← Isaiah (44/66) → |
1. | Kaloku ke yiva, Yakobi mkhonzi wam, Sirayeli endikunyulileyo. |
2. | Utsho uYehova uMenzi wakho, uMbumbi wakho kwasesizalweni, uMncedi wakho, ukuthi, Musa ukoyika, mkhonzi wam Yakobi, Yeshurun endimnyulileyo. |
3. | Ngokuba ndiya kugalela amanzi phezu kwabanxaniweyo, nemiqukuqela yamanzi phezu kwelizwe elomileyo. Ndiya kugalela uMoya wam phezu kwembewu yakho, nentsikelelo yam phezu kwenzala yakho. |
4. | Baya kuhluma phakathi kotyani, njengemingculuba engasemisingeni yamanzi. |
5. | Omnye uya kuthi, NdingokaYehova; nomnye uya kunqula igama likaYakobi; kwanomnye uya kuzibhala ngesandla sakhe kuYehova, alihloniphe igama likaSirayeli. |
6. | Utsho uYehova, uKumkani wakwaSirayeli, uMkhululi wakhe, uYehova wemikhosi, ukuthi, Ndingowokuqala, ndingowokugqibela; akukho Thixo ingendim. |
7. | Ngubani na oshumayela njengam-makaxele andicacisele-ethabathela ekumiseni kwam abantu basendaleni? Izinto ezizayo, neziza kubakho, mabazixele. |
8. | Musani ukunkwantya, ningajijitheki; andikuvisanga na kwanini, ndanixelela? Ningamangqina am. Kukho Thixo na, ingendim? Akukho liwa, andilazi mna. |
9. | Abayili bemifanekiso eqingqiweyo bonke bephela baluchuku, neento zabo ezinqwenelekayo azincedi nto; bona bangamangqina azo; ababoni, abazi, ukuze badane. |
10. | Ngubani na oyile uthixo, watyhida umfanekiso ongenakunceda nto? |
11. | Yabona, onke amadlelane awo aya kudana, neengcibi ezo zezasebantwini; mababuthelane bonke bephela, beme, bankwantye, badane kunye. |
12. | Ingcibi yesinyithi ilola inkxola, isebenza ngamalahle avuthayo, isiyila isithixo ngezando, isibenza ngengalo yayo enamandla; kanjalo iyalamba, ingabi namandla; ayiseli manzi, ityhafe. |
13. | Ingcibi yemithi yolula ulutya lokulinganisa, isibabula isiqu saso ngechitywa; isilungisa ngezinto zokuchwela; isibabula isiqu saso ngekompas, isenze ngemfano yendoda, ngokobuhle bomntu, ukuba sihlale endlwini. |
14. | Ugawula imisedare, uthabatha umholem nomoki, akhethe emithini yehlathi; utyala umpayine, imvula iwukhulise. |
15. | Woba ke yinto yokuba umntu aphembe umlilo; athabathe kuwo, othe; uphatha kuthi abase umlilo, ose isonka; uphatha kuthi enze uthixo, aqubude kuye, enze umfanekiso oqingqiweyo, asibekeke kuwo. |
16. | Inxalenye yawo uyitshisa emlilweni; inxalenye yawo uyidla inyama ngayo; wosa ose ahluthe; ewe, uyotha, athi, Hee ke! ndiyotha, ndiva umlilo! |
17. | Oseleyo kuwo uwenza uthixo, umfanekiso wakhe oqingqiweyo, asibekeke kuwo, aqubude kuwo, athandaze kuwo, athi, Ndihlangule; ngokuba, unguthixo wam. |
18. | Ahazi, abaqondi; ngokuba avingciwe amehlo abo ukuba angaboni, ukuba iintliziyo zabo zingaqiqi; |
19. | banganyamekeli ngeentliziyo zabo, kungabikho kwazi, kungabikho kuqonda, ukuba bathi, Inxalenye yawo ndiyitshisile emlilweni; ewe, ndosa isonka emalahleni awo; ndosa inyama, ndadla; oseleyo kuwo ndiya kuwenza amasikizi na? ndisibekeke na kwinto evele emthini? |
20. | Esukelana nothuthu nje, intliziyo edetshiselweyo imtyekisile kangangokuba angawuhlanguli umphefumlo wakhe, athi, Akukho buxoki na esandleni sam sokunene? |
21. | Khumbula ezo zinto, Yakobi, Sirayeli, ngokuba ungumkhonzi wam; ndikubumbile, ungumkhonzi kum; Sirayeli, akuyi kulityalwa ndim. |
22. | Ndilucimile njengelifu elingqingqwa ukreqo lwakho, nezono zakho njengelifu elisibekeleyo; buyela kum, ngokuba ndikukhulule ngokukuhlawulela. |
23. | Memelelani, mazulu, ngokuba uYehova ekwenzile; dumani, zinzulu zehlabathi; gqabhukani nimemelele, zintaba, hlathi, nani nonke mithi ekulo; ngokuba uYehova emhlawulele wamkhulula uYakobi, ezihombisile ngoSirayeli.. |
24. | Utsho uYehova, uMkhululi wakho, uMbumbi wakho kwasesizalweni, ukuthi, Mna Yehova ndinguMenzi weento zonke; uManeki wezulu ndedwa; uMtwabululi wehlabathi ndingenabani; |
25. | uMtshitshisi wemiqondiso yabaphololoza into engeyiyo; uMgezisi wabavumisayo; uMbuyisi wezilumko umva; uMzulisi wokwazi kwazo; |
26. | uMmisi welizwi lomkhonzi wakhe; uMzalisi wecebo labathunywa bakhe; uNdithi kwiYerusalem, Iya kumiwa; nakwimizi yakwaYuda, Iya kwakhiwa, ndiwamise amanxuwa ayo; |
27. | uNdithi kumanzi enzonzobila, Yitshani, ndiyomise imilambo yakho; |
28. | uNdithi kuKoreshi, Ngumalusi wam, oya kukuzalisa konke ukuthanda kwam; athi kwiYerusalem, Mayakhiwe; nakwitempile, Mayisekwe. |
← Isaiah (44/66) → |