← Isaiah (26/66) → |
1. | Ngaloo mini kuya kuvunywa le ngoma ezweni lakwaYuda, ithi, Yinqaba umzi wethu thina; umisa iidonga nongqameko zibe lusindiso. |
2. | Vulani amasango, lungene uhlanga olunobulungisa, olugcine ukuthembeka. |
3. | Intliziyo ezimasekileyo uyayilondoloza, ixole ixolile; ngokuba ikholose ngawe. |
4. | Kholosani ngoYehova ngonaphakade; kuba uYa, uYehova, uliliwa elingunaphakade. |
5. | Ngokuba uthulele phantsi abahleli phezulu; umzi oyingxonde uwugungxule wawugungxulela emhlabeni, wawufikisa eluthulini. |
6. | Ziyawunyasha iinyawo, iinyawo zeentsizana, amanyathelo ezisweli. |
7. | Umendo wamalungisa ulungelelene; wena uyawulinganisela umkhondo wamalungisa, ulungelelane. |
8. | Kakade, Yehova, sibe sikulindile, ukuba uze emendweni wemigwebo yakho; umnqweno womphefumlo wethu wasinga egameni lakho, nasekukukhumbuleni. |
9. | Nangomphefumlo wam ndakunqwenela ebusuku; inene, ngomoya wam phakathi kwam ndakufuna kwakusasa; ngokuba xenikweni imigwebo yakho ibhekiswe ehlabathini, baya kufunda ubulungisa abemi belimiweyo. |
10. | Nokuba uthe wababalwa ongendawo, akafundi bulungisa; nasezweni labathe gca uyagqwetha; akabuboni ubungangamsha bukaYehova. |
11. | Yehova, sibe siphakamile isandla sakho, ababona; ke baya kulibona ikhwele lakho ngenxa yabantu, badane; ewe, umlilo mawubadle ababandezeli bakho. |
12. | Yehova, uya kusimisela uxolo; ngokuba nezenzo zethu zonke usisebenzele. |
13. | Yehova Thixo wethu, iinkosi ezingenguwe bezinobukhosi phezu kwethu; kodwa sikhankanya igama lakho ngawe wedwa. |
14. | Abafileyo abo abasayi kuba saphila; abangasekhoyo abo abasayi kuba savuka; ngoko ke ubavelele wabatshabalalisa, wakwenza kwadaka konke ukukhunjulwa kwabo. |
15. | Ulwandisile uhlanga, Yehova, ulwandisile uhlanga; uzizukisile; uzikhwelelisele kude iziphelo zelizwe. |
16. | Yehova, embandezelweni baquqela kuwe, bathulula umthandazo ngelizwi eliphantsi ekubathethiseni kwakho. |
17. | Njengomithiyo eza kuzala, ezibhijabhija, ekhaliswa yinimba, saba njalo phambi kwakho, Yehova. |
18. | Sibe simithi, sibe sizibhijabhija, sanga sizele umoya. Asilenzelanga sindiso ilizwe, abaphumanga abemi belimiweyo. |
19. | Abafileyo bakho baya kuphila; izidumbu zakowethu ziya kuvuka. Vukani, nimemelele, nina bahleli eluthulini; kuba ngumbethe wezikhanyiso umbethe wakho, nehlabathi liya kubakhupha abangasekhoyo. |
20. | Hambani, bantu bam, ningene ezingontsini zenu, nivale iingcango zenu ngasemva kwenu, nizimele umzuzwana, kude kudlule ukubhavuma. |
21. | Kuba, yabona, uYehova uphuma endaweni yakhe, ukuze abuvelele kubo ubugwenxa babemi behlabathi; ihlabathi lowatyhila amagazi alo, lingabi sabaselela ababuleweyo balo. |
← Isaiah (26/66) → |