| ← Jeremiah (22/52) → |
| 1. | Utsho uYehova ukuthi, Yihla uye endlwini yokumkani wakwaYuda, uthethe khona eli lizwi, uthi, |
| 2. | Live ilizwi likaYehova, kumkani wakwaYuda, uhleliyo etroneni kaDavide, wena, nabakhonzi bakho, nabantu bakho abangenayo ngala masango. |
| 3. | Utsho uYehova ukuthi, Yenzani okusesikweni nobulungisa, ophangiweyo nimhlangule esandleni somcudisi, ningamxinzeleli phantsi; ningamgonyameli owasemzini nomhlolokazi nenkedama; ningaphalazi gazi limsulwa kule ndawo. |
| 4. | Ngokuba xa nithe nalenza nokulenza eli lizwi, bongena ngamasango ale ndlu ookumkani, abahlalela uDavide etroneni yakhe, bekhwele ezinqwelweni nasemahasheni, yena, nabakhonzi bakhe, nabantu bakhe. |
| 5. | Ke ukuba nithe anaweva la mazwi, ndizifungile mna, utsho uYehova, ukuba le ndlu iya kuba linxuwa. |
| 6. | Ngokuba utshilo uYehova ngendlu yokumkani wakwaYuda, ukuthi, UlelaseGiliyadi wena kum, uyincopho yeLebhanon; inyaniso, ndiya kukwenza intlango, imizi engamiweyo. |
| 7. | Ndiya kukungcwalisela abonakalisi, elowo abe neempahla zakhe, bagawule imisedare yakho enyuliweyo, bayiphose emlilweni. |
| 8. | Kodlula kulo mzi iintlanga ezininzi, bathi elowo kummelwane wakhe, Kungenxa yani na ukuba uYehova enjenje kulo mzi mkhulu? |
| 9. | Bathi ke, Kungenxa yokuba bewushiyile umnqophiso kaYehova uThixo wabo, baqubuda thixweni bambi, babakhonza. |
| 10. | Musani ukumlilela ofileyo, ningahlunguzeli intloko ngenxa yakhe; lilani nilile ngomkileyo; ngokuba akasayi kubuya abuye, alibone ilizwe lokuzalwa kwakhe. |
| 11. | Ngokuba utsho ukuthi uYehova, ngoShalum unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, owaba ngukumkani esikhundleni sikaYosiya uyise, owaphuma kule ndawo, Akasayikubuya abuyele apha; |
| 12. | ke uya kufela endaweni abamfudusele kuyo, angabi sabuya alibone eli lizwe. |
| 13. | Yeha, oyakhayo indlu yakhe kungengabulungisa, namagumbi akhe aphezulu kungengokusesikweni; komkhonzisayo ummelwane wakhe ngelize, angamniki umvuzo wakhe; |
| 14. | othi, Ndiya kuzakhela indlu ebanzi, namagumbi aphezulu anombilini; ayigqobhoze iifestile ezininzi, ayifulele ngemisedare, ayiqabe ngembola! |
| 15. | Unobukumkani na, xa ushiyisela ngokwakha ngemisedare? Uyihlo ubengadli, asele, enze okusesikweni nobulungisa, yini na, kwaza kwalunga kuye? |
| 16. | Ubeligweba ityala losizana nolihlwempu; kwaza kwalunga. Asikuko na oko ukundazi? utsho uYehova. |
| 17. | Ngokuba akabheke ntweni amehlo akho nentliziyo yakho, kuphela akwinzuzo yakho nakwigazi labamsulwa, ukuze liphalazwe; asekucudiseni nasekuvikiveni, ukuba wenze oko. |
| 18. | Ngako oko utsho uYehova ngoYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, ukuthi, Abayi kummbambazelela, besithi, Yoo, mnakwethu! yoo, dade wethu! Abayi kummbambazelela, besithi, Yoo, nkosi! Yoo, ndili yakhe! |
| 19. | Uya kungcwatywa ngokungcwatywa kwe-esile, akrwiqilizwe, alahlwe kude namasango aseYerusalem. |
| 20. | Nyuka eLebhanon, ukhale; naseBhashan khupha izwi lakho, ukhale eHabharim; ngokuba zaphukile zonke izithandane zakho. |
| 21. | Ndathetha nawe uchulumachile; wathi wena, Andiyi kuva. Yindlela yakho leyo kwasebuncinaneni bakho, ukuba ungaliphulaphuli ilizwi lam. |
| 22. | Umoya uya kubadla bonke abalusi bakho, zithinjwe izithandane zakho; wandule ukudana, inene, uve ihlazo, ngenxa yezinto zakho ezimbi zonke. |
| 23. | Wena uhleliyo eLebhanon, uyakhelayo emisedareni indlu yakho, hayi ukugcuma kwakho ekufikelweni kwakho yinimba, kukuzibhijabhija, njengozalayo. |
| 24. | Ndihleli nje, utsho uYehova, ukuba uKoniyahu unyana kaYehoyakim, ukumkani wakwaYuda, ebengumsesane, wokutywina esandleni sam, sokunene, bendiya kumncothula nakhona; |
| 25. | ndikunikele esandleni sabawufunayo umphefumlo wakho, nasesandleni sabo uboyikayo, nasesandleni sikaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, nasesandleni samaKaledi. |
| 26. | Ndonijulela kwelinye ilizwe, wena nonyoko owakuzalayo, apho naningazalelwanga khona; nifele khona. |
| 27. | Ke lona ilizwe, abaya kuphakamisela umphefumlo wabo kulo, ukuba babuyele kulo, abasayi kubuyela kulo. |
| 28. | Lo mfo uKoniyahu ngumphanda odelekileyo, oza kuhlekezwa na? Uyimpahla engananziweyo na? Kungandawoni na ukuba bajulelwe, yena nembewu yakhe, baphoswe ezweni abangalaziyo? |
| 29. | Lizwe, lizwe, lizwe, live ilizwi likaYehova! |
| 30. | Utsho uYehova ukuthi, Lo mfo mbaleleni ekuthini akanabantwana, yindoda engenampumelelo emihleni yayo: ngokuba akayi kuba nampumelelo umntu wasembewini yakhe, ohlala etroneni kaDavide, esalawula kwaYuda. |
| ← Jeremiah (22/52) → |