| ← Isaiah (3/66) → |
| 1. | Ngokuba uyabona, iNkosi, uYehova wemikhosi, isusa eYerusalem nakwaYuda isixhaso nenkxaso, sonke isixhaso sesonka kwanesixhaso samanzi: |
| 2. | igorha nendoda yokulwa, umgwebi nomprofeti, umvumisi nendoda enkulu, |
| 3. | umthetheli wamashumi amahlanu, nobekekileyo, nomphakathi, nesilumko esinobungcibi, nengqondi yokukhwitsa. |
| 4. | Ndobanika abathetheli abangabantwana, nabafekethi babalawule; |
| 5. | bakhandanisane abantu ulowo nalowo, ulowo nalowa. Baya kusunduzana umntwana nendoda enkulu, ubuvuvu nabazukileyo. |
| 6. | Xa umntu aya kuthi abambelele kumzalwana wakhe endlwini kayise, athi, Unengubo wena, masiphathwe nguwe, oku kukhahleleka kube sesandleni sakho: |
| 7. | wophimisela ngaloo mini athi, Andingebi mphilisi, endlwini yam kungekho sonka, kungekho ngubo; aninakundenza umphathi wabantu. |
| 8. | Ngokuba ikhahlelekile iYerusalem, awile amaYuda; ngokuba iilwimi zabo neentlondi zabo zichase uYehova, ukuba bawaphikise amehlo obuqaqawuli bakhe. |
| 9. | Imbonakalo yobuso babo iyangqina ngabo, bayaxixela izono zabo njengeSodom, abakhanyeli. Yeha umphefumlo wabo, ngokuba beziphethe kakubi kwabona! |
| 10. | Yithi kumalungisa, kuya kulunga kuwo; ngokuba isiqhamo sezenzo zawo aya kusidla. |
| 11. | Yeha ongendawo! Kuya kuba kubi kuye; ngokuba ukuphatha kwezandla zakhe kuya kwenziwa kuye. |
| 12. | Abantu bam bakhandaniswa ngabantwana, balawulwa ngabafazi. Bantu bam, abakhokeli benu ngabandwendwisi, bayigqukile indlela yomendo wenu. |
| 13. | Usukile wema uYehova ukuba athethe ityala; umi ukuba agwebe ebantwini. |
| 14. | UYehova uya kungena ematyaleni namadoda amakhulu abantu bakhe, nabathetheli babo; esithi, Ke nina nisigqibile isidiliya; okuphangwe kusizana kusezindlwini zenu. |
| 15. | Ninani na, ukuba nibatyumze nje abantu bam, nibusile ubuso beentsizana? itsho iNkosi, uYehova wemikhosi. |
| 16. | Kananjalo uthi ke uYehova, Ngenxa enokuba zizidla iintombi zaseZiyon, zihamba zolule iintamo, zitshawula ngamehlo, zihamba zicothoza ukuhamba kwazo, zisenza isigampe esisezinyaweni zazo: |
| 17. | ngako oko iNkosi yolujaduka ukakayi lweentombi zaseZiyon, uYehova azihlube ubunkazana bazo. |
| 18. | Ngaloo mini iNkosi yozisusa izihombo zemixokelelwane, nesangqawe, nentsimbi yomqala, |
| 19. | namajikazi, neewatsha, nezigqubuthelo, |
| 20. | neembasa, neenxaxhazo, neenqwemesha, namahlala okujoja, namakhubalo, |
| 21. | nemisesane, namakhonkco empumlo, |
| 22. | nezambatho ezinqabileyo, neengubo zokwaleka ezingaphezulu, neetyali, neengxowa zemali, |
| 23. | nezipili, neeqhiya zelinen entle, neenkontsho, neengubo zokwaleka ezikrelekrele. |
| 24. | Kothi esikhundleni sobulawu ibe kukuvunda, esikhundleni sombhinqo ibe yintambo; esikhundleni seempothe ibe yimpempethe, esikhundleni sengubo engwabungwabu ibe sisikhaka esirhwexayo; ibe ngumtshiso esikhundleni sobunzwakazi. |
| 25. | Amadoda akho aya kuwa likrele, namagorha akho yimfazwe; |
| 26. | ancwine enze isijwili amasango ayo, ithi yona ikhutshululwe, ihlale phantsi emhlabeni. |
| ← Isaiah (3/66) → |