Isaiah (43/66)  

1. Kaloku ke utsho uYehova, uMdali wakho, Yakobi, uMbumbi wakho, Sirayeli, ukuthi, Musa ukoyika; ngokuba ndikukhulule ngokukuhlawulela; ndikubizile ngegama lakho, ungowam.
2. Xa uthi uwele emanzini, ndoba nawe: nasemilanjeni, ayisayi kukuntywilisela; xa uthi uhambe emlilweni, akuyi kurhawuka, nelangatye lingakutshisi.
3. Ngokuba mna, Yehova, ndinguThixo wakho, mna, Ngcwele kaSirayeli, ndingumsindisi wakho; ndirhole iYiputa yakucamagushela, iKushi neSebha zaba sesikhundleni sakho.
4. Ngenxa yokuba unqabile emehlweni am, uzukile, mna ke ndikuthandile; ndirhola abantu esikhundleni sakho, nezizwe esikhundleni sobomi bakho.
5. Musa ukoyika, ngokuba ndinawe: ndiya kuyizisa imbewu yakho ivela empumalanga, ndikubuthe nasentshonalanga.
6. Ndiya kuthi kumntla, Ethe; nakumzantsi, Musa ukuthintela; nazise oonyana bam bevela kude, neentombi zam zivela eziphelweni zehlabathi:
7. yonke into ebizwe ngegama lam, endiyidalele uzuko lwam, endiyibumbileyo, endiyenzileyo.
8. Khupha abantu abaziimfama benamehlo, nabazizithulu beneendlebe.
9. Nonke zintlanga, buthelanani ndawonye, zihlangane izizwe. Ngubani na kuni onokukuxela oko? Mabasivise izinto zangaphambili, mabamise amangqina abo, bagwetyelwe; mabeve ke abantu, bathi, Yinyaniso.
10. Ningamangqina am, utsho uYehova, nina ningumkhonzi wam endimnyulileyo; ukuze nazi, nikholwe ndim, niqonde ukuba ndim; phambi kwam akubunjwanga thixo, nasemva kwam akuyi kubakho namnye.
11. Mna ke, mna ndinguYehova, akukho msindisi ingendim.
12. Mna ndixelile, ndasindisa, ndabonisa, kungekho thixo wumbi kuni; ningamangqina am, utsho uYehova, ukuba ndinguThixo.
13. Unanamhla ndinguye, akukho unokuhlangula esandleni sam; ndisebenza, ngubani na ke onokukubuyisa oko umva?
14. Utsho uYehova, umkhululi wenu, oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa yenu ndithumele eBhabheli, ukuba ndibahlise abasabayo bonke bephela, namaKaledi, ngeenqanawa zokumemelela kwabo.
15. Mna, Yehova, ndingoyiNgcwele wenu, uMdali kaSirayeli, uKumkani wenu.
16. Utsho uYehova, umenzi wendlela elwandle, womendo emanzini anamandla;
17. umkhuphi wenqwelo nehashe, wempi nentshatshela; baya kulala bangavuki, bethile, becimile njengomsonto wesibane:
18. utsho ukuthi, Musani ukukhumbula izinto zangaphambili, ningazikhathaleli nezamandulo.
19. Yabonani, ndiya kwenza into entsha, intshule ngoku; aniyi kuyazi na? Inene, ndiya kwenza indlela entlango, nemilambo enkangala.
20. Izilo zasendle ziya kundizukisa, iimpungutye neenciniba; ngokuba ndenza amanzi entlango, nemilambo enkangala, ukuze ndiseze abantu bam, abanyulwa bam.
21. Abantu endizibumbeleyo baya kubalisa indumiso yam.
22. Akundinqulanga ke mna, Yakobi, ngokude uzixhamle ngam, Sirayeli.
23. Akundiziselanga mpahla imfutshane yamadini akho anyukayo; akundizukisanga ngamibingelelo yakho. Andikukhonzisanga ngaminikelo yakudla, andikudinisanga ngantlaka imhlophe.
24. Akundithengelanga kalamo ngemali, akundihluthisanga ngamanqatha emibingelelo yakho; hayi, undikhonzise ngezono zakho, undidinisile ngobugwenxa bakho.
25. Mna ndinguye ocima izikreqo zakho ngenxa yam, ndingazikhumbuli izono zakho.
26. Ndikhumbuze, masimangalelane; misa intetho yakho, ukuze ugwetyelwe.
27. Uyihlo wokuqala wona, nabalamleli bakho bakreqa kum.
28. Ngako oko ndabangcolisa ke abathetheli abangcwele, ndamnikela uYakobi ukuba asingelwe phantsi, uSirayeli ukuba anyeliswe.

  Isaiah (43/66)