← Isaiah (52/66) → |
1. | Vuka, vuka, nxiba amandla akho, Ziyon! Nxiba iingubo zakho zokuhomba, Yerusalem, mzi ungcwele! Kuba akuyi kuba saphinda kungene kuwe ongalukanga, noyinqambi. |
2. | Zivuthulule uthuli; sukĀ ume, hlala phantsi, Yerusalem; zikhulule iimbophelelo zentamo yakho, mthinjwa, ntombi inguZiyon. |
3. | Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Kwathengiswa ngani ngelize; aniyi kuhlawulelwa nikhululwe ngamali. |
4. | Kuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Abantu bam behla baya eYiputa ekuqaleni, ukuba baphambukele khona; ke ama-Asiriya abacudisa kungekho sizathu. |
5. | Kaloku ke yintoni na enamapha, utsho uYehova, bethatyathwe ngelize nje abantu bam? Abalawuli babo bayabhomboloza, utsho uYehova; igama lam lihlala ligitywa imini yonke. |
6. | Ngako oko abantu bam baya kulazi igama lam; ngako oko baya kwazi ngaloo mini ukuba ndinguye lowo uthi, Ndingokhoyo. |
7. | Hayi, ukuba zintle kwazo ezintabeni iinyawo zabashumayela iindaba ezimnandi, zabavakalisa uxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo, zabavakalisa usindiso; zabathi kwiZiyon, Uyalawula uThixo wakho! |
8. | Phulaphula ilizwi lababoniseli bakho. Baliphakamisa kunye ilizwi, bayamemelela; ngokuba bekubona iliso kwiliso ukuyibuyisa kukaYehova iZiyon. |
9. | Gqobhokelani ekumemeleleni kunye, manxuwa aseYerusalem; ngokuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe, uyihlawulele wayikhulula iYerusalem. |
10. | UYehova uyihlubile ingalo yakhe engcwele emehlweni eentlanga zonke; zonke iziphelo zehlabathi ziya kulubona ke usindiso loThixo wethu. |
11. | Mkani, mkani, phumani apho; musani ukuphatha nto iyinqambi; phumani phakathi kwayo; zenzeni nyulu, nina bathwali beempahla zikaYehova. |
12. | Ngokuba aniyi kuphuma buphuthuphuthu, nihambe ngokusaba; kuba uYehova uhamba phambi kwenu, uMqoshelisi wenu nguThixo kaSirayeli. |
13. | Yabonani, umkhonzi wam uya kwenza ngengqiqo, uya kuphakama, athi gqi, anyuke kakhulu. |
14. | Kwanjengokuba babemangaliswa nguwe abaninzi (ibinje ukonakala imbonakalo yakhe, ukuda ingabi yeyomntu, nesithomo sakhe ukuda singabi sesoonyana baka-Adam): |
15. | ngokunjalo yena uya kubetha zithi makatha iintlanga ezininzi; ngenxa yakhe ookumkani baya kuthi khamnqa; ngokuba baya kukubona abangazanga bakubaliselwe, bakugqale abangazanga bakuve. |
← Isaiah (52/66) → |