| ← Isaiah (62/66) → |
| 1. | Ngenxa yeZiyon andiyi kuthi tu, ngenxa yeYerusalem andiyi kuzola, bude buphume njengokusa ubulungisa bayo, nosindiso lwayo njengesikhuni esidangazelayo; |
| 2. | zibubone iintlanga ubulungisa bakho, nookumkani bonke babubone ubuqaqawuli bakho. Uya kubizwa ngegama elitsha, eliya kuxelwa ngumlomo kaYehova; |
| 3. | ube sisithsaba sokuhomba esandleni sikaYehova, nonkontsho lobukumkani entendeni yesandla soThixo wakho. |
| 4. | Akuyi kuba sathiwa kuwe unguSishiywa, nelizwe lakho akuyi kuba sathiwa kulo, Kusenkangala; ukubizwa kwakho kuya kuthiwa unguNdimnanzileyo, nelizwe lakho kuthiwe nguNokwenda; ngokuba uYehova ekunanzile, nelizwe lakho lendile. |
| 5. | Njengokuba indodana izeka intombi, oonyana bakho baya kuzeka wena; njengomyeni enemihlali ngomtshakazi, uThixo wakho uya kuba nemihlali ngawe. |
| 6. | Phezu kweendonga zakho, Yerusalem, ndimise abagcini: imini yonke nobusuku bonke abayi kuze bathi quthu; nina bakhumbuzi bakaYehova, musani ukuthi cwaka. |
| 7. | Musani ukuvuma ukuba athi cwaka, ade ayizinzise, ade ayenze iYerusalem ibe yindumiso ehlabathini. |
| 8. | UYehova ufunge isandla sakhe sokunene, nengalo yakhe eqinileyo, wathi, Inyaniso, ingqolowa yakhe andiyi kuba sayinika iintshaba zakho ziyidle, noonyana bolunye uhlanga bangaseli iwayini yakho entsha, owazixhamla ngayo. |
| 9. | Kuba ngabayihlanganisileyo abaya kuyidla, badumise uYehova; ngabayibuthayo abaya kuyisela ezintendelezweni zengcwele yam. |
| 10. | Phumani, phumani ngamasango; gecani indlela yabantu; fumbani, fumbani umendo, ncothulani amatye kuwo; nyusani ibhanile phezu kwezizwe. |
| 11. | Yabona, uYehova uvakalisile wesa eziphelweni zehlabathi, wathi, Yithini kwintombi enguZiyon, Yabona, usindiso lwakho luyeza; yabona, umvuzo wakhe unawo, nento ayisebenzileyo iphambi kwakhe. |
| 12. | Ukubizwa kwabo kuya kuthiwa ngabantu abangcwele, ngabakhululwa bakaYehova ngokumiselwa; ukubizwa kwakho kuthiwe, ungofuniweyo, ungumzi ongashiyiweyo. |
| ← Isaiah (62/66) → |