← Isaiah (49/66) → |
1. | Phulaphulani kum, ziqithi; bazani indlebe, zizwe zikude; uYehova undibize kwasesizalweni, ulikhankanye kwasezibilinini zikama igama lam. |
2. | Wawenza umlomo wam wanjengekrele elibukhali, wandizimeza esithunzini sesandla sakhe, wandenza utolo olubaziweyo, wandisithelisa emphongolweni; |
3. | wathi kum, Ungumkhonzi wam, wena Sirayeli, endiya kuhomba ngaye. |
4. | Ndathi mna, Ndifumane ndazixhamla, ndawaphelisa amandla am ngochuku, nangento engento; noko ibango lam likuYehova, nomvuzo wam unoThixo wam. |
5. | Kaloku ke uthi uYehova, owandibumba kwasesizalweni, ukuba ndibe ngumkhonzi kuye wokubuyisela uYakobi kuye, uSirayeli ahlanganiselwe kuye (ndizukile emehlweni kaYehova, uThixo wam waba ngamandla am); |
6. | uthi ke, Kuyinto elula ukuba ube ngumkhonzi kum wokumisa izizwe zakwaYakobi, ubuyise abalondolozwa bakaSirayeli; kananjalo ndiya kukwenza isikhanyiso seentlanga, ukuba ube lusindiso lwam, ude uze eziphelweni zehlabathi. |
7. | Utsho uYehova, uMkhululi kaSirayeli, oyiNgcwele wakhe, komphefumlo udelekileyo, kongamasikizi ezintlangeni, kumkhonzi wezilawuli, ukuthi, Ookumkani baya kubona, basuke beme, nabathetheli babone, baqubude ngenxa kaYehova onyanisekileyo, oyiNgcwele kaSirayeli, ngokokuba ekunyule. |
8. | Utsho uYehova ukuthi, Ngexesha elamkelekileyo ndikuphendule, ndakunceda ngemini yosindiso. Ndiya kukubumba, ndikunike ukuba ube ngumnqophiso wabantu, ukuba ulimise ilizwe, ukuba uwabe amafa angamanxuwa; |
9. | uthi kubabanjwa, Phumani; kwabasemnyameni, Velani. Baya kudla ngokomhlambi ezindleleni, amadlelo abo abekho naseluqayini lonke. |
10. | Abayi kulamba, abayi kunxanwa, abayikubethwa sisanga nalilanga; ngokuba onemfesane kubo uya kubaqhuba, abathundezele emanzini ampompozayo. |
11. | Ndiya kuzenza zonke iintaba zam zibe ziindlela, uphakame umendo wam. |
12. | Yabona, aba baya kuvela kude; yabona, aba baya kuvela kwelasentla naselwandle, aba bavele ezweni lamaSini. |
13. | Memelelani, mazulu; gcoba, hlabathi; gqabhukani nimemelele, zintaba; ngokuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe, unemfesane kwabaziintsizana zakhe. |
14. | Ke yathi iZiyon, UYehova undishiyile, iNkosi yandilibala. |
15. | Umfazi angalulibala yini na usana lwakhe, ukuba angabi namfesane kunyana wesizalo sakhe? Nokuba oonina abo bathe balibala, andiyi kukulibala mna. |
16. | Uyabona, ndikuvambile ezintendeni zezandla zam; iindonga zakho zihlala zimi phambi kwam. |
17. | Oonyana bakho bayakhawuleza, bayeza; abagungxuli bakho nabachithi bakho bayaphuma kuwe. |
18. | Phakamisa amehlo akho ngeenxa zonke, ubone; bonke bephela bayahlanganisana, beza kuwe. Ndihleli nje, utsho uYehova, uya kubanxiba bonke bephela njengezivatho, ubabhinqe ngokombhinqo womtshakazi. |
19. | Ngokuba amanxuwa akho la, neendawo zakho ezigungxuliweyo, nelizwe lakho elichithakeleyo-inene, ngoku uya kuxinana ngabemi kulo, babe kude abaginyi bakho. |
20. | Basaya kuthi ezindlebeni zakho oonyana bakho obubahluthiwe, Indawo ixinene kum, ndikhwelele, ndihlale; |
21. | uya kuthi entliziyweni yakho, Ngubani na lo undizalele aba? Mna bendihluthiwe abantwana nje, ndaba ludlolo, ndafuduswa, ndagxothwa; ke aba bakhuliswe ngubani na? Uyabona, mna bendisele ndedwa; aba babephi na? |
22. | Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, ndisiphakamisela ezintlangeni isandla sam, ndiyinyusele ezizweni ibhanile yam, zibazise ke oonyana bakho, zibawole ngeengalo, neentombi zakho zithwalwe ngamagxa, |
23. | Ookumkani baya kuba ngabondli bakho, namakhosikazi abo abe ngabanyisi bakho. Baya kuqubuda kuwe, bese ubuso emhlabeni, bakhothe uthuli lweenyawo zakho; wazi ke ukuba ndinguYehova, obathembi bakhe bangayi kudana. |
24. | Anokuthatyathwa na amaxhoba kwigorha, basinde na abathinjiweyo bengamulungisa? |
25. | Inene, utsho uYehova ukuthi, Nabathinjwe ligorha baya kuthatyathwa, namaxhoba omngcangcazelisi aya kusinda; ke obambana nawe, mna ndiya kubambana naye, ndibasindise mna oonyana bakho. |
26. | Abakuxinzelela phantsi ndobadlisa eyabo inyama, banxiliswe lelabo igazi ngathi kungewayini entsha; yazi inyama yonke, ukuba mna, Yehova, ndinguMsindisi wakho, ukuba uMkhululi wakho ngOnamandla kaYakobi. |
← Isaiah (49/66) → |