| ← Isaiah (51/66) → |
| 1. | Phulaphulani kum, nina babusukelayo ubulungisa, bamquqelayo uYehova; bhekani eweni enaxholwa kulo, nasesigingqini somhadi enembiwa kuwo. |
| 2. | Bhekani kuAbraham uyihlo, nakuSara owanizalayo; kuba waye emnye ndakumbiza, ndakumsikelela, ndakumandisa. |
| 3. | Ngokuba uYehova uyithuthuzele iZiyon, uwathuthuzele onke amanxuwa ayo, wayenza intlango yayo yanjenge-Eden, nenkqantosi yayo yanjengomyezo kaYehova; kufumaneka imihlali nemivuyo kuyo, imibulelo nezwi lohadi. |
| 4. | Ndibazeleni indlebe, bantu bam; ndibekeleni indlebe, sizwe sam; ngokuba isiyalelo siya kuphuma kum, ndilizinzise isiko lam, ukuba libe sisikhanyiso sezizwe. |
| 5. | Busondele ubulungisa bam, luphumile usindiso lwam; iingalo zam ziya kugweba izizwe, iziqithi zithembele kum, zilindele engalweni yam. |
| 6. | Phakamiselani ezulwini amehlo enu, nibheke nasemhlabeni phantsi; ngokuba izulu liya kuthi shwaka njengomsi, wonakale umhlaba njengengubo, nabemi bawo bafe ngokunjalo, lube ngonaphakade lona usindiso lwam, bungaqotywa ubulungisa bam. |
| 7. | Phulaphulani kum, nina nibaziyo ubulungisa, bantu banesiyalo sam entliziyweni yabo; musani ukukoyika ukungcikiva kwabafo, ningaqhiphuki umbilini kukunyelisa kwabo. |
| 8. | Kuba amanundu aya kubadla njengengubo, umbungu ubadle njengoboya begusha; ke bona ubulungisa bam buya kuba ngunaphakade, nosindiso lwam lube kwizizukulwana ngezizukulwana. |
| 9. | Vuka, vuka, nxiba amandla, ngalo kaYehova! Vuka, njengokwemihla yamandulo, njengokwezizukulwana zaphakade! Asinguwe na lowa wachitha uRahabhi, wayihlaba ingwenya? |
| 10. | Asinguwe na lowa womisa ulwandle, amanzi enzonzobila enkulu; iinzulu zolwandle wazenza indlela yokuwela abahlawulelweyo? |
| 11. | Ke abakhululwa bakaYehova baya kubuya babuye, beze eZiyon bememelela, benovuyo olungunaphakade phezu kweentloko zabo; baya kufumana imihlali nemivuyo, sisabe isingqala nokuncwina. |
| 12. | Mna ndinguye uMthuthuzeli wenu; ungubani na wena, ukuba woyike umfo oza kufa, nonyana womntu owenziwe wanga yingca; |
| 13. | ukuba umlibale uYehova uMenzi wakho, uManeki wezulu, uMseki wehlabathi; ukuba uhlale unkwantya imini yonke bubushushu bombandezeli, ngokokuba exunela ukonakalisa; buphi na ke ubushushu bombandezeli? |
| 14. | Ogotyiweyo ngamakhamandela wobehle akhululwe, angafeli esihogweni, angasisweli isonka sakhe. |
| 15. | Kuba ndinguYehova uThixo wakho, uMlatyuzisi wolwandle, agqume amaza alo, ogama lakhe linguYehova wemikhosi. |
| 16. | Ndiwabekile amazwi am emlonyeni wakho, ndakugubungela ngesithunzi sesandla sam, ukuba ndityale izulu, ukuba ndiseke ihlabathi, ukuba ndithi kwiZiyon, Ningabantu bam. |
| 17. | Zivuse, zivuse, sukĀ ume, Yerusalem wena uyiseleyo esandleni sikaYehova indebe yobushushu bakhe; uyisele wayifinca indebe enombilini ehexisayo. |
| 18. | Bekungekho namnye uyithundezayo iYerusalem, phakathi koonyana bonke eyabazalayo; bekungekho namnye uyibambe ngesandla, phakathi koonyana bonke eyabakhulisayo. |
| 19. | Zazimbini izinto ezakuhlelayo; ngubani na owakukhuzayo? Yimbuqo nokwaphuka, yindlala nekrele; bendingathini na ukukuthuthuzela? |
| 20. | Oonyana bakho bawa isiduli, balala emantloko ezitrato zonke, njengeula eli libanjisiweyo; bazele bubushushu bukaYehova, kukukhalima koThixo wakho. |
| 21. | Ngako oko, khawuve le nto, wena ludwayinge, unxilayo kodwa kungengayo iwayini; |
| 22. | itsho iNkosi yakho uYehova, uThixo wakho obathethelelayo abantu bakhe, ukuthi, Yabona, ndiyayithabatha esandleni sakho indebe ehexisayo, indebe enombilini yobushushu bam; akusayi kuphinda usele kuyo. |
| 23. | Ndoyibeka esandleni sabakwenza isingqala, ababesithi kumphefumlo wakho, Qubuda sigqithe, waza wena wawenza umhlana wakho wanjengomhlaba, wanjengesitrato kwabagqitha phezu kwawo. |
| ← Isaiah (51/66) → |