← Isaiah (42/66) → |
1. | Mboneni ke umkhonzi wam endimxhasayo; umnyulwa wam, okholwa nguye umphefumlo wam. Ndibeke uMoya wam phezu kwakhe; uya kukuphumelelisa okusesikweni ezintlangeni. |
2. | Akayi kunkqangaza, aliphakamise, alivakalise ezitratweni ilizwi lakhe. |
3. | Ingcongolo evikivekileyo akayi kuyaphula, umsonto oqhumayo akayi kuwucima; uya kukuphumelelisa okusesikweni ngokwenyaniso. |
4. | Akayi kuba nakucinywa, akayi kuvikiveka, ade akumise okusesikweni ehlabathini, zilindele isiyalo sakhe iziqithi. |
5. | Utsho uThixo yena, uYehova, udala izulu, alaneke; utwabulula umhlaba neziveliso zawo; unika abantu abaphezu kwawo ukuphefumla, unika abahamba kuwo umoya: |
6. | ukuthi, Mna, Yehova, ndikubizile ngokobulungisa, ndakubamba ngesandla; ndiya kukulondoloza, ndikwenze umnqophiso wabantu, isikhanyiselo seentlanga; |
7. | ukuba uvule amehlo eemfama, ukuba ukhuphe abakhonkxiweyo ekuvalelweni, abahleli ebumnyameni ubakhuphe entolongweni. |
8. | NdinguYehova, lilo elo igama lam; andiluniki omnye uzuko lwam, nendumiso yam andiyiniki imifanekiso eqingqiweyo. |
9. | Izinto zokuqala, yabona, zifikile; ndixela izinto ezintsha, ke zingekantshuli ndiyanivisa. |
10. | Vumani kuYehova ingoma entsha, indumiso yakhe kwaseziphelweni zehlabathi, nina bahla baye elwandle, nenzaliseko yalo, nina ziqhithi nabemi bazo. |
11. | Mayiphakamise izwi intlango, nemizi yayo, nemizana ehleli amaKedare; mabamemelele abemi bengxondorha, batsholoze ezincotsheni zeentaba. |
12. | Mabamzukise uYehova, baxele indumiso yakhe eziqithini. |
13. | UYehova uya kuphuma njengegorha, uya kuxhoxha ikhwele njengendoda yokulwa; uya kuduma, ewe, uya kunkqangaza; uya kuba ligorha ezintshabeni zakhe. |
14. | Kususela kwakude ndithe quthu, ndathi tu, ndazibamba; ngoku ndiya kubefuza njengozalayo, ndibe nephika, ndifuthe nokufutha. |
15. | Ndobharhisa iintaba neenduli, ndiyitshise yonke imifuno yazo, imilambo ndiyenze iziqithi, ndiwatshise amadike. |
16. | Ndozihambisa iimfama ngendlela ezingayaziyo, ndizinyathelise kwiingqushu ezingazaziyo; ubumnyama ndibenza ukukhanya phambi kwazo, iindawo ezimagqagala zibe zithabazi. Zizo ezo izinto endiya kuzenza, ndingazishiyi. |
17. | Baya kubuya umva, badane bedanile, abakholosa ngemifanekiso eqingqiweyo, abathi kwetyhidiweyo, Ningoothixo bethu. |
18. | Yivani, zithulu; bhekani nibone, zimfama. |
19. | Ngubani na oyimfama, ingenguye umkhonzi wam? osisithulu njengomthunywa wam endimthumayo? Ngubani na oyimfama njengenqogu, oyimfama njengomkhonzi kaYehova? |
20. | Ubona izinto ezininzi, akazigcini noko; uvula iindlebe, akeva noko. |
21. | UYehova uthande ngenxa yobulungisa bakhe ukuwukhulisa umyalo, wawenza wanobungangamsha. |
22. | Ke bona ngabantu abaphangiweyo, abahluthiweyo, ababotshelelwe emingxunyeni bonke bephela, abafakwe ezintolongweni, baba lixhoba, akwabakho mhlanguli; baba ngabahluthiweyo, akwabakho uthi, Buyisa. |
23. | Ngubani na kuni oya kukubekela indlebe oko, abaze indlebe, eve emveni koku? |
24. | Ngubani na owamnikela uYakobi ekuhluthweni, owamnikela uSirayeli kubaphangi? AsinguYehova nalowo sonayo kuye, lowo bangavumanga ukuhamba ngeendlela zakhe, abawuphulaphula umyalo wakhe? |
25. | Wamphalazela ngobushushu bomsindo wakhe, nangamandla emfazwe; wamlenya ngomlilo ngeenxa zonke, akakwazi noko; wamtshisa, noko akakunyamekela oko ngentliziyo. |
← Isaiah (42/66) → |