← Isaiah (9/66) → |
1. | Ngokuba akuyi kuhlala kuthe ncithi kwelinengcutheko. Ngexesha lokuqala walicukuceza ilizwe lakwaZebhulon nelizwe lakwaNafetali; ngelakamva uya kuyizukisa indlela yaselwandle, phesheya kweYordan, ummandla weentlanga. |
2. | Abantu abo babamba emnyameni babone ukukhanya okukhulu; abemi basezweni lethunzi lokufa, ukukhanya kubengezele phezu kwabo. |
3. | Uyalwandisa uhlanga, ulukhulisela uvuyo; bayavuya phambi kwakho, njengokuvuya kwexa lokuvuna, njengokuvuyelela kwabo ekwabeni kwabo amaxhoba. |
4. | Kuba idyokhwe yomthwalo wabo noswazi lwamagxa abo, intonga yomqhubi wabo, uyaphule njengemini yakwaMidiyan. |
5. | Ngokuba zonke izihlangu zabanyathela ngezihlangu ekungxoleni kokulwa, neengubo ezityikitywe emagazini, ezo ziya kutshiswa, zibe kukudla komlilo. |
6. | Ngokuba sizalelwe umntwana, sinikwe unyana; ukuthethela kusesixhantini sakhe; igama lakhe kuthiwa nguMmangaliso, nguMcebisi, nguThixo oligorha, nguSonini-nanini, nguMthetheli woxolo, |
7. | ukuba kwande ukuthethela oko, kubekho uxolo olungenakuphela etroneni kaDavide, nasebukumkanini bakhe, ukuba bumiswe buxhaswe ngokusesikweni nangobulungisa, kususela koko kude kuse ephakadeni. Ikhwele likaYehova wemikhosi liya kukwenza oko. |
8. | INkosi ithumela ilizwi kwaYakobi, liwa ke kwaSirayeli. |
9. | Bonke ke abantu bephela baya kwazi, amaEfrayim nabemi belakwaSamari: abathi ngekratshi nangobukhulu bentliziyo, |
10. | Izitena ziwile, siya kwakha ngamatye aqingqiweyo; imithombe ixakaxiwe, siya kuyimisela ngemisedare. |
11. | UYehova ubaphakamisile ababandezeli bakaRetsin phezu kwakhe, uzixhoxhile iintshaba zakhe. |
12. | Ama-Aram ngasempumalanga, namaFilisti ngasentshonalanga, awadlile amaSirayeli ngomlomo wonke. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe; isandla sakhe sisolukile. |
13. | Aba bantu ke ababuyeli kulowo ubabethileyo; abamngxamele uYehova wemikhosi. |
14. | Ngoko ke usuke uYehova wanqumla kuSirayeli intloko nomsila, isebe lomthi wesundu nomzi, ngamini-nye. |
15. | Amadoda amakhulu nabafo ababekekileyo, yintloko ke leyo; abaprofeti abayala ngobuxoki, ngumsila ke lowo. |
16. | Abakhokeli baba bantu basuke baba ngaba bandwendwisayo, nabakhokelwa ngabo basuke baba ngabaginyiweyo. |
17. | Ngenxa yoko iNkosi ayiyi kuvuya ngamadodana abo, ingabi namfesane ngeenkedama zabo nabahlolokazi babo; ngokuba bonke bephela baziintshembenxa, nabenzi bobubi; yonke imilomo ithetha ngobudenge. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe; isandla sakhe sisolukile. |
18. | Kuba okungendawo kutsha njengomlilo, kudla ubobo namakhakakhaka, kufaka isikhuni ezintshinyeleni zehlathi, kunyuka njengomqulu womsi. |
19. | Ngokuphuphuma komsindo kaYehova wemikhosi ilizwe liyatsha; abantu banjengokudla komlilo; umntu akamcongi umzalwana wakhe. |
20. | Basika ngasekunene, balambe noko; badle ngasekhohlo, bangahluthi noko; umntu adle inyama yengalo yakhe; |
21. | uManase adle uEfrayim, uEfrayim adle uManase; bona bachasane noYuda. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe; sisolukile isandla sakhe. |
← Isaiah (9/66) → |