| ← Isaiah (30/66) → |
| 1. | Yeha ke, abantwana abaziinjubaqa, utsho uYehova; abenza iqhinga elingaphumi kum, bathelelane ngothelelwano kungengaMoya wam, ukuze bongeze isono kwisono; |
| 2. | abahamba bahle baye eYiputa, bengabuzanga emlonyeni wam, basabele egwibeni likaFaro, bazimele ngomthunzi weYiputa! |
| 3. | Ngoko ke liya kuthi igwiba likaFaro libe lidano kuni, nokuzimela ngomthunzi weYiputa kube lihlazo. |
| 4. | Ngokuba abathetheli babo baseTsohan, nabathunywa babo bafike eHanes. |
| 5. | Bonke baya kudana ngabantu abangabanyusiyo, abangengabokunceda, nabangengabokunyusa; abangabokudanisa, abangabokuhlazisa kananjalo. |
| 6. | Isihlabo esisingisele kwimvubu yelasezantsi. Ezweni leembandezelo nengcutheko, lengonyamakazi nengonyama, lephimpi, lenyushu enobuhlungu ephaphazelayo, babethwele ubutyebi babo ngemihlana yamankonyana amaesile, nobuncwane babo ngamalunda eenkamela, besiya kubantu abangenakubanyusa. |
| 7. | AmaYiputa ke aya kunceda ngokungekwanto nangokulambathayo; ngako oko ndithe ngawo angabagwagwisayo, behleli phantsi bethe tu. |
| 8. | Yiya ngoku, ukrole oko elucwecweni unabo, ukubhale encwadini, kube yinto yemihla ezayo, yanini, yaphakade. |
| 9. | Ngokuba ngabantu abaneenkani, ngoonyana abaxokayo, ngoonyana abangavumiyo ukusiva isiyalo sikaYehova; |
| 10. | abathi kwiimboni, Ze ningaboni; nakwiinkangeli, Ze ningasikhangeleli izinto ezithe gca; sithetheleni izinto ezigudileyo; khangelani izinto eziyinkohliso; |
| 11. | tyekani endleleni, yithini gu bucala emendweni; menzeni aphele ebusweni bethu oyiNgcwele kaSirayeli. |
| 12. | Ngako oko utsho oyiNgcwele kaSirayeli ukuthi, Ngokokuba nilicekisile elo lizwi, nakholosa ngokucudisa nangobugwenxa, nayama khona: |
| 13. | ngako oko, obo bugwenxa kuni buya kuba njengendawo ekrazukileyo, ewayo, ezimkayo eludongeni olude, ekuqhekeka kwayo kuza ngesiquphe nangephanyazo; |
| 14. | uya kuyiqhekeza njengokuqhekeka komphanda wombumbi, wakuqotywa ungayekwa, kungafumaneki ekuqotyweni kwawo negophe lokuthabatha umlilo eziko, nelokukha amanzi equleni. |
| 15. | Ngokuba itsho iNkosi, uYehova oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Beniya kusindiswa kukubuya nakukuphumla; ebengabakhoyo amandla enu ngokuzola nangokukholosa; nasuka anavuma. |
| 16. | Ke nathi, Hayi, siya kubaleka ngamahashe; niya kubaleka kambe. Nathi, Siya kukhwela kwiimbaleki; ngenxa yoko baya kuba namendu abanisukelayo. |
| 17. | Niya kubaleka niliwaka, ekhalime emnye; bekhalime bebahlanu, nibaleke nide nisale njengomtshanyane encotsheni yentaba, nanjengebhanile endulini. |
| 18. | Ngako oko uYehova uya kukha alinde, ukuze anibabale; ngako oko uya kukha akhwelele phezulu, ukuze abe nemfesane kuni; ngokuba nguThixo wogwebo uYehova; hayi, uyolo lwabo bonke abalindele kuye! |
| 19. | Ngokuba abantu aba baya kuhlala eZiyon, eYerusalem; aniyi kuba sabuya nilile; uya kunibabala ngenene ekuvakaleni kokukhala kwenu; akukuva, uya kusabela. |
| 20. | INkosi iya kuninika isonka sobandezelweyo namanzi oxiniweyo, bangabi sazimela abayali bakho, amehlo akho esababona abayali bakho; |
| 21. | iindlebe zakho zive ilizwi ngasemva kwakho, lisithi, Nantsi indlela; hambani ngayo, nokuba nisinga ekunene, nokuba nisinga ekhohlo. |
| 22. | Nowenza inqambi umaleko wemifanekiso yenu eqingqiweyo yesilivere, nesingxobo semifanekiso yenu etyhidiweyo yegolide; niya kuyichithachitha njengesishuba; uya kuthi kuyo, Khwelela umke apha. |
| 23. | INkosi yoyinika imvula imbewu yakho, owuhlwayela ngayo umhlaba; nesonka songeniselo lomhlaba sityebe, sibe namafutha; imfuyo yakho iya kudla ngaloo mini emadlelweni abanzi. |
| 24. | Iinkomo namaesile amatsha asebenza umhlaba, aya kudla umtywakaniselo onetyuwa, oweliweyo ngomnyazi nefolokhwe yokwela. |
| 25. | Phezu kweentaba zonke ezinde naphezu kweenduli zonke eziphakamileyo yoba yimijelo, yimisinga yamanzi, ngemini yembulalo enkulu, ekuweni kweenqaba ezinde. |
| 26. | Ukukhanya kwenyanga kuya kuba njengokukhanya kwelanga, nokukhanya kwelanga kube kasixhenxe njengokukhanya kweemini ezisixhenxe, ngemini yokubopha kukaYehova ukwaphuka kwabantu bakhe, apholise ukuphalusa kokubetha kwakhe. |
| 27. | Yabona, igama likaYehova liyeza, livela kude, uvutha umsindo wakhe, kuthe shinyi umsi: umlomo wakhe ulephuza amagwebu, ulwimi lwakhe lunjengomlilo otshisayo. |
| 28. | Ukufutha kwakhe kunjengomlambo okhukulayo, obetha emqaleni, ukuze azihluze iintlanga ngentluzo yokuziphanzisa, umkhala olahlekisayo ube semihlathini yezizwe. |
| 29. | Niya kuba nengoma enjengeyobusuku bokungcwaliswa komthendeleko, novuyo lwentliziyo lube njengabahamba bebetha ugwali, ukuya entabeni kaYehova, eliweni likaSirayeli. |
| 30. | Uya kulivakalisa uYehova izwi lakhe elinendili, akubonakalise ukuhla kwengalo yakhe kunokujala ngumsindo, nokulenya komlilo otshisayo, nokuphalazeka kwelifu, nesiphango, namatye esichotho. |
| 31. | Kuba uAsiriya uya kuqhiphuka umbilini lilizwi likaYehova, ekubetheni kwakhe ngentonga. |
| 32. | Kuya kuthi konke ukuhamba koswazi lommiselo, aluhlisayo uYehova phezu kwakhe, kube neengqongqo neehadi, kusiliwa naye imfazwe, kujinga ingalo. |
| 33. | Kuba kukade icangcisiwe, ilungisiwe iTofete, ibe ke ilungiselwe ukumkani; yenziwa yanzulu, yabanzi; igoqo layo linomlilo neenkuni ezininzi; ukuphefumla kukaYehova kuliphemba njengomlambo wesulfure. |
| ← Isaiah (30/66) → |