Isaiah (63/66)  

1. Ngubani na lo uza evela kwaEdom, evela eBhotsera, zibomvu iingubo zakhe? Lo uyingangamsha ngesambatho sakhe, enyalasa ebuninzini bamandla akhe? Ndim, mna uthetha ngokobulungisa, mna umkhulu ukusindisa.
2. Yini na ukuba sibe yingqombela isambatho sakho, neengubo zakho zibe njengezoxovula esixovulelweni sewayini?
3. Isifaxangelo ndisixovule ndedwa; ezizweni akubangakho bani inam; ndazixovula ndinomsindo, ndazinyasha ndishushu; igazi lazo lachaphazela iingubo zam, ndasidyobha sonke isambatho sam.
4. Kuba umhla wempindezelo ubusentliziyweni yam, nomnyaka wokukhulula kwam ngokuhlawulela ufikile.
5. Ndabheka, akwabakho mncedi; ndamangaliswa ukuba kungabikho mxhasi; yandisindisela ke ingalo yam, nobushushu bam baba ngumxhasi wam.
6. Ndazigqusha izizwe ndinomsindo, ndazinxilisa ndinobushushu, ndalihlisela emhlabeni igazi lazo.
7. Ndiya kukhankanya iinceba zikaYehova, iindumiso zikaYehova ngokokufanele konke ukusiphatha kukaYehova; nokulunga kwakhe okukhulu kwindlu kaSirayeli, awayiphatha ngako ngokwemfesane yakhe, nangokobuninzi beenceba zakhe.
8. Wathi okwenene, Bangabantu bam ke, oonyana abangayi kuxoka; waba ngumsindisi kubo ke.
9. Ekubandezelekeni kwabo konke wabandezeleka, nesithunywa sobuso bakhe sabasindisa; ekubathandeni kwakhe nasekubacongeni kwakhe wayebakhulula ngokumisela yena, wabafunqula; wabathwala yonke imihla yasephakadeni.
10. Ke bona bamphikisa, bamenza buhlungu uMoya wakhe oyiNgcwele; waguquka ke, waba lutshaba kubo, walwa nabo.
11. Baza abantu bakhe bakhumbula imihla yasephakadeni kaMoses, bathi, Uphi na lo wabanyusa elwandle, ndawonye nomalusi womhlambi wakhe? Uphi na lowo wawubeka phakathi kwabo uMoya wobungcwele bakhe?
12. wayihambisa ngasekunene kukaMoses ingalo yokuhomba kwakhe? wawacanda amanzi phambi kwabo, ukuze azenzele igama elingunaphakade?
13. wabahambisa emanzini anzongonzongo, njengehashe entlango, abakhubeka?
14. Njengeenkomo ezihla ziye entilini, uMoya kaYehova wabaphumza; wenjenjalo ukubaqhuba abantu bakho, ukuze uzenzele igama elizukileyo.
15. Bheka usemazulwini, ubone usengontsini yobungcwele bakho neyesihombo sakho. Buphi na ubukhwele bakho nobugorha bakho? Ukusika kwezibilini zakho neemfesane zakho zibambekile kum.
16. Kuba ungubawo wena, ngokuba uAbraham engasazi, uSirayeli engasinakani; wena, Yehova, unguBawo, uMkhululi wethu ligama lakho kwasephakadeni.
17. Yini na ukuba usiyeke sidungudele, Yehova, simke ezindleleni zakho, uyiqaqadekise intliziyo yethu, singakoyiki wena? Buya, ngenxa yabakhonzi bakho, izizwe zelifa lakho.
18. Abantu bakho abangcwele badla ilifa umzuzwana; ababandezeli bethu bayigqusha ingcwele yakho.
19. Sisuke saba njengabo ungabalawulanga kwasephakadeni, abangabizwanga ngegama lakho.

  Isaiah (63/66)