| ← Isaiah (4/66) → |
| 1. | Abafazi abasixhenxe bobambelela ndodeni-nye ngaloo mini, besithi, Sodla esethu isonka, sambathe ezethu iingubo; kodwa masibizwe ngegama lakho, ukususe ukungcikiveka kwethu. |
| 2. | Ngaloo mini isithole sikaYehova siya kuba yinto enobukhazikhazi enobuqaqawuli, isiqhamo selizwe sibe yingangamsha nesihombo kwabasindileyo bakwaSirayeli. |
| 3. | Wothi oshiyekileyo eZiyon, noseleyo eYerusalem, kuthiwe ungcwele, bonke ababhalelwe ebomini eYerusalem; |
| 4. | yakuba ithe iNkosi yakuhlamba ukungcola kweentombi zaseZiyon, yawahlanza amagazi aseYerusalem phakathi kwayo ngomoya ogwebayo, nangomoya olulophu. |
| 5. | Wodala ke uYehova phezu kweendawo zonke zeentaba zeZiyon, naphezu kweentlanganiso zayo, ilifu elingumsi emini, nokudangazela komlilo ebusuku. Kuba phezu kobuqaqawuli obo bonke, kuya kubakho isigubungelo; |
| 6. | sibe ngumnquba ongumthunzi emini, ekubaleleni, sibe yindawo yokuzimela nokusithela esiphangweni nasemvuleni. |
| ← Isaiah (4/66) → |