| ← Isaiah (34/66) → |
| 1. | Sondelani, zintlanga, nive; nibaze iindlebe, zizwe; malive ihlabathi nenzaliseko yalo; elimiweyo, neziveliso zonke eziveliswa lilo. |
| 2. | Ngokuba uburhalarhume bukaYehova buphezu kweentlanga zonke, nobushushu bakhe buphezu komkhosi wazo wonke; uzisingele phantsi, uzinikele ekusikweni. |
| 3. | Baya kulahlwa ababuleweyo bazo, nezidumbu zabo kunyuke ukunuka kwazo, kunyibilike iintaba ligazi lazo. |
| 4. | Uya kuvunda wonke umkhosi wezulu, lisongwe izulu njengencwadi, wonke umkhosi walo ubune njengokubuna kwegqabi emdiliyeni, njengokubuna kwegqabi emkhiwaneni. |
| 5. | Ngokuba lisele lahlutha ezulwini ikrele lam; yabona, lihla phezu koEdom, naphezu kwabantu endibasingele phantsi, ibe ngumgwebo. |
| 6. | Ikrele likaYehova lizele ligazi, lityetyiswe ngamanqatha, ligazi leemvana neleebhokhwe, ngamanqatha ezintso zeenkunzi zeegusha; ngokuba uYehova unombingelelo eBhotsera, nokuxhela okukhulu ezweni lakwaEdom. |
| 7. | Kuya kuhla inqu kunye nazo, iinkunzi ezintsha kunye neenkabi, lisele lihluthe ilizwe labo ligazi, lutyetyiswe uthuli lwabo ngamanqatha. |
| 8. | Kuba uYehova unomhla wempindezelo, unomnyaka wembuyekezo, wokuthethelela iZiyon. |
| 9. | Yoguquka imilambo yabo ibe yitela, uthuli lwabo lube yisulfure, ilizwe labo libe yitela etshayo. |
| 10. | Aliyi kucinywa ubusuku nemini; umsi walo uya kunyuka ngonaphakade; liya kuchithakala kwisizukulwana ngesizukulwana; liya kuhlala lihleli lodwa, kungabikho ucanda kulo. |
| 11. | Loba lilifa lengcwangube nokhwalimanzi, kuhlale kulo ifubesi nehlungulu, olule phezu kwalo ulutya lokulinganisa lwakwanyanyeni, nelothe yokulungelelanisa yakwalubala. |
| 12. | Abanumzana balo—akuyi kuba sabakho babiza bukumkani kubo, bonke abathetheli balo babe yinto engekhoyo. |
| 13. | Iingxande zalo ezinde ziya kumila into enameva, amarhawu namakhakakhaka ezinqabeni zalo ezinkulu, libe sisikhundla seempungutye nedlelo leenciniba. |
| 14. | Kohlangabezana amarhamncwa omqwebedu neempungutye, into elixhonti ikhawulelane nowayo; ewe, into yasebusuku iya konwaba khona, izifumanele ukuphumla. |
| 15. | Kulapho iya kwenzela khona indlu inyoka ejubayo, izale amaqanda, ifukame emthunzini khona; ewe, khona apho baya kubutha oontloyiya, elowo nowabo. |
| 16. | Funani encwadini kaYehova, nilese. Akukho nanye kuzo ezo zinto iya kusala, eya kusilela kuwayo; ngokuba ngumlomo wam oziwisele umthetho, ngumoya wawo ozibuthileyo. |
| 17. | Nguye ozirholele iqashiso, isandla sakhe sazabela lona ngolutya lokulinganisa; ziya kulidla ilifa kudekuse ephakadeni, zihlale kulo kwisizukulwana ngesizukulwana. |
| ← Isaiah (34/66) → |