← Isaiah (32/66) → |
1. | Yabona, ukumkani uya kulawula ngokobulungisa, abathetheli bathethele ngokwesiko; |
2. | umntu abe njengendawo yokuzimela umoya, neyokusithela esiphangweni; abe njengemijelo yamanzi emqwebedwini, njengomthunzi wengxondorha enkulu ezweni elibharhileyo. |
3. | Akayi kuvingcwa amehlo ababonayo; zibazeke iindlebe zabevayo. |
4. | Yoqonda ukwazi intliziyo yabangxamayo, ulwimi lwabathintithayo lungxamise ukuthetha ngokuthe tyhatyhasini. |
5. | Isidenge akuyi kuba sathiwa silinene, itshivela akuyi kuthiwa lilinono; |
6. | kuba isidenge sithetha ubudenge, intliziyo yaso yenza ubutshinga, ukuze senze ububi; sithetha into yokubhuda ngoYehova, silambathise umphefumlo wolambileyo, simswelise onxaniweyo into eselwayo. |
7. | Ubutshivela betshivela bubi; liceba amayelenqe okonakalisa iintsizana ngamazwi obuxoki, naxa ihlwempu lithetha ngokusesikweni. |
8. | Inene lona liceba izinto zobunene; lona limi ngezinto zobunene. |
9. | Bafazi batyeshileyo, sukani nime; liveni ilizwi lam, zintombi zingakhathaliyo; yibekeleni indlebe intetho yam. |
10. | Iya kuba ziintsuku nokuba ngumnyaka, nigungqe, zintokazi zingakhathaliyo; kuba kuphelile ukuvuna izidiliya; ukubutha iziqhamo akuyi kubakho nakanye. |
11. | Gubhani, zintokazi zityeshileyo; gungqani, zintokazi zingakhathaliyo; hlubani nichushuluze, nibhinqe ezirhwexayo emanqeni. |
12. | Baya kubetha emabeleni ngenxa yamasimi anqwenelekayo, nangenxa yemidiliya eneziqhamo. |
13. | Kuya kuphuma imithi enameva namakhakakhaka emhlabeni wabantu bakowethu; ewe, naphezu kwezindlu zonke zemihlali kumzi odlamkileyo. |
14. | Kuba iingxande ezinde zilahliwe, ingxokolo yomzi ishiyiwe; iOfele nemboniselo ziza kuba yimiqolomba ngonaphakade, zibe ziindawo zokudlamkela kwamaesile asendle, zibe lidlelo lemihlambi; |
15. | ade agalelwe phezu kwethu uMoya ophuma phezulu, isuke intlango ibe yintsimi echumayo, intsimi echumayo kuthiwe lihlathi. |
16. | Entlango ke kuya kuma okusesikweni, buhlale ubulungisa entsimini echumayo. |
17. | Wothi umsebenzi wobulungisa ube luxolo, nokwenza kobulungisa kube kukuzola nokukholosa ngonaphakade; |
18. | abantu bakowethu baya kuhlala esithilini esinoxolo, eminqubeni yenkoloseko, ezindaweni zokuphumla ezinokonwaba. |
19. | Kuya kuphalala izichotho ekuweni kwehlathi, ugungxulelwe umzi endaweni ephantsi. |
20. | Hayi, uyolo lwenu bahlwayela ngasemanzini onke, bayekele amanqina enkomo nawe-esile. |
← Isaiah (32/66) → |