Jeremiah (45/52)  

1. Ilizwi awalithethayo uYeremiya umprofeti kuBharuki unyana kaNeriya, ekuwabhaleni kwakhe encwadini la mazwi, ephuma emlonyeni kaYeremiya, ngomnyaka wesine kaYoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, lalisithi,
2. Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, kuwe, Bharuki, ukuthi, Wena uthi, Athi ke mna!
3. Ngokuba uYehova wongeza isingqala kumvandedwa wam; ndidiniwe kukuncwina kwam, andifumani kuphumla.
4. Yithi ke kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, into endiyakhileyo ndiyayigungxula, into endiyityeleyo ndiyayinyothula; lihlabathi lonke ke elo.
5. Wena uzifunela izinto ezinkulu; musa ukuzifuna. Ngokuba, uyabona, ndiyizisela ububi inyama yonke, utsho uYehova; ke ndikunika umphefumlo wakho ube lixhoba lakho, ezindaweni zonke oya kuya kuzo.

  Jeremiah (45/52)