← Isaiah (65/66) → |
1. | Ndangxokeka kwababengandibuzi, ndafumaneka kwababengandifuni. Ndathi, Ndikho, ndikho, kuhlanga obelungabizwa ngegama lam. |
2. | Ndolula isandla zam imini yonke kubantu abaziinjubaqa, abahamba ngendlela engalungileyo, emva kweengcinga ezizezabo: |
3. | abantu aba bandiqumbisayo ngamaxesha onke besebusweni bam, bebingelela emiyezweni, beqhumisela eziteneni, |
4. | behleli emangcwabeni, belalisa ezindaweni ezinqabileyo, besidla inyama yehagu, ezityeni zabo ingumhluzi oyimbozisa; |
5. | besithi, Yima, ungasondeli kum; ngokuba ndingcwele kunawe. Abo bangumsi ezimpumlweni zam, umlilo otsha iimini zonke. |
6. | Yabona, kubhaliwe phambi kwam, kwathiwa, Andiyi kuthi tu, ndingaphindezelanga; ndiya kuphindezelela esondweni lengubo yabo izenzo zenu ezigwenxa, |
7. | nezenzo ezigwenxa zooyihlo kunye, utsho uYehova; abaqhumiselayo ezintabeni, bandingcikiva ezindulini; ngako oko ndiya kuwulinganisela umvuzo womsebenzi wabo kuqala esondweni labo. |
8. | Utsho uYehova ukuthi, Njengokuba incindi ifunyanwa esihlokweni, athi umntu, Musa ukusonakalisa, ngokuba kukho intsikelelo kuso; ndiya kwenjenjalo ngenxa yabakhonzi bam, ukuze ndingonakalisi into yonke. |
9. | Ndiya kuvelisa imbewu kaYakobi, indlalifa yentaba yam kwaYuda, balidle ilifa abanyulwa bam, bahlale khona abakhonzi bam; |
10. | iSharon yoba likriwa lempahla emfutshane, nentili yeAkore ibe yindawo yokubutha iinkomo ebantwini bam abandiquqeleyo. |
11. | Ke nina nimshiyileyo uYehova, niyilibeleyo intaba yam engcwele, nimlungiselayo uThamsanqa isithebe, nimzaliselayo uSihlo iwayini ephithikeziweyo, |
12. | ndinimisele ikrele, niguqele ukusikwa nonke mpela, ngenxa enokuba ndanibizayo, anasabela; ndathetha, aneva; nesuka nenza okubi emehlweni am; nanyula endingakunanzileyo. |
13. | Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, abakhonzi bam baya kudla, ke nina niya kulamba; yabonani, abakhonzi bam baya kusela, ke nina niya kunxanwa; yabonani, abakhonzi bam baya kuvuya, ke nina niya kudana. |
14. | Yabonani, abakhonzi bam baya kumemelela ngokuchwayitha kwentliziyo, ke nina niya kukhala ngumvandedwa wentliziyo, nibhomboloze kukwaphuka komoya wenu. |
15. | Niya kulishiya igama lenu libe sisishwabulo kubanyulwa bam, ikubulale iNkosi uYehova, ke ibabize ngalimbi igama abakhonzi bayo; |
16. | ngokokude athi ozisikeleleyo elizweni, azisikelele ngoThixo wenyaniso; athi ofungayo elizweni, afunge uThixo wenyaniso; ngokuba zilityelwe iimbandezelo zangaphambili, nangokuba zisithele emehlweni am. |
17. | Ngokuba, niyabona, ndidala amazulu amatsha nehlabathi elitsha; angakhunjulwa awokuqala, angenyuki athi qatha entliziyweni. |
18. | Hayi, yibani nemihlali, nigcobe nanini yiloo nto ndiyidalayo; ngokuba, yabonani, ndiyayidala iYerusalem ukuba igcobe, nabantu bayo ukuba babe nemihlali. |
19. | Ndiya kugcoba ngeYerusalem, ndibe nemihlali ngabantu bam, lingabi savakala khona ilizwi lokulila nelizwi lokukhala. |
20. | Akuyi kuba savela khona usana oluneentsuku, nexhego elingayizalisanga imihla yalo; kuba umfana uya kufa engominyaka ilikhulu ezelwe, atshabhiswe umoni engominyaka ilikhulu ezelwe. |
21. | Baya kwakha izindlu, bazihlale; batyale izidiliya, badle iziqhamo zazo. |
22. | Abayi kwakha, kuhlale bambi; abayi kutyala, kudle bambi; kuba iya kuba njengemihla yomthi imihla yabantu bam, badle into esetyenzwe zizandla zabo abanyulwa bam. |
23. | Abayi kuzixhamla ngokulambathayo, bazalele ukhwankqiso; ngokuba bayimbewu ayisikeleleyo uYehova, nabaphume ezibilinini zabo banabo. |
24. | Kuya kuthi bengekabizi, ndisabele; besathetha, ndibe sendivile. |
25. | Kuya kudla ndawonye ingcuka nemvana, ingonyama idle umququ njengenkomo; inyoka, sibe luthuli isonka sayo. Aziyi kwenza bubi, zonakalise, kuyo yonke intaba yam engcwele; utsho uYehova. |
← Isaiah (65/66) → |