| ← Isaiah (24/66) → |
| 1. | Yabona uYehova ulithi qongqololo ihlabathi, ulenza amagqagala, uyabuphethula ubuso balo, uyabachithachitha abemi balo; |
| 2. | kube mfani-nye abantu nababingeleli, kube mfani-nye ikhoboka nenkosi yalo, kube mfani-nye ikhobokazana nenkosikazi yalo, kube mfani-nye othengayo nothengisayo, kube mfani-nye obolekayo nobolekwayo, |
| 3. | kube mfani-nye umnikimali nomamkelimali. Ihlabathi lithiwe qongqololo ngakunye, liphangwe liphangiwe; kuba uYehova elithethile elo lizwi. |
| 4. | Ihlabathi lenza isijwili, libunile; lintshwenyile, libunile elimiweyo; bathe matshamatsha abaphakamileyo ebantwini behlabathi. |
| 5. | Ihlabathi lihlanjelwe ngaphantsi kwabemi balo; ngokokuba beyigqithile imiyalelo, badlula emimiselweni, bawaphula umnqophiso ongunaphakade. |
| 6. | Ngenxa yoko lidliwe ihlabathi kukuqalekiswa, bathwele ityala abemiyo kulo; ngenxa yoko baphanzile abemi behlabathi, kwasala abantu abambalwa. |
| 7. | Iwayini entsha yenza isijwili, untshwenyile umdiliya, bayancwina bonke abantliziyo inemivuyo. |
| 8. | Iphelile imihlali yengqongqo; iyekile ingxokozelo yabadlamkileyo; iphelile imihlali yohadi. |
| 9. | Abayi kusela wayini benengoma; sikrakra isiselo esinxilisayo kwabasiselayo. |
| 10. | Uqhekekile umzi osenyanyeni, zivalekile zonke izindlu ukuba zingangenwa mntu. |
| 11. | Bakhala ngewayini phandle; itshonile yonke imivuyo; iphele kwathi tu imihlali yehlabathi. |
| 12. | Umzi usele walinxuwa, laqotywa isango layimvithi. |
| 13. | Kuba kuya kuba nje esazulwini sehlabathi lonke phakathi kwezizwe, kube njengasekuvuthululweni komnquma, njengasekubhikiceni ukuphela kokuvuna iidiliya. |
| 14. | Bona aba baya kuphakamisa ilizwi, bamemelele; baya kutsholoza ngobungangamsha bukaYehova, beselwandle, bathi, |
| 15. | Ngenxa yoko, zukisani uYehova emimandleni yokukhanya: igama likaYehova, uThixo kaSirayeli, eziqithini zolwandle. |
| 16. | Esondweni lehlabathi siva iingoma ezithi, Udumo malube kwilungisa. Ndaza ndathi, Hayi, ukungcungcutheka kwam! ukungcungcutheka kwam! Athi ke mna! Amanginingini ayanginiza, amanginingini ayanginiza ngonginizo lwawo. |
| 17. | Ufikelwe lunkwantyo nomgongxo nesibatha, wena mmi wehlabathi. |
| 18. | Kuya kuthi, othe walibaleka ilizwi elinkwantyisayo, eyele emgongxweni; othe wenyuka waphuma emgongxweni, abanjiswe sisibatha; ngokuba iingcango zaphezulu zivulekile, zanyikima iziseko zehlabathi. |
| 19. | Liyavikiveka livikiveke ihlabathi; liyacandeka licandeke ihlabathi; liyashukuma lishukume ihlabathi; liyatalasa ihlabathi njengenxila; |
| 20. | liyajinga njengomandlalo oxhonyiweyo; ukreqo lwalo lunzima phezu kwalo; liyawa, lingabuyi livuke. |
| 21. | Kuya kuthi ngaloo mini, awuvulele uYehova umkhosi wabaphezulu, nokumkani behlabathi ehlabathini; |
| 22. | bahlanganiswe behlanganiswa njengamakhonkxwa emhadini, bavalelwe entolongweni, bavelelwe kwakuba yimihla emininzi. |
| 23. | Iya kuba neentloni inyanga, lidane ilanga, xa uYehova wemikhosi angukumkani entabeni yeZiyon, naseYerusalem, naphambi kwamadoda akhe amakhulu, ngobuqaqawuli. |
| ← Isaiah (24/66) → |