| ← Jeremiah (37/52) → |
| 1. | Ke kaloku ukumkani uZedekiya unyana kaYosiya waba ngukumkani esikhundleni sikaKoniyahu unyana kaYehoyakim, owenziwa ukumkani ezweni lakwaYuda nguNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli. |
| 2. | Akawaphulaphula naye, nabakhonzi bakhe, nabantu belizwe, amazwi kaYehova awawathethayo ngoYeremiya umprofeti. |
| 3. | Ukumkani uZedekiya wathuma ooYehukali unyana kaShelemiya, noZefaniya unyana kaMahaseya, umbingeleli, kuYeremiya umprofeti, esithi, Khawusithandazele kuYehova uThixo wethu. |
| 4. | UYeremiya ke ubengena ephuma phakathi kwabantu, bengekamfaki entolongweni. |
| 5. | Ke kaloku impi kaFaro ibiphume eYiputa; aziva iindaba zayo amaKaledi abeyingqinga iYerusalem, esuka emka eYerusalem. |
| 6. | Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya umprofeti, lisithi, |
| 7. | Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yitshoni kukumkani wakwaYuda, onithume ukuza kubuzisa kum, ukuthi, Yabonani, impi kaFaro ephume isiza ukuninceda, iya kubuyela ezweni layo eYiputa; |
| 8. | abuye ke amaKaledi, alwe nalo mzi, awuthimbe, awutshise ngomlilo. |
| 9. | Utsho uYehova ukuthi, Musani ukuzikhohlisa ngokwenu, nisithi, Aya kumka kanye kuthi amaKaledi; ngokuba akayi kumka. |
| 10. | Inene, nibe ningafanelana niyixabele impi yonke yamaKaledi alwayo nani, kwasala kuyo amadoda aziingxwelera; abeya kuvuka elowo ententeni yakhe, awutshise lo mzi ngomlilo. |
| 11. | Kwathi, ekumkeni kwempi yamaKaledi eYerusalem ngenxa yempi kaFaro, |
| 12. | waphuma uYeremiya eYerusalem, esiya ezweni lakwaBhenjamin, ukuba athabathe khona isahlulelo sakhe phakathi kwabantu. |
| 13. | Kwathi, esesangweni lakwaBhenjamin, ekhona nomphathi-balindi, ogama linguIriya unyana kaShelemiya, unyana kaHananiya, wambamba uYeremiya umprofeti, esithi, Uphambela kumaKaledi. |
| 14. | Wathi uYeremiya, Uyaxoka; andiphambeli kumaKaledi. Ke akamphulaphula; uIriya wambamba uYeremiya, wamsa kubathetheli. |
| 15. | Abathetheli bamqumbela uYeremiya, bambetha, bamfaka endlwini yababanjwa, endlwini yombhali uYonatan; ngokuba babeyenze intolongo. |
| 16. | Xa uYeremiya ebengenile endlwini engumhadi, ezingontsini, wahlala khona uYeremiya imihla emininzi. |
| 17. | Uthe ke ukumkani uZedekiya wathumela, wamthabatha; ukumkani wambuza endlwini yakhe ngasese, wathi, Kukho lizwi na liphuma kuYehova? Wathi uYeremiya, Likho; wathi, Uya kunikelwa esandleni sokumkani waseBhabheli. |
| 18. | Wathi uYeremiya kukumkani uZedekiya, Ndone ngantoni na kuwe, nakubakhonzi bakho, nakwaba bantu, ukuba nindifake entolongweni nje? |
| 19. | Baphi na ke abaprofeti benu ababeprofeta kuni, besithi, Ukumkani waseBhabheli akayi kunifikela nina, nalo eli lizwe? |
| 20. | Kaloku ke khawuphulaphule, nkosi yam kumkani, makuwe phambi kwakho ukutarhuzisa kwam; musa ukundibuyisela endlwini kaYonatan umbhali, hleze ndifele khona. |
| 21. | Ukumkani uZedekiya wawisa umthetho; bambeka uYeremiya entendelezweni yabalindi, bamnika intenda yesonka imihla ngemihla esitratweni saboji, sada saphela sonke isonka phakathi komzi. UYeremiya wahlala ke entendelezweni yabalindi. |
| ← Jeremiah (37/52) → |