← Jeremiah (47/52) → |
1. | Into eyafikayo kuYeremiya umprofeti, ililizwi likaYehova ngokusingisele kumaFilisti, uFaro engekayixabeli iGaza, yaye iyile: |
2. | Utsho uYehova ukuthi, Yabona, kunyuka entla amanzi angumlambo ongumkhukula, ontywilisela ilizwe nenzaliseko yalo, imizi nabemi bayo; sikhale isintu, babhomboloze bonke abemi belizwe. |
3. | Ngenxa yesingqi sokunyathela kwamanqina eembalasane zamahashe akhe, ngenxa yokugoqoza kweenqwelo zakhe zokulwa, ngokuxokozela kweevili zakhe, ooyise abasabheki koonyana ngokuwa kwezandla; |
4. | ngenxa yemini eza kuwabhuqa onke amaFilisti, eza kunqumla eTire neTsidon bonke abasale banceda; ngokuba uYehova uyawabhuqa amaFilisti, amasalela onxweme lwaseKafetori. |
5. | Isezileni iGaza, itshabalele iAshkelon, amasalela entili yabo. |
6. | Kunini na uzicenta? Awu! Krele likaYehova, kunini na ungaphezi? Rhoxela esingxotyeni sakho; phumla, uthi cwaka. |
7. | Ungathini na ukupheza, uYehova ekuwisele umthetho nje? EAshkelon naselunxwemeni lolwandle, apho ukuyalele. |
← Jeremiah (47/52) → |