← Isaiah (53/66) → |
1. | Ngubani na okholiweyo ludaba lwethu, nengalo kaYehova ityhileke kubani na? |
2. | Kuba yena umkhonzi unyuka njengegatya phambi kwakhe, njengehlumelo eliphuma ezweni elingumqwebedu, engenasithomo nabungangamela; sakukhangela, akwabakho kubonakala ukuba masimnqwenele. |
3. | Udeliwe, ushiyiwe ngabantu; yindoda enomvandedwa, eqhelene nesifo wanga ngulowo kusitheliswa kuye ubuso, udeliwe, thina ke asambeka. |
4. | Okwenene, uzithabathele phezu kwakhe izifo zethu, wathwala umvandedwa wethu, ke thina besiba ungobandezelwayo nguThixo, ungocinezelwa nguye. |
5. | Kanti yena uhlatywe ngenxa yezikreqo zethu, watyunyuzwa ngenxa yezenzo zethu ezigwenxa; ubetho lokuba sibe noxolo thina lube luphezu kwakhe; siphiliswe ngemivumbo yakhe. |
6. | Thina zonke salahleka njengeegusha, sabheka elowo endleleni yakhe, waza uYehova wamwela ngobugwenxa bethu sonke. |
7. | Wakhandaniswa, wazithoba, engawuvuli umlomo wakhe, njengemvana esiwa ekuxhelweni; nanjengegusha esisidenge phambi kwabachebi bayo, akawuvula umlomo wakhe. |
8. | Uthatyathwe ekuxinweni nasematyaleni; esizukulwaneni sakhe ngubani na owathelekelela ukuthi, unqanyulwe ezweni labaphilileyo, ubandezelwe ngenxa yesikreqo sabantu bakowethu? |
9. | Lamiswa nawaboni ingcwaba lakheke laba nosisityebi, akuba efile; ekubeni engenzanga lugonyamelo, kungabangakho nkohliso emlonyeni wakhe. |
10. | UYehova ke wathanda ukumtyumza nokumvisa isifo. Xa uthe umphefumlo wakhe wawenza idini letyala, woyibona imbewu yakhe, abe nemihla emide; ukuthanda kukaYehova kube nempumelelo ngesandla sakhe. |
11. | Ngokwaphuka komphefumlo wakhe wobona, aneliswe; ngokwazi kwakhe, umkhonzi wam olilungisa uya kugwebela abaninzi, athwale yena izenzo zabo ezigwenxa. |
12. | Ngako oko ndiya kumahlulela isahlulo nabakhulu, alabe nabanegunya ixhoba, ngethuba lokuba ewuminyele ekufeni umphefumlo wakhe, wavuma ukubalelwa kubakreqi, akubon ukuba usithabathile phezu kwakhe isono sabaninzi, ebathandazele abakreqi. |
← Isaiah (53/66) → |