← Isaiah (50/66) → |
1. | Utsho uYehova ukuthi, Iphi na incwadi yokwaliwa kukanyoko, endamgxotha ngayo? Khona kwabandibolekayo, uphi na lowo ndathengisa ngani kuye? Yabonani, kwathengiswa ngani ngenxa yobugwenxa benu; wagxothwa unyoko ngenxa yezikreqo zenu. |
2. | Yini na ukuba ndifike, kungekho mntu? ndibize, kungabikho usabelayo? Sifutshane kakhulu na isandla sam ukuba singakhululi? Akakho na kum amandla okuhlangula? Yabonani, ngokukhalima kwam ndomisa ulwandle, imilambo ndiyenze intlango; ziyabola iintlanzi zayo, ngokuba kungekho manzi, ziyafa kukunxanwa; |
3. | ndambesa izulu ngezimnyama zokuzila, ndenze ezirhwexayo zibe sisigubungelo salo. |
4. | INkosi uYehova indinike ulwimi lwabafundileyo, ukuze ndikwazi ukuzimasa otyhafileyo ngelizwi. Ivusa imiso ngemiso, indivusela indlebe ukuba ndive ngokwabafundileyo. |
5. | INkosi uYehova indivule indlebe: ke mna andenza zinkani, andabuya umva. |
6. | Ndawunikela umhlana wam kubabethi, nezidlele zam kubadlathuli beendevu; andibusithelisanga ubuso bam ehlazweni nasekutshicelweni. |
7. | Ke iNkosi uYehova iya kundinceda; ngenxa yoko andihlazekanga; ngenxa yoko ndabenza ubuso bam banjengeqhwitha; ndiyazi ukuba andiyi kudana. |
8. | Usondele ondigwebelayo; ngubani na oya kubambana nam? masime ndaweni-nye. Ngubani na ummangaleli wam? makeze kum. |
9. | Uyabona, INkosi uYehova iya kundinceda; ngubani na yena oya kundigweba? Yabona bonke bephela baya konakala njengengubo, amanundu aya kubadla. |
10. | Ngubani na kuni owoyika uYehova, ophulaphula izwi lomkhonzi wakhe? Ohamba emnyameni, kungabi mhlophe kuye, makakholose ngegama likaYehova, ayame kuThixo wakhe. |
11. | Yabonani, nonke niphela, nina baphemba umlilo, baxhobe iintolo ezinomlilo, hambani niye elangatyeni lomlilo wenu, nasezintolweni ezinomlilo enizivuthisileyo. Ke esandleni sam nantsi into eniya kuyizuza; niya kulala phantsi ninembulaleko. |
← Isaiah (50/66) → |