| ← Isaiah (54/66) → |
| 1. | Memelela, ludlolo lungazaliyo; gqabhuka umemelele, utsholoze, wena ungenanimba; ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabantwana bonendoda; utsho uYehova. |
| 2. | Yenze banzi indawo yentente yakho, uwatwabulule amalengalenga eminquba yakho, ungathinteli; zolule izintya zakho, uziqinisele izikhonkwane zakho. |
| 3. | Kuba uya kutyhobozela ekunene nasekholo, imbewu yakho izidle ilifa iintlanga, iyime imizi ebingamanxuwa. |
| 4. | Musa ukoyika, ngokuba akuyi kudana; musa ukudideka lihlazo, ngokuba akuyi kuba nazintloni. Ngokuba ukudana kobuntombi bakho uya kukulibala, ungcikivo lobuhlolokazi bakho ungabi salukhumbula. |
| 5. | Ngokuba indoda yakho nguMenzi wakho, ogama lakhe linguYehova wemikhosi; nguMkhululi wakho oyiNgcwele kaSirayeli, ekuthiwa nguThixo wehlabathi lonke. |
| 6. | Ngokuba uYehova ukubize njengomfazi obeshiyiwe, omoya ubulalekileyo, njengomfazi wobutsha, xeshikweni ebethe wacekiswa; utsho uThixo wakho. |
| 7. | Ndakushiya okwephanyazo elincinane; ndiya kukubutha ngemfesane enkulu. |
| 8. | Ngomkhukula woburhalarhume ndabusithelisa ubuso bam kuwe okwephanyazo; ndiya kuba nemfesane kuwe ngenceba engunaphakade; utsho uMkhululi wakho uYehova. |
| 9. | Ngokuba injengonogumbe kaNowa le nto kum; oko ndafungayo ukuba amanzi kaNowa akasayi kuba sahamba phezu kwehlabathi, ngokunjalo ndifungile ukuba andiyi kuba naburhalarhume kuwe, ndingakukhalimeli. |
| 10. | Ngokuba zingade zimke iintaba, neenduli zishukume; yona inceba yam ayiyi kumka kuwe, ungashukumi nomnqophiso wam woxolo; utsho onemfesane kuwe, uYehova. |
| 11. | Wena lusizana, uphetshethwayo ungenantuthuzelo, yabona, ndiwabeka amatye akho kwistibhiya, ndikuseka ngeesafire. |
| 12. | Ndolumisa uqoqo lwakho ngeerubhi, namasango akho ngamatye abengezelayo, nemida yakho yonke ngamatye anqabileyo. |
| 13. | Bonke abantwana bakho baya kuba ngabafundi bakaYehova, lube lukhulu uxolo lwabantwana bakho. |
| 14. | Uya kuzinza ngobulungisa; ungakhe uxhale, ngokuba akuyi kuba nakoyika; ungakhe uqhiphuke umbilini, ngokuba akuyi kusondela kuwe. |
| 15. | Yabona, bayaqukana bahlanganisane, andikho mna kuloo nto; nokuba ngoobani na abaya kuqukana ngawe, baya kuwa ngenxa enawe. |
| 16. | Yabona, mna ndadala ingcibi efutha umlilo wamalahle, ivelise impahla ngokweshishini layo; kwamna ndadala nomonakalisi wokuyonakalisa. |
| 17. | Zonke izixhobo ezikhandelwa ukulwa nawe aziyi kuba nampumelelo; zonke iilwimi ezimelene nawe ematyaleni uya kuzigweba. Lilo eli ilifa labakhonzi bakaYehova, nobulungisa babo obuphuma kum; utsho uYehova. |
| ← Isaiah (54/66) → |