| ← Isaiah (27/66) → |
| 1. | Ngaloo mini uYehova uya kuyivelela ngekrele lakhe, elo lilukhuni, elo likhulu, elo lomeleleyo, ileviyatan inyoka ebalekayo, neleviyatan inyoka ephinyaphinyelayo; ayibulale ingwenya eselwandle. |
| 2. | Ngaloo mini kuya kuthiwa, Isidiliya esinqwenelekayo, hlabelani ngaso. |
| 3. | Mna Yehova ndingumlondolozi waso; ndiya kusinyela ngamaxesha onke, ndiya kusilondoloza ubusuku nemini, hleze sivelelwe yinto. |
| 4. | Ubushushu abukho kum; akwaba bekukho ubobo namakhakakhaka phambi kwam! Bendiya kugaleleka kuwo ngokulwa, bendiya kuwatshisa kanye. |
| 5. | Okanye mababambelele egwibeni lam, baxolelane nam, ewe, baxolelane nam. |
| 6. | Ngezayo imihla uYakobi uya kwendelisela iingcambu, atyatyambe adubule uSirayeli, balizalise lonke elimiweyo ngeziqhamo. |
| 7. | Umbethe ngokubetha kwababethi bakhe na? Mhlawumbi ubulewe ngokubulawa kwababulewe nguye na? |
| 8. | Ekumaleni wabambana naye, walinganisela, wakha uluhlu, wamgxotha ngomoya wakhe owomeleleyo ngemini yomoya wasempumalanga. |
| 9. | Ngako oko ubugwenxa bukaYakobi buya kucanyagushelwa ngale nto; isiqhamo sonke sokususa isono sakhe soba sesi sokuthi, awenze onke amatye esibingelelo abe njengamatye ekalika ankumenkume, bangavuki ooAshera nezithixo zelanga. |
| 10. | Ngokuba umzi onqatyisiweyo uwodwa, usisithili esilahliweyo, esishiyiweyo njengentlango. Aya kudla khona amathole, abuthe khona, awadle awagqibe khona amahlamvu aso. |
| 11. | Othi akoma amasebe aso, aphulwe; beze abafazi, bawabase; kuba asibantu banangqondo aba; ngako oko umenzi wabo akayi kuba namfesane kubo, umbumbi wabo akayi kubababala. |
| 12. | Kuya kuthi ngaloo mini, abhulise uYehova, athabathele emsingeni woMlambo, ase esihlanjeni saseYiputa, nihlanganiselwe omnye komnye, nina nyana bakaSirayeli. |
| 13. | Kuya kuthi ngaloo mini, kuvuthelwe isigodlo esikhulu, beze ababelahlekele ezweni laseAsiriya, nababegxothelwe ezweni lamaYiputa, baqubude kuYehova entabeni engcwele eseYerusalem. |
| ← Isaiah (27/66) → |