| ← Isaiah (28/66) → |
| 1. | Yaha ke, isithsaba sekratshi samanxila akwaEfrayim, nentyantyambo ebunayo yamakhazikhazi esihombo sakhe, esemantloko omfula ochumayo wababuleweyo yiwayini! |
| 2. | Yabona, iNkosi inento eyomeleleyo, ekhaliphileyo, njengesiphango sesichotho, isaqhwithi esibhubhisayo; njengesiphango esimanzi anamandla akhukulayo, iya kunqumela emhlabeni ngesandla. |
| 3. | Siya kunyashwa ngeenyawo isithsaba sekratshi samanxila akwaEfrayim. |
| 4. | Intyantyambo ebunayo yamakhazikhazi esihombo sakhe, esemantloko omfula ochumayo, yoba njengekhiwane elilikhikhizela, kungekabi sehlotyeni; athi olibonileyo alibone, aliginye esaliphethe ngesandla. |
| 5. | Ngaloo mini uYehova wemikhosi uya kuba sisithsaba esimakhazikhazi, nesangqawe sokuhomba kumasalela abantu bakhe; |
| 6. | abe ngumoya wesiko kwabahleli esihlalweni sokugweba, nobugorha kwababuyisela imfazwe esangweni. |
| 7. | Kwanaba ke bayotywe yiwayini, bayahexa sisiselo esinxilisayo; umbingeleli nomprofeti bayotywe sisiselo esinxilisayo, baginywe yiwayini, bayahexa sisiselo esinxilisayo; bayotyiwe bebona imibono, bayagexa begweba ityala. |
| 8. | Kuba zonke izithebe zizele ngumhlanzo oyintshontsho; akukho ndawo ingenawo. |
| 9. | Bathi, Uya kuyala bani na ukuba azi? aqondise bani na udaba? Abalunyulweyo emasini? abancothulweyo ebeleni? |
| 10. | Kuba umthetho uza phezu komthetho, umthetho phezu komthetho; ummiselo phezu kommiselo, ummiselo phezu kommiselo; intwana apha, intwana phaya. |
| 11. | Inene, uya kuthetha ngentetho ethintithayo nangalulwimi lumbi kwaba bantu; |
| 12. | watshoyo kubo ukuthi, Nantsi indawo yokuphumla, phumzani abatyhafileyo; nantsi indawo yokunyhamnyheka; basuka abavuma ukuva. |
| 13. | Ngoko ke ilizwi likaYehova loba ngumthetho phezu komthetho kubo, umthetho phezu komthetho; ngummiselo phezu kommiselo, ummiselo phezu kommiselo; intwana apha, intwana phaya: ukuze baye bakhubeke, bawe ngomva, baphuke, barhintyelwe, babanjiswe. |
| 14. | Ngako oko liveni ilizwi likaYehova, madoda agxekayo, balawuli baba bantu baseYerusalem. |
| 15. | Ngokuba nisithi, Sinqophisene nokufa, sivumelene nelabafileyo; isibetho esingumkhukula, xa singenelayo, asiyi kufika kuthi, kuba amanga siwenze ihlathi lethu, sasithela ngobuxoki. |
| 16. | Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndiseke eZiyon ilitye, ilitye locikido, ilitye elinqabileyo lembombo, loseko olusekiweyo. Okholiweyo akayi kungxama. |
| 17. | Isiko ndolenza intambo yokulinganisa, ubulungisa ndibenze ilothe yokulungelelanisa; isichotho siya kumka nalo ihlathi lamanga, amanzi ayikhukulise indawo yokusithela. |
| 18. | Kuya kucinywa ukunqophisana kwenu nokufa, kungemi ukuvumelana kwenu nelabafileyo; isibetho esingumkhukula, xa singenelayo, sonenza nibe yinto egqushiweyo. |
| 19. | Oku kungenela singenelayo, siya kunisusa; ngokuba imiso ngemiso siya kuningenela, imini nobusuku; kuthi ukuqonda udaba kube kukuhlasimla kodwa. |
| 20. | Inene, umandlalo mfutshane, akukho kunaba; nesigubungelo sincinane, ukuba azisongele kuso. |
| 21. | Ngokuba uya kusukĀ eme uYehova, njengasentabeni yePeratsim; uya kuguguma, njengasentilini yeGibheyon; ukuba enze isenzo sakhe, isenzo sakhe esisodwa, ukuba asebenze umsebenzi wakhe, umsebenzi wakhe ongaqhelekileyo. |
| 22. | Kaloku ke musani ukugxeka, hleze kuqiniselwe ukubotshelelwa kwenu; ngokokuba isiphelo esiya kulifikela ilizwe lonke sisesimisiweyo ke sagqitywa; ndisivile eNkosini, uYehova wemikhosi. |
| 23. | Libekeleni indlebe nilive ilizwi lam; yibazeleni indlebe niyive intetho yam. |
| 24. | Umlimi ulima iimini ezi zonke na, ukuba ahlwayele? anqike aqwakanise umhlaba wakhe na? |
| 25. | Akathi na, akuba ebulungelelanisile ubuso bawo, asasaze idile, agcwayele ikumin, akrozise ingqolowa, nerhasi endaweni ephawuliweyo, nespelete ngasemdeni wayo? |
| 26. | Umqeqeshile ngokwesiko uThixo wakhe, wamyala. |
| 27. | Kuba idile ayisizilwa ngempahla yokusizila, ayiqengqelwa ngevili yenqwelo ikumin; itsinwa ngoswazi idile, nekumin ngentonga. |
| 28. | Ingqolowa ikhe ityunyuzwe na? Hayi, akahlali eyisizila, agoqozise ivili yenqwelo yakhe namahashe akhe phezu kwayo; akayityumzi. |
| 29. | Nale nto iphuma kuYehova wemikhosi; omacebo angummangaliso, obulumko butshatsheleyo. |
| ← Isaiah (28/66) → |