← Isaiah (33/66) → |
1. | Yeha ke, mbhuqi, wena ke ungabhuqwanga; nginingini, wena ke ungatshinizelwanga! Wakugqiba ukubhuqa, uya kubhuqwa; wakukufeza ukunginiza, uya kunginizelwa. |
2. | Yehova, sibabale, sithembele kuwe; yiba yingalo yabo imiso ngemiso; yiba lusindiso kuthi ngexesha lembandezelo. |
3. | Ziyaphalaphaliswa izizwe lilizwi lengxokolo, ziyaphangalaliswa iintlanga kukuphakama kwakho. |
4. | Ohlanganiswa emke amaxhoba enu njengokuhlanganisa kweenkumbi ezinqunquthayo, bawaququzelele njengokuququzela komqikela. |
5. | UYehova uphakamile, ngokuba ehleli phezulu; uyizalisile iZiyon ngokusesikweni nangobulungisa. |
6. | Kuya kubakho ukuzimaseka kwamaxesha akho, nobutyebi bosindiso, nobulumko, nokwazi; ukoyika uYehova bubuncwane bakhe. |
7. | Yabona, iinjengele zabo ziyakhala ngaphandle; abathunywa boxolo balila ngokukrakra. |
8. | Iindlela azihanjwa; umhambi uphelile; uwaphule umnqophiso, ucekise imizi, akakhathalela mntu. |
9. | Ilizwe lenza isijwili, lintshwenyile; ineentloni iLebhanon, ishwabene; iSharon isuke yaba njengenkqantosi; ivuthulula amagqabi iBhashan neKarmele. |
10. | Kungokunje ndiya kusuka ndime, utsho uYehova; kungokunje ndiya kuphakama; kungokunje ndiya kuzinyusa. |
11. | Niya kumitha isikhotha, nizale iindiza; ukufutha kwenu ngumlilo oya kunidla. |
12. | Izizwe zoba yimitshiso yekalika, zoba yimithi enameva ehlahliweyo, ibaswe umlilo. |
13. | Yivani, nina bakude, endikwenzileyo: nibazi ubugorha bam, nina basondeleyo. |
14. | Bayankwantya eZiyon aboni, abaziintshembenxa babanjwe kukuthuthumela; bathi, Ngubani na ke kuthi onokuphambukela emlilweni odlayo? ngubani na ke kuthi onokuphambukela emalangatyeni angunaphakade? |
15. | Ohamba ngobulungisa, othetha okuthe tye, ocekisa inzuzo yokucudisa, ovuthulula isandla sakhe singaphathi sicengo, ovingca iindlebe zakhe zingevi ngegazi, ocima amehlo akhe angakhangeli entweni embi: |
16. | nguye oya kuhlala ezindaweni eziphezulu. Iimboniselo zeengxondorha yingxonde yakhe; isonka sakhe usinikiwe, amanzi akhe ahleli ekho. |
17. | Amehlo akho aya kumkhangela ukumkani ebuhleni bakhe; aya kulibona ilizwe elisingise kude. |
18. | Intliziyo yakho iya kucamanga ngesothuso, ithi, Uphi na umbali? uphi na umlinganiseli? uphi na umbali weenqaba ezinde? |
19. | Abantu abaziingwanyalala akuyi kubabona: abantu abantetho inzulu, ingavakaliyo, abalulwimi luthintithayo lungenakuqondeka. |
20. | Khangela iZiyon, umzi wemithendeleko yethu. Amehlo akho aya kuyibona iYerusalem, isithili esinokonwaba, iyintente engafuduswayo, ezikhonkwane zingancothulwayo naphakade, ezintambo zonke zingaqhawukiyo. |
21. | Ewe, ngenxa yethu ikhona ingangamsha uYehova; yindawo enemilambo, enemijelo ebanzi ngeenxa zombini; akuyi kuhamba sinqanawa sibheqwayo apho, kungaweli khona nqanawa iyingangamsha. |
22. | Kuba umgwebi wethu nguYehova, ummisimthetho wethu nguYehova, ukumkani wethu nguYehova; uya kusisindisa yena. |
23. | Zityeketyeke iintambo zakho, azilubambi useko lwemasti yazo, aziyitwabululi iseyile; kuya kwandula kwabiwe amaxhoba amaninzi athinjiweyo, neziqhwala ziphange okuphangiweyo. |
24. | Akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa; abantu abahleliyo khona babuxolelwe ubugwenxa babo. |
← Isaiah (33/66) → |