |
45. | Phantsi komthunzi weHeshbhon kuya kuma abasabi abangenamandla; ngokuba kuya kuphuma umlilo eHeshbhon, nelangatye phakathi kwaSihon, udle ummandla wakwaMowabhi nokakayi lwabengxolo. |
46. | Yeha, wena Mowabhi! Batshabalele abantu bakaKemoshe, ngokuba, oonyana bakho baya kuthatyathwa bethinjiwe, neentombi zakho zisiwe ekuthinjweni. |
47. | Ke ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kukaMowabhi ekupheleni kwemihla; utsho uYehova. Uze wafika apha umgwebo wakwaMowabhi. |
← Jeremiah (48/52) → |