| ← Jeremiah (32/52) → |
| 1. | Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, ngomnyaka weshumi kaZedekiya ukumkani wakwaYuda; loo mnyaka ke ngumnyaka weshumi elinesibhozo kaNebhukadenetsare. |
| 2. | Oko ke impi yokumkani waseBhabheli ibiyingqingile iYerusalem, uYeremiya umprofeti evalelwe entendelezweni yentolongo, yendlu yokumkani wakwaYuda. |
| 3. | Kuba ebevalelwe kuyo nguZedekiya ukumkani wakwaYuda, esithi, Yini na ukuba uthi ukuprofeta kwakho, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni sokumkani waseBhabheli, ukuba awuthimbe; |
| 4. | angasindi esandleni samaKaledi uZedekiya ukumkani wakwaYuda; uya kunikelwa okunene esandleni sokumkani waseBhabheli; umlomo wakhe uthethe nomlomo wakhe, amehlo akhe abone amehlo akhe; |
| 5. | amse uZedekiya eBhabheli, abe khona ndide ndimvelele, utsho uYehova; xa nithe nalwa namaKaledi, aniyi kuba nampumelelo. |
| 6. | Wathi uYeremiya, Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, |
| 7. | Yabona, uHanameli, unyana kaShalum uyihlokazi, uza kuwe, esithi, Yithenge intsimi yam eseAnatoti; ngokuba kulunge nawe ukuyithenga uyikhulule ngentlawulelo. |
| 8. | Weza ke kum entendelezweni yentolongo uHanameli, unyana kabawokazi, ngokwelizwi likaYehova, wathi kum, Khawuyithenge intsimi yam eseAnatoti, esezweni lakwaBhenjamin; ngokuba lilunge nawe ilifa, kokwakho ukuyikhulula ngokumisela; zithengele. Ndazi ke ukuba lilizwi likaYehova elo. |
| 9. | Ndayithenga ke intsimi kuHanameli, unyana kabawokazi, eseAnatoti, ndamlinganisela imali leyo, iishekele ezilishumi zesilivere ezineeshekele ezisixhenxe. |
| 10. | Ndakubhala ke encwadini, ndayitywina, ndangqinisa amangqina, ndayilinganisela imali ngesikali. |
| 11. | Ndayithabatha ke incwadi yentengo, leyo itywiniweyo inomthetho nemimiselo, naleyo ivulekileyo; |
| 12. | ndayinikela incwadi yentengo kuBharuki unyana kaNeriya, unyana kaMaseya, emehlweni kaHanameli okabawokazi, nasemehlweni amangqina lawo abhalileyo encwadini yentengo, nasemehlweni amaYuda onke abehleli entendelezweni yentolongo. |
| 13. | Ndamwisela uBharuki umthetho emehlweni abo, ndisithi, |
| 14. | Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Thabatha ezi ncwadi, incwadi yentengo le itywiniweyo, nencwadi le ivulekileyo, uzibeke esityeni somdongwe, ukuze zihlale imihla emininzi. |
| 15. | Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Kuya kubuya kuthengwe izindlu, namasimi, nezidiliya, kweli lizwe. |
| 16. | Ndathandaza kuYehova emveni kokuyinikela kwam incwadi yentengo kuBharuki unyana kaNeriya, ndathi, |
| 17. | Awu, Nkosi yam Yehova, yabona, walenza izulu nehlabathi ngamandla akho amakhulu, nangengalo yakho eyolukileyo; akukho nto ikunqabeleyo. |
| 18. | Unguwenza inceba kumawaka, uphindezela ubugwenxa booyise esondweni loonyana babo emva kwabo; uloThixo mkhulu, uligorha, ugama lakhe linguYehova wemikhosi; |
| 19. | ucebo likhulu, uzenzo zincamisileyo ngamandla; umehlo avulekileyo phezu kweendlela zonke zoonyana babantu, ukuba umnike ulowo ngokweendlela zakhe, nangokweziqhamo zezenzo zakhe; |
| 20. | wamisayo imiqondiso nezimanga ezweni laseYiputa, unanamhla, nakumaSirayeli nakwabanye abantu, wazenzela igama, njengoko kunjalo namhla. |
| 21. | Wabakhupha abantu bakho amaSirayeli ezweni leYiputa ngemiqondiso, nangezimanga, nangesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo, nangoloyikiso olukhulu. |
| 22. | Wabanika eli lizwe wabafungelayo ooyise, ukuba ubanike ilizwe elibaleka amasi nobusi. |
| 23. | Beza ke balihlala; kodwa abaliphulaphula izwi lakho, abahamba ngomyalelo wakho; konke owabawiselayo umthetho ngako ukuba bakwenze, abakwenza; wabahlisela ke bonke obu bubi. |
| 24. | Yabona, iindonga zokungqinga zifikile kulo mzi, ukuba ziwuthimbe; umzi ke unikelwe esandleni samaKaledi alwayo nawo ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa. Ilizwi owalithethayo lenzekile; nali ulibona. |
| 25. | Ke wena, Nkosi yam Yehova, uthe kum, Zithengele intsimi ngemali, ungqinise amangqina; wakubona ukuba umzi lo unikelwe esandleni samaKaledi. |
| 26. | Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi, |
| 27. | Yabona, ndinguYehova, uThixo wenyama yonke; kukho nto indinqabeleyo na? |
| 28. | Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni samaKaledi, nasesandleni sikaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, ukuba awuthimbe; |
| 29. | eze amaKaledi alwayo nalo mzi, awufake isikhuni, awutshise nezindlu abeqhumisela kuBhahali phezu kophahla lwazo, bathululela thixweni bambi iminikelo ethululwayo, ukuze bandiqumbise. |
| 30. | Ngokuba oonyana bakaSirayeli noonyana bakaYuda baye besenza ububi bodwa emehlweni am kwasebuncinaneni babo; ngokuba oonyana bakaSirayeli ngabaqumbisi bodwa kum, ngezenzo zezandla zabo; utsho uYehova. |
| 31. | Ngokuba lo mzi waba sisisulu somsindo wam nobushushu bam, kususela kwimini owakhiwa ngayo, kude kube yile mini; ukuze ndiwususe ebusweni bam, |
| 32. | ngenxa yobubi bonke boonyana bakaSirayeli noonyana bakaYuda, ababenzileyo ukuba bandiqumbise, bona, nookumkani babo, nabathetheli babo, nababingeleli babo, nabaprofeti babo, namadoda akwaYuda, nabemi baseYerusalem. |
| 33. | Bandinikela ikhosi, abandinikela ubuso; bafundiswa, befundiswa kwakusasa, abaphulaphula ububa bakuvume ukuqeqeshwa. |
| 34. | Babeka izinto zabo ezinezothe endlwini ebizwa ngegama lam, ukuze bayenze inqambi; |
| 35. | bamakhela uBhahali iziganga ezisemfuleni wakwaBhen-hinom, ukuze babacandisele uMoleki oonyana babo neentombi zabo, into endingabawiselanga mthetho ngayo, engathanga qatha entliziyweni yam, ukuba bawenze loo masikizi, ukuze bawenze one amaYuda. |
| 36. | Kukaloku ke, ngako oko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ngokusingisele kulo mzi, enithi, Unikelwe esandleni sokumkani waseBhabheli ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa: ukuthi, |
| 37. | Yabona, ndiyababutha emazweni onke, endabagxothela kuwo ngomsindo wam, nangobushushu bam, nangoburhalarhume obukhulu; ndobabuyisela kule ndawo, ndibahlalise bekholosile. |
| 38. | Baya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo; |
| 39. | ndibanike intliziyo enye, nendlela enye, ukuze bandoyike imihla yonke, kulunge kubo, nakoonyana babo emva kwabo. |
| 40. | Ndiya kubenzela umnqophiso ongunaphakade, ukuba ndingabuyi ekubalandeleni, ukuba ndibenzele okulungileyo, ndibeke ukundoyika entliziyweni yabo, ukuze bangandishiyi. |
| 41. | Ndoba nemihlali ngabo, ndibenzele okulungileyo, ndibatyale kweli lizwe ndinyanisile, ngentliziyo yam yonke nangomphefumlo wam wonke. |
| 42. | Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Njengoko ndabaziselayo aba bantu bonke obu bubi bukhulu kangaka, ndiya kwenjenjalo ukubazisela konke okulungileyo endikuthethayo ngabo. |
| 43. | Kuya kuthengwa amasimi kweli lizwe nithi, Kusenkangala, alinabantu nankomo, linikelwe esandleni samaKaledi. |
| 44. | Baya kuthenga amasimi ngemali, bawabhale encwadini, itywinwe; bathabathe amangqina ezweni lakwaBhenjamin, nangeenxa zonke kwiYerusalem, nasemizini yakwaYuda, nasemizini yasezintabeni, nasemizini yasezithabazini, nasemizini yelasezantsi; ngokuba ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabo; utsho uYehova. |
| ← Jeremiah (32/52) → |