Jeremiah (16/52)  

1. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
2. Uze ungazeki mfazi, ungabi nanyana nazintombi kule ndawo.
3. Ngokuba uYehova utsho ngoonyana neentombi ezizalelwa kule ndawo, nangoonina ababazalayo, nangooyise ababazalayo kweli lizwe, ukuthi,
4. Baya kufa zizifo ezibulalayo, bangambanjazelelwa, bangangcwatywa; baya kuba ngumgquba phezu komhlaba; baya kuphela likrele nayindlala, nezidumbu zabo zibe kukudla kweentaka zezulu nokwezilo zomhlaba.
5. Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Musa ukungena endlwini yesijwili, ungayi kumbambazela, ungabakhuzi; ngokuba ndilususile kwaba bantu uxolo lwam, inceba nemfesane yam; utsho uYehova.
6. Kuya kufa abakhulu kwanabancinane kweli lizwe, bangangcwatywa, kungambanjazelwa ngenxa yabo, kungacentwa, kungachetywa ntloko ngenxa yabo;
7. bangaqhekezelwa sonka esijwilini sabo, ukuba bathuthuzelwe ngenxa yofileyo; bangasezwa ngendebe yentuthuzelo ngenxa yooyise nangenxa yoonina.
8. Uze ungangeni endlwini yesidlo, ukuba uhlale nabo, udle, usele.
9. Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiya kuliphezisa kule ndawo, phambi kwamehlo enu nangemihla yenu, izwi lemihlali nezwi lemivuyo, izwi lomyeni nezwi lomtshakazi.
10. Ke kaloku kothi, xa uthe wabaxelela aba bantu la mazwi onke, baza bathi kuwe, Kungenxa yani na ukuba uYehova abuthethe ngathi bonke obu bubi bukhulu kangaka, buyini na ubugwenxa bethu, siyini na isono sethu, esone ngaso kuYehova uThixo wethu?
11. wothi kubo, Kungenxa yokuba ooyihlo bendishiyile, utsho uYehova; balandela thixo bambi, babakhonza, baqubuda kubo; mna bandishiya, umyalelo wam abawugcina;
12. nasuka ke nina nenza okubi ngaphezu kooyihlo; nanko, nilandela elowo ubungqola bentliziyo yakhe enobubi, ningandiphulaphuli.
13. Ndiya kunijulela ngaphandle kweli lizwe, niye nikhonzele khona apho thixo bambi imini nobusuku; ngokuba ndingayi kuba natarhu kuni.
14. Ngako oko, yabonani, iyeza imihla, utsho uYehova, ekungayi kuba sathiwa, Ehleli nje uYehova, owabanyusayo oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa; ekuya kuthiwa,
15. Ehleli nje uYehova, owabanyusayo oonyana bakaSirayeli ezweni lasentla, nasemazweni onke ebebagxothele kuwo; ndobabuyisela kowabo umhlaba endawunika ooyise.
16. Yabonani, ndithumela ababambisi beentlanzi abaninzi, beze bababambise, utsho uYehova; emveni koko ndithumele abazingeli abaninzi, beze babazingele, baphume nabo ezintabeni zonke, nasezindulini zonke, nasezimfanteni zeengxondorha.
17. Ngokuba amehlo am akuzo zonke iindlela zabo, azisithele kum; abufihlakele ubugwenxa babo phambi kwamehlo am.
18. Kuqala, ndobuvuza kabini ubugwenxa babo nesono sabo ngenxa yokulihlambela kwabo ilizwe lam ngezidumbu zezinto zabo ezinezothe, belizalisa ilifa lam ngamasikizi abo.
19. Yehova, mandla am, nqaba yam, ndawo yokusabela kwam ngomhla wembandezelo, ziya kuza kuwe iintlanga, zivela eziphelweni zehlabathi, zithi, Oobawo badla ilifa lobuxoki bodwa, amampunge la, ekungekho nto inokunceda phakathi kwawo.
20. Umntu uya kuzenzela oothixo yini na, bengengabo oothixo?
21. Ngako oko, yabona, ndiyabazisa ngesi sihlandlo, ndibazise isandla sam nobugorha bam, bazi ukuba igama lam linguYehova.

  Jeremiah (16/52)